Eyesibini YooKumkani 15:1-38

  • UAzariya, ukumkani wakwaYuda (1-7)

  • Ookumkani bokugqibela bakwaSirayeli: UZekariya (8-12), uShalum (13-16), uMenahem (17-22), uPekahiya (23-26), uPeka (27-31)

  • UYotham, ukumkani wakwaYuda (32-38)

15  Ngonyaka we-27 kaKumkani uYerobhoham* wakwaSirayeli, uAzariya*+ unyana kaKumkani uAmatsiya+ wakwaYuda waba ngukumkani.+  Wayeneminyaka eyi-16 xa waba ngukumkani, yaye walawula iminyaka eyi-52 eYerusalem. Igama likamama wakhe yayinguYekoliya waseYerusalem.  Waqhubeka esenza izinto ezilungileyo emehlweni kaYehova, kanye njengokuba wenzayo uAmatsiya utata wakhe.+  Kodwa ke, iindawo eziphakamileyo azizange zichithwe,+ ibe abantu babesabingelela, beqhumisa nemibingelelo kwiindawo eziphakamileyo.+  UYehova wambetha ukumkani, yaye waba neqhenqa+ de wafa. Wahlala kwenye indlu,+ ngoxa uYotham+ unyana wakhe wayephethe indlu, egweba abantu belo lizwe.+  Enye imbali ka-Azariya,+ zonke izinto awazenzayo, azibhalwanga na encwadini yembali yamaxesha ookumkani bakwaYuda?  UAzariya walala kookhokho bakhe,+ bamngcwaba nookhokho bakhe kwisiXeko SikaDavide; yaye uYotham unyana wakhe waba ngukumkani endaweni yakhe.  Ngonyaka we-38 kaKumkani uAzariya+ wakwaYuda, uZekariya+ unyana kaYerobhoham waba ngukumkani wakwaSirayeli eSamariya, walawula iinyanga ezintandathu.  Wenza izinto ezimbi emehlweni kaYehova, kanye njengokuba benzayo ookhokho bakhe. Akazange aziyeke izono zikaYerobhoham unyana kaNebhati, awamonisa ngazo uSirayeli.+ 10  UShalum unyana kaYabheshe wamenzela iyelenqe waza wamxabela+ eIbleyam.+ Emva kokuba embulele, waba ngukumkani endaweni yakhe. 11  Enye imbali kaZekariya ibhaliwe encwadini yembali yamaxesha ookumkani bakwaSirayeli. 12  Kwenzeka into eyathethwa nguYehova kuYehu, esithi: “Zizizukulwana ezine zoonyana bakho+ eziza kuhlala etroneni yakwaSirayeli.”+ Yaye kwaba njalo. 13  UShalum unyana kaYabheshe waba ngukumkani ngonyaka we-39 kaKumkani u-Uziya+ wakwaYuda, ibe walawula inyanga yanye eSamariya. 14  Emva koko, uMenahem unyana kaGadi weza eSamariya evela eTirtsa+ waza wamxabela uShalum+ unyana kaYabheshe eSamariya. Emva kokuba embulele, waba ngukumkani endaweni yakhe. 15  Enye imbali kaShalum neyelenqe awalenzayo, ibhaliwe encwadini yembali yamaxesha ookumkani bakwaSirayeli. 16  UMenahem wayixabela ngelo xesha iTifesa nabo bonke abantu ababekuyo nakummandla wayo, kuba ayizange imvulele iigeyithi zayo. Wayixabela waza wabagrabhuza izisu abafazi bayo abamithiyo. 17  Ngonyaka we-39 kaKumkani uAzariya wakwaYuda, uMenahem unyana kaGadi waba ngukumkani kwaSirayeli, ibe walawula iminyaka elishumi eSamariya. 18  Waqhubeka esenza izinto ezimbi emehlweni kaYehova. Akazange ayeke nasinye kwizono zikaYerobhoham unyana kaNebhati, awamonisa ngazo uSirayeli,+ yonke imihla yakhe. 19  UKumkani uPuli+ waseAsiriya wafika kwelo lizwe, waza uMenahem wamnika iitalente* zesilivere eziyi-1 000 ukuze amncedise ekuqiniseni ubukumkani bakhe.+ 20  UMenahem wayifuna kuSirayeli le silivere, kumadoda aziwayo nazizityebi.