Zimisele Ukufunda Nokufundisa

Le ncwadi yenzelwe ukuba ikuncede ukwazi ukufunda nokufundisa kakuhle.

Ileta Evela KwiQumrhu Elilawulayo

Sixelela abantu oyena myalezo wakha wabaluleka.

ISIFUNDO 1

Intshayelelo Mayibangele Umdla

Intshayelelo ebangela umdla yenziwa zizinto ezintathu.

ISIFUNDO 2

Ncokola

Ukuncokola kukuthetha ngendlela oqhele ukuthetha ngayo nokubenza bakhululeke abantu abakumameleyo baze bayive into oyithethayo.

ISIFUNDO 3

Buza Imibuzo

Buza imibuzo eza kwenza abantu babe nomdla, ukuze ubenze bacinge, baze bayibambe into oyifundisayo.

ISIFUNDO 4

Zitshayelele kakuhle iZibhalo

Jonga indlela yokwenza abantu bafune ukusimamela isibhalo oza kusifunda.

ISIFUNDO 5

Funda Kakuhle

Ukufunda kakuhle yenye yezona zinto zibalulekileyo xa sifundisa ngoYehova.

ISIFUNDO 6

Sicacise Ukuba Singena Njani Isibhalo

Bancede abantu abakumameleyo babone ukuba esi sibhalo usifundayo sidibana njani nale nto uyithethayo.

ISIFUNDO 7

Fundisa Into Eyinyani

Ukufundisa izinto eziyinyani kuza kuba nceda abantu abakumameleyo.

ISIFUNDO 8

Fundisa Ngemizekelo

Yenza imizekelo elula nefundisayo ukuze ubenze babe nomdla abantu abakumameleyo.

ISIFUNDO 9

Sebenzisa Imifanekiso Neevidiyo Kakuhle

Sebenzisa imifanekiso neevidiyo ukuze bayikhumbule into obafundisa yona.

ISIFUNDO 10

Tshintsha Ilizwi

Tshintsha ilizwi ukuze abantu abakumameleyo babe nomdla.

ISIFUNDO 11

Yiba Nehlombe

Xa uthetha uzimisele, abantu baye babe nomdla kule nto uyithethayo baze bafune ukuyenza.

ISIFUNDO 12

Yiba Nobubele Novelwano

Xa unovelwano abantu baye babone ukuba ubakhathalele.

ISIFUNDO 13

Zicacise Kakuhle Izinto Ozifundisayo

Nceda abantu abakumameleyo babone ukuba ingabanceda njani loo nto ubafundisa yona, uze ubabonise indlela yokuyenza.

ISIFUNDO 14

Mazicace Ezona Mfundiso Zibalulekileyo Zentetho Yakho

Nceda abantu abakumameleyo bahambisane nawe xa unikela intetho, uze wenze kucace ukuba imfundiso nganye ephambili kwintetho yakho idibana njani nesizathu sentetho kunye nomxholo.

ISIFUNDO 15

Makucace Ukuba Uyayikholelwa Le Nto Uyithethayo

Mayicace into oyithethayo. Makucace ukuba uyayikholelwa le nto uyifundisayo ibe ibalulekile.

ISIFUNDO 16

Khuthaza, Ungagxeki

Khuthaza, Ungagxeki. Babonise iinyaniso ezikwiLizwi LikaThixo.

ISIFUNDO 17

Qiniseka Ukuba Abantu Bayayiqonda Into Oyifundisayo

Qiniseka ukuba abantu bayayiqonda into oyifundisayo. Nceda abantu abakumameleyo bayive into oyifundisayo. Iimfundiso eziphambili zicacise kakuhle.

ISIFUNDO 18

Bashiye Benento Abayifundileyo Abantu

Yenza abantu abakumameleyo bafune ukuyenza le nto uyithethayo. Beshiye benento abayifundileyo.

ISIFUNDO 19

Fikelela Intliziyo

Bancede ukuba bamthande nyhani uYehova, abantu neemfundiso zeBhayibhile.

ISIFUNDO 20

Amazwi Okugqibela Mawabangele Umdla

Xa amazwi okugqibela ebangela umdla abantu abakumameleyo baza kuyamkela baze bayenze le nto ubafundisa yona.

Khawuzihlole

Khawuzihlole njengoku uphucula indlela ofunda nofundisa ngayo.

Mhlawumbi Ungayithanda Nale

IIVIDIYO

Zimisele Ukufunda Nokufundisa​—Iividiyo

Yiba nobuchule bokufunda nokufundisa phambi kwabantu.