Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ilifu elingumlilo elenzeke ngenxa yebhombu yenyukliya.

HLALANI NITHE QWA!

Abezepolitiki Bathi IArmagedon Sele Iza Kufika—Ithini IBhayibhile?

Abezepolitiki Bathi IArmagedon Sele Iza Kufika—Ithini IBhayibhile?

 Nge-10 kaOktobha 2022, ebingoMvulo, iibhombu zaseRashiya ziye zaqhushumbisa iidolophu zaseUkraine kusasa. Le nto yenzeke ngenxa yokuba kwintsuku ezimbini ngaphambili, kuye kwaqhushumba ibhulorho esetyenziswa kakhulu edibanisa iCrimea neRashiya. Ezi zinto zenzeke emva nje kokuba abezepolitiki bethe iArmagedon sele iza kufika.

  •   “Sagqibela ukusondela kangaka kwiArmagedon ngexesha likaMongameli waseUnited States uJohn F. Kennedy, xa kwakukho ingxabano ngenxa yeebhombu ezaziseCuba. . . . Andiqondi ukuba kungasetyenziswa izixhobo zokulwa zenyukliya kodwa iArmagedon ingenzeki.”—UJoe Biden OnguMongameli waseUnited States, ngo-Oktobha 6, 2022.

  •   “Nam ndiyavuma ukuba iArmagedon sele iza kufika. Umhlaba usengozini.”—Into ethethwe nguMongameli waseUkraine uVolodymyr Zelensky, xa ebebuzwa ngezinto ezinokwenzeka xa kusetyenziswa izixhobo zokulwa zenyukliya kwiiNdaba zeBBC, ngo-Oktobha 8, 2022.

 Ngaba kuza kubakho imfazwe yeArmagedon xa kusetyenziswa izixhobo zokulwa zenyukliya? Ithini yona iBhayibhile?

Ngaba kuza kubakho imfazwe yeArmagedon xa kusetyenziswa izixhobo zokulwa zenyukliya?

 Hayi. Igama elithi ‘Armagedon’ livela kanye eBhayibhileni, kwiSityhilelo 16:16. Alithethi ngemfazwe ephakathi kweentlanga kodwa lithetha ngemfazwi ephakathi “kookumkani bomhlaba wonke” kunye noThixo. (ISityhilelo 16:14) UThixo uza kusebenzisa imfazwe yeArmagedon ukuze aphelise ulawulo lwabantu.—Daniyeli 2:44.

 Ukuze ufunde ukuba kuza kwenzeka ntoni emhlabeni ngeArmagedon, funda inqaku elithi Yintoni Imfazwe YeArmagedon?

Ngaba umhlaba nabantu abakuwo baza kutshatyalaliswa yimfazwe yenyukliya?

 Hayi. Nangona oorhulumente babantu besenokusebenzisa izixhobo zokulwa zenyukliya kwixesha elizayo, uThixo akasoze avumele ukuba umhlaba utshatyalaliswe. IBhayibhile ithi:

  •   “Umhlaba uhlala ukho ngonaphakade.”—INtshumayeli 1:4.

  •   “Umhlaba uza kuba ngowamalungisa, ibe aza kuhlala kuwo ngonaphakade.”—INdumiso 37:29.

 Kodwa, izinto ezithethwa yiBhayibhile nezinto ezenzekayo ngoku zibonisa ukuba izinto sele ziza kutshintsha emhlabeni. (Mateyu 24:3-7; 2 Timoti 3:1-5) Zivele ukuba ithini iBhayibhile ngezinto eziseza kwenzeka kwixesha elizayo kwincoko yethu efundisa ngeBhayibhile. Awuzukubhatala.