Sondela KuYehova
UThixo uyakumema ukuba usondele kuye. Le ncwadi iza kukunceda wenze kanye loo nto.
Intshayelelo
Ungakwazi ukwakha ubuhlobo obungasoze buqhawuke noYehova uThixo.
ISAHLUKO 1
“Jongani! Lo NguThixo Wethu”
Kwakutheni ukuze uMoses abuze igama likaThixo xa wayesele elazi?
ISAHLUKO 2
Ngaba Unako Ngokwenene ‘Ukusondela KuThixo’?
UYehova uThixo, uMdali wezulu nomhlaba, uyasimema futhi uyasithembisa.
ICANDELO 1
‘Amandla Amangalisayo’
ISAHLUKO 4
“UYehova . . . Unamandla Kakhulu”
Ngaba amandla kaThixo afanele asoyikise? Noba uthi ewe noba uthi hayi uchanile.
ISAHLUKO 5
Amandla Okudala—“Umenzi Wezulu Nomhlaba”
Ukususela kwilanga elikhulu ukuya kwingcungcu encinane, indalo kaThixo inokusifundisa into ebalulekileyo ngaye.
ISAHLUKO 6
Amandla Atshabalalisayo—“UYehova Likroti Elinamandla”
Kwenzeka njani ukuba “uThixo woxolo” abe neemfazwe zakhe azilwayo?
ISAHLUKO 7
Amandla Akhuselayo—‘UThixo Uyindawo Yethu Yokubalekela’
Zimbini iindlela abakhusela ngazo abakhonzi bakhe uThixo, kodwa enye yazo ibaluleke kakhulu.
ISAHLUKO 8
Amandla Okubuyisela—UYehova ‘Wenza Zonke Izinto Zibe Ntsha’
UYehova sele eyibuyisele indlela eyiyo yokumkhonza. Yintoni aza kuyibuyisela kwixesha elizayo?
ISAHLUKO 9
“Amandla KaThixo Abonakala . . . KuKristu”
Imimangaliso neemfundiso zikaYesu Kristu zibonisa ntoni ngoYehova?
ISAHLUKO 10
“Linganisani UThixo” Ekusebenziseni Kwenu Igunya
Kusenokwenzeka ukuba unamandla amaninzi kunokuba ucinga. Ungawasebenzisa kakuhle njani?
ICANDELO 2
“UYehova Uthanda Ubulungisa”
ISAHLUKO 11
“Zonke Iindlela Zakhe Zezobulungisa”
Kutheni ubulungisa bukaYehova iluphawu oluthandekayo?
ISAHLUKO 12
“Ngaba UThixo Akanabulungisa?”
Ukuba uYehova uyakwenyanya ukungabikho kobulungisa, kutheni kugcwele ke emhlabeni?
ISAHLUKO 14
UYehova Ulungiselele “Intlawulelo Ngenxa Yabaninzi”
Imfundiso elula kodwa ebaluleke kakhulu ingakunceda usondele kuThixo.
ISAHLUKO 15
UYesu ‘Umisela Ubulungisa Emhlabeni’
UYesu wenza njani kwabakho ubulungisa ngaphambili? Wenza njani ngoku? Uza kubumisela njani ubulungisa kwixesha elizayo?
ISAHLUKO 16
Yenza “Ngobulungisa” Ekuhambeni NoThixo
Ubulungisa bubandakanya indlela esikubona ngayo okulungileyo nokubi nendlela esibaphatha ngayo abanye.
ICANDELO 3
“Unobulumko”
ISAHLUKO 17
‘Ubulumko BukaThixo Obungenakulinganiswa Nanto!’
Kutheni ubulumko bukaThixo bubukhulu nangaphezu kolwazi, ukuqonda nengqiqo yakhe?
ISAHLUKO 18
Ubulumko ‘Elizwini LikaThixo’
Kwakutheni ukuze uThixo asebenzise abantu ukuze abhale iingcinga zakhe encwadini, futhi kutheni kukho izinto ezifakiweyo okanye ezikhutshiweyo kuyo?
ISAHLUKO 19
‘Ubulumko BukaThixo Kwimfihlelo Engcwele’
Iyintoni imfihlelo engcwele uThixo ayityhile kancinci kancinci?
ISAHLUKO 20
“Ulumkile Entliziyweni”—Kodwa Uthobekile
Kutshiwo njani ukuba iNkosi enguMongami yendalo yonke ithobekile?
ISAHLUKO 21
UYesu Utyhila “Ubulumko . . . BukaThixo”
Indlela eyayimangalisa ngayo imfundiso kaYesu, ngenye imini amajoni awayethunywe ukuba ayombamba abuya ephaca!
ISAHLUKO 22
Uyabusebenzisa “Ubulumko Obuvela Emazulwini” Ebomini Bakho?
IBhayibhile ichaza iindlela ezine eziphambili onokwenza ngazo ukuze ube nobulumko bukaThixo.
ICANDELO 4
“UThixo Uluthando”
ISAHLUKO 24
Akukho Nto ‘Inokwenza UThixo Angasithandi’
Bulwe ubuxoki obuthi uThixo akakuthandi okanye akakuxabisanga.
ISAHLUKO 25
‘Indlela UYehova Anovelwano Ngayo’
Indlela uThixo avakalelwa ngayo ngawe ifana njani nendlela umama avakalelwa ngayo ngosana lwakhe?
ISAHLUKO 26
UThixo ‘Osoloko Efuna Ukuxolela’
Ukuba uThixo unenkumbulo egqibeleleyo, angaxolela aze alibale njani?
ISAHLUKO 28
“Nguwe Wedwa Othembekileyo”
Kutheni ukunyaniseka kukaThixo kungaphezulu kunokuthembeka kwakhe?
ISAHLUKO 29
“Ukwazi Indlela UKristu Anothando Ngayo”
Iindlela ezintathu olubonakala ngazo uthando lukaYesu zilubonisa ngokugqibeleleyo uthando lukaTata wakhe.
ISAHLUKO 30
“Niqhubeke Ninothando”
AmaKorinte okuqala aveza iindlela eziliqela esinokubonisa ngazo uthando.
ISAHLUKO 31
“Sondelani KuThixo, Naye Uza Kusondela Kuni”
Isenokuba ngowuphi owona mbuzo ubalulekileyo onokuzibuza wona? Uza kuphendula njani?