Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IMBONISELO No. 1 2021 | Kunceda Ngantoni Ukuthandaza?

Wawukhe wathandaza kuThixo, waza emva kwexesha wabona ingathi akawuphendulanga umthandazo wakho? Le nto ikhe yenzeka kubantu abaninzi. Baye bathandaze kuThixo becela uncedo, kodwa iingxaki zabo azipheli. Le Mboniselo iza kuthetha ngokuba kutheni sinokuqiniseka ukuba uThixo uyayiva imithandazo yethu. Ichaza ukuba kutheni eminye imithandazo ingaphendulwa, ize ithethe nangendlela esifanele sithandaze ngayo ukuze imithandazo yethu iphendulwe.

 

Izinto Abantu Abazithethayo Ngokuthandaza

Ngaba umthandazo sisipho esikhethekileyo esivela kuThixo okanye yinto nje engancediyo?

Ngaba UThixo Uyayiva Imithandazo Yethu?

IBhayibhile iyasiqinisekisa ukuba uThixo uyasimamela xa sithandaza kuye ngendlela efanelekileyo

Kutheni UThixo Engayiphenduli Yonke Imithandazo?

IBhayibhile isichazela ukuba uThixo uphendula imithandazo enjani naleyo angayiphenduliyo.

Ungathandaza Njani Ukuze Uviwe NguThixo?

Singathetha noThixo kungakhathaliseki ukuba siphi, nini nokuba sithethela ngaphakathi okanye ngaphandle. Kangangokuba noYesu usinceda sizazi izinto esinokuzithandazela.

Kunokukunceda Njani Ukuthandaza?

Ukuthandaza kuza kukunceda njani umelane neengxaki?

Ngaba UThixo Uyayiva Imithandazo Yakho?

IBhayibhile ithi xa uthandaza kuThixo, uyakuva ibe ufuna ukukunceda.