+ Wathatha iishekele* zesilivere eziyi-50 kwindoda nganye, wazinika ukumkani waseAsiriya. Emva koko, ukumkani waseAsiriya warhoxa, akabi sahlala kwelo lizwe. 21  Enye imbali kaMenahem,+ zonke izinto awazenzayo, azibhalwanga na encwadini yembali yamaxesha ookumkani bakwaSirayeli? 22  UMenahem wabekwa kookhokho bakhe, waza uPekahiya unyana wakhe waba ngukumkani endaweni yakhe. 23  Ngonyaka we-50 kaKumkani uAzariya wakwaYuda, uPekahiya unyana kaMenahem waba ngukumkani wakwaSirayeli eSamariya, ibe walawula iminyaka emibini. 24  Waqhubeka esenza izinto ezimbi emehlweni kaYehova. Akazange aziyeke izono zikaYerobhoham unyana kaNebhati, awonisa ngazo uSirayeli.+ 25  Iphakathi lakhe, uPeka+ unyana kaRemaliya, lamenzela iyelenqe laza lamxabela eSamariya kwinqaba ekhuselekileyo yendlu kakumkani, kunye noArgobhi noAriye. Lalikunye namadoda ayi-50 aseGiliyadi; ibe emva kokuba limbulele, laba ngukumkani endaweni yakhe. 26  Enye imbali kaPekahiya, zonke izinto awazenzayo, zibhaliwe kwincwadi yembali yamaxesha ookumkani bakwaSirayeli. 27  Ngonyaka we-52 kaKumkani uAzariya wakwaYuda, uPeka+ unyana kaRemaliya waba ngukumkani wakwaSirayeli eSamariya, ibe walawula iminyaka eyi-20. 28  Waqhubeka esenza izinto ezimbi emehlweni kaYehova. Akazange aziyeke izono zikaYerobhoham unyana kaNebhati, awamonisa ngazo uSirayeli.+ 29  Ngemihla kaKumkani uPeka wakwaSirayeli, uKumkani uTigelati-pilesere+ waseAsiriya wathimba i-Iyon, iAbheli-bhete-mahaka,+ iYanowa, iKedeshe,+ iHatsore, iGiliyadi,+ iGalili, wonke nje umhlaba wakwaNafetali,+ waza wabathimbela eAsiriya abantu.+ 30  UHosheya+ unyana kaElaha wenzela uPeka unyana kaRemaliya iyelenqe waza wamxabela wambulala; waba ngukumkani endaweni yakhe ngonyaka we-20 kaYotham+ unyana kaUziya. 31  Enye imbali kaPeka, zonke izinto awazenzayo, zibhaliwe kwincwadi yembali yamaxesha ookumkani bakwaSirayeli. 32  Ngonyaka wesibini kaPeka unyana kaRemaliya ukumkani wakwaSirayeli, uYotham+ unyana kaKumkani u-Uziya+ wakwaYuda waba ngukumkani. 33  Wayeneminyaka eyi-25 xa waba ngukumkani, yaye walawula iminyaka eyi-16 eYerusalem. Igama likamama wakhe yayinguYerusha intombi kaTsadoki.+ 34  Waqhubeka esenza izinto ezilungileyo emehlweni kaYehova, kanye njengotata wakhe u-Uziya.+ 35  Kodwa ke, iindawo eziphakamileyo azizange zichithwe, yaye abantu babesabingelela, beqhumisa nemibingelelo kwiindawo eziphakamileyo.+ Nguye owakha igeyithi ephezulu yendlu kaYehova.+ 36  Enye imbali kaYotham, izinto awazenzayo, azibhalwanga na encwadini yembali yamaxesha ookumkani bakwaYuda? 37  Ngaloo mihla uYehova wathumela uRetsin ukumkani waseSiriya noPeka+ unyana kaRemaliya ukuba baye kuhlasela uYuda.+ 38  UYotham walala kookhokho bakhe waza wangcwatywa nookhokho bakhe kwisiXeko SikaDavide ukhokho wakhe. UAhazi unyana wakhe waba ngukumkani endaweni yakhe.

Umbhalo osemazantsi

Oko kukuthi, uYerobhoham II.
Othetha ukuthi “UYehova Uncedile.” Kuthiwa ngu-Uziya kweyesi-2Ku 15:13; 2Kr 26:1-23; Isa 6:1; nakuZek 14:5.
Italente yayilingana ne-34,2 kg. Funda Isihlomelo B14.
Ishekele yayilingana ne-11,4 g. Funda Isihlomelo B14.