Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IMBONISELO No. 2 2018 | Likuphathele Ntoni Ikamva?

LIKUPHATHELE NTONI IKAMVA?

Sele ukhe wayicinga na into yokuba liza kuba njani ikamva lakho nelentsapho yakho? IBhayibhile ithi:

“Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.”​—INdumiso 37:29.

Le Mboniselo iza kukunceda ukuba uyiqonde injongo uThixo awayenayo ngomhlaba nangabantu, nento omele uyenze ukuze uxhamle nawe.

 

Abantu Baqikelela Ikamva

Kangangamawaka eminyaka abantu bebefunisela ngento eza kwenzeka kwixesha elizayo—abanye bebeyichana, abanye bayiphose.

Abavumisi—Ngaba Basikrobisa Kwixesha Elizayo?

Ngaba ungazithemba ezi ndlela zokuqikelela izinto eziza kwenzeka?

Iziprofeto Eziye Zenzeka

Iziprofeto zeBhayibhile zenzeke kanye ngandlela ebezichazwe ngayo.

Ubungqina Bokuba Isiprofeto Sasinyanisile

Isakhiwo sakudala saseRoma singqina ukuchana kwesiprofeto seBhayibhile.

Izithembiso Eziza Kwenzeka

Iziprofeto ezininzi zeBhayibhile ziye zenzeka, ezinye ziseza kwenzeka.

Ungakwazi Ukuphila Ungafi Apha Emhlabeni

IBhayibhile ichaza injongo uMdali anayo ngabantu.

Ikamva Lakho, Lisezandleni Zakho!

Abanye bacinga ukuba ubomi babo bugqitywe kwangaphambili. Ngaba yinyani leyo?

“Abalulamileyo Baya Kuwudla Ilifa Umhlaba”

IBhayibhile ithembisa ukuba kuza ixesha apho abantu bengayi kuphathwa kakubi, nobungendawo bungabikho.