IMBONISELO—EFUNDWAYO Februwari 2020

Le Mboniselo inamanqaku aza kufundwa kwiveki eqala ngoAprili 6–Meyi 3, 2020.

UYehova NguTata Wethu Osithanda Nyhani

Siqinisekile ukuba uTata wethu osezulwini uyasithanda, usikhathalele ibe akasoze asilahle.

Simthanda Nyhani UTata Wethu UYehova

Funda ngezinto esinokuzenza ukuze sibonise ukuba siyamthanda uTata wethu osithandayo, uYehova.

Yenza Kubekho Uxolo Ngokungabi Nomona

Ngamanye amaxesha sisenokuba nomona. Funda ngeendlela onokuyeka ngazo ukuba nomona uze wenze kubekho uxolo.

UYehova Angakuthuthuzela

UHana, umpostile uPawulos noKumkani uDavide bakha banexhala. Yintoni esinokuyifunda kwindlela uYehova awabathuthuzela ngayo?

IBALI LOBOMI

Ukufunda Kwabanye Abantu Kwandinceda Ndasikelelwa

ULéonce Crépeault ubalisa ngendlela abantu abamnceda ngayo ukuze ayeke ukoyika aze asikelelwe kule minyaka iyi-58 ekwinkonzo yexesha elizeleyo.

Ngaba Ubusazi?

Izinto zakudala ezembiweyo zibonisa njani ukuba wayekho nyhani uBheleshatsare waseBhabhiloni?