Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova ka-2014

Funda ngamava elizwe laseSierra Leone neGuinea uze unandiphe amava akhuthazayo amanye amazwe.

Umxholo Wonyaka Ka-2014

Umxholo wethu wonyaka ka-2014 uthi, “Mabufike UBukumkani Bakho.”—Mateyu 6:10

Ileta Evela KwiQumrhu Elilawulayo

Uya kukhuthazwa yileta evela kwiQumrhu Elilawulayo.

Intlangano Etyhalela Phambili

Luyabonakala ukhokelo lukaYehova ekufuduseni ikomkhulu lehlabathi limke eNew York City.

I-JW.ORG—“Bubungqina Kuzo Zonke Iintlanga”

Iwebhsayithi yethu inceda ekubeni iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo zifikelele kuzo “zonke iintlanga.”

Bayayithanda I-Watchtower ONLINE LIBRARY

Abantu abasebenzisa esi sixhobo sokuphanda babhala iileta bebulela.

Iividiyo Zoopopayi Zichukumisa Iintliziyo Ezinyanisekileyo

Funda ngendlela ezi vidiyo eziluncedo ngayo ebantwaneni nakwiintsapho emhlabeni wonke.

Umboniso Obangel’ Umdla

Funda amagqabantshintshi ngalo mboniso mtsha unembali yamaNgqina kaYehova kunye noludwe lwamaxesha olubonisa ukungakhethi cala kwamaKristu.

Ingxelo Ngezomthetho

Ezi ziingxelo zomthetho zamaNgqina kaYehova zamazwe ayi-12 ezibonisa ukuba asalwela inkululeko yonqulo.

Amagqabantshintshi—Iindaba Ezivela Ehlabathini Lonke

AmaNgqina kaYehova asebenza nzima ukuze akhe aze aye kwiindawo zokunqula ezenziwe kakuhle.

Ukunikezelwa Kwamasebe

Funda amagqabantshintshi ngezi zihlandlo zimnandi zamazwe ngamazwe.

Amazwe AseAfrika

Kumazwe aseAfrika, abantu bamkela inyaniso eseBhayibhileni ibe iyabutshintsha ubomi babo. Funda ngomntu owayelikhoboka lotywala necuba nowayetshaya amacuba ayi-60 ngosuku.

Amazwe AseMerika

La mava alandelayo abonisa indlela amaNgqina awanceda ngayo abamelwane bawo, nendlela ashumayela ngayo iinyaniso zeBhayibhile phezu kwayo nje inkcaso

Amazwe AseAsia NakuMbindi Mpuma

Ukukhuthalela ukushumayela kunomvuzo. Funda ngomzamo owenziwa ngomnye umzalwana owafundela indoda eyayingaboni, ingeva ingakwazi nokuthetha, ukuze yazi ukuba uThixo uyikhathalele.

Amazwe AseYurophu

Ukungawathandi amaNgqina kunokubangelwa kukungabi nenkcazelo echanileyo ngawo. Funda ngendlela inkqubo kanomathotholo eyanceda ngayo ekupheliseni intiyo nxamnye namaNgqina kaYehova.

Amazwe AseOceania

Ukubhala iileta yenye indlela yokusasaza inyaniso yeBhayibhile eChristchurch, eNew Zealand. Kutheni abanye bezibiza ezi leta ngokuba ‘Ziileta Ezisuka KuThixo?’

Amagqabantshintshi ESierra Leone NeGuinea

Funda okungakumbi ngala mazwe, abantu bakhona, unqulo nolwimi.

1915-1947 Iintsuku Zokuqala (Inxalenye 1)

Ngo-1915, umkhonzi kaYehova wokuqala obhaptiziweyo wagaleleka eFreetown. Baninzi ababenomdla eBhayibhileni.

1915-1947 Ngeentsuku Zakuqala (Inxalenye 2)

Abefundisi babezimisele ukubaval’ umlomo abantu bakaThixo, kodwa uYehova waqiniseka ukuba isikhuni sibuya nomkhwezeli.

1915-1947 Ngeentsuku Zakuqala (Inxalenye 3)

Ibandla laseFreetown ‘lalixineke lilizwi.’

“Uza Kufa Kungekapheli Nonyaka”

UZachaeus Martyn wayehamba iikhilomitha ezisibhozo kabini ngeveki, anyuke aze ehle intaba esiya kwiintlanganiso zamaKristu. Yintoni eyamenza waqonda ukuba uyifumene inyaniso yeBhayibhile?

Babembiza Ngokuba Ngu-“Bible” Brown

UWilliam R. Brown washumayela kwiiCaribbean Islands nakwiNtshona Afrika. Funda isizathu sokuba athi wayenelona lungelo linokufunyanwa ngumntu.

1948-1990 ‘Bakhokelela Abaninzi Ebulungiseni’—Dan.12:3. (Inxalenye 1)

Umsebenzi wokushumayela wawuza kwanda kakhulu. Abathunywa bevangeli bathunyelwa ukuze bancedise kolu lwando.

Babefuna Ukuyibona

Ngo-1956, ividiyo ethi The New World Society in Action yadlalwa eFreetown, eSierra Leone. Ngaba abantu babeza kuza bayibukele?

1948-1990 ‘Bakhokelele Abaninzi Ebulungiseni’—Dan.12:3. (Inxalenye 2)

AmaNgqina kaYehova eSierra Leone naseGuinea adume ngokuwuhlonela umtshato.

1948-1990 ‘Bakhokelele Abaninzi Ebulungiseni’—Dan.12:3. (Inxalenye 3)

Kwakutheni ukuze abezopolitiko bombutho wamaPoro bafake isicelo ePalamente sokuba uyekiswe umsebenzi wamaNgqina kaYehova?

Imibutho Efihlakeleyo

Imibutho efihlakeleyo inaliphi ifuthe kumadoda namabhinqa aseNtshona Afrika?

1948-1990 ‘Bakhokelele Abaninzi Ebulungiseni’—Dan.12:3. (Inxalenye 4)

Amabandla aqhuba iiklasi zokulesa nokubhala ukuze zincede abantu benze inkqubela ebandleni. Njengoko abantu abaninzi babefunda ukulesa nokubhala, kwabakho imfuneko yokuguqulelwa koncwadi.

Bancedwa Ziibheji ZeNdibano

Iindwendwe ezingenazo iincwadi zokundwendwela zangena njani eGuinea ukuze ziye kwindibano?

UYehova Wandiphakamisa

UJay Campbell, ixhoba lesifo sepoliyo, wayefuna ukuya kwisifundo seBhayibhile sebandla. Wathi uza kusimelela ngamaplanga. Ngaba waphumelela?

1991-2001 ‘Iziko Lenkxwaleko’—Isa.48:10 (Inxalenye 1)

Phezu kwayo nje imfazwe, amaNgqina nabanye abantu ancedwa ngentuthuzelo yeZibhalo. Yintoni eyawanceda aba nesibindi ?

1991-2001 ‘Iziko Lenkxwaleko.’—Isa.48:10 (Inxalenye 2)

Ebudeni bemfazwe, amaNgqina “aqhubeka ngaphandle kokuyekelela efundisa kwaye evakalisa iindaba ezilungileyo.”

Wayelijoni Ngoku Nguvulindlela Othe Ngxi

Ijoni lakhumbula indlela elamkelwa ngayo ngobubele xa laliye kwintlanganiso zamaNgqina kaYehova. Yintoni eyalenza lafuna ukutshintsha?

Sasinda Kumajoni Angabavukeli-mbuso

Ngexesha ekwakusenzeka ngalo isiphithi-phithi ePendembu, kwakutheni ukuze asinde amaNgqina kaYehova xa kwaqhambuka imfazwe ngo-1991?

La Mfo WeeMboniselo

Omnye wamaNgqina kaYehova wayethutha iimpahla ebudeni bemfazwe. Wayewenza njani lo msebenzi ukuqala eFreetown aye eConakry,eGuinea?

Ndafumana Into Ebhetele Kuneedayimani

UTamba Josiah wayesebenza kwimigodi yedayimani ngaphambi kokuba liNgqina likaYehova. Kutheni esithi ufumene eyona nto ibhetele ngoku?

2002-2014 Ukuza Kuthi Ga Ngoku (Inxalenye 1)

Emva kwemfazwe, kwasekwa amabandla amatsha, kwakhiwa iiHolo zoBukumkani ibe kwathunyelwa oovulindlela abakhethekileyo kwiindawo ezazinamaNgqina ambalwa.

2002-2014 Ukuza Kuthi Ga Ngoku (Inxalenye 2)

AmaNgqina kaYehova ala mazwe mabini aqinisekile ngelokuba kusekho abanye abanomdla wokuva iindaba ezilungileyo zoBukumkani.

Sasizimisele Ukukhonza UYehova

UPhillip Tengbeh nenkosikazi yakhe babaleka amajoni angabavukeli-mbuso njengoko ayesonakalisa idolophu yabo iKoindu. Banceda ekwakheni iiHolo zoBukumkani ezintlanu nakubeni babekwiinkampu zeembacu.

Ndayithanda ISierra Leone

UCindy McIntire waqala ngonyaka ka-1992 ukuba ngumthunywa wevangeli eAfrika. Usibalisela isizathu sokuba akuvuyele ukushumayela eSierra Leone.

Kwiminyaka Elikhulu Eyadlulayo—1914

1914, wade wafika lo nyaka Abafundi BeBhayibhile babekade bethetha ngawo.