Eyesibini YooKumkani 16:1-20

  • UAhazi, ukumkani wakwaYuda (1-6)

  • UAhazi unyoba ama-Asiriya (7-9)

  • UAhazi wenza isibingelelo esifana nesabantu abakhonza izithixo (10-18)

  • UAhazi uyafa (19, 20)

16  Ngonyaka we-17 kaPeka unyana kaRemaliya, uAhazi+ unyana kaKumkani uYotham wakwaYuda waba ngukumkani.  UAhazi wayeneminyaka eyi-20 xa waba ngukumkani, ibe walawula iminyaka eyi-16 eYerusalem. Akazange enze izinto ezilungileyo emehlweni kaYehova uThixo wakhe njengokhokho wakhe uDavide.+  Kunoko, wenza izinto ezenziwa ngookumkani bakwaSirayeli,+ wada wabingelela* nangonyana wakhe emlilweni,+ esenza izinto ezenyanyekayo ezazisenziwa ziintlanga+ awazigxothayo uYehova phambi kwamaSirayeli.  Waqhubeka ebingelela, eqhumisa nemibingelelo kwiindawo eziphakamileyo,+ ezindulini naphantsi kwayo yonke imithi eluhlaza.+  Kungelo xesha awathi uKumkani uRetsin waseSiriya nokumkani wakwaSirayeli uPeka unyana kaRemaliya, beza kulwa neYerusalem.+ Bamrhangqa uAhazi, kodwa abazange bakwazi ukusithimba isixeko.  Ngelo xesha uKumkani uRetsin waseSiriya wayibuyisela iElati+ kwaEdom, emva koko wawadudula amaYuda* aphuma e-Elati. AmaEdom angena e-Elati aza ahlala khona unanamhla.  UAhazi wathumela abathunywa kuKumkani uTigelati-pilesere+ waseAsiriya, esithi: “Ndisisicaka sakho yaye ndingunyana wakho. Ngoko ke ndicela unyuke uzokundisindisa kwaba kumkani bandihlaselayo, ukumkani waseSiriya nowakwaSirayeli.”  UAhazi wathatha isilivere negolide eyayisendlini kaYehova nakwiindawo zokugcina ubutyebi endlini kakumkani, wamnyoba ngazo ukumkani waseAsiriya.+  Ukumkani waseAsiriya wasamkela eso sicelo, wenyuka waya eDamasko, wayithimba, wabasa eKire+ abantu bayo, waza wambulala uRetsin.+ 10  UKumkani uAhazi waya kuhlangabeza uKumkani uTigelati-pilesere waseAsiriya eDamasko. Wathi uKumkani uAhazi akubona isibingelelo esiseDamasko, wathumela ku-Uriya umbingeleli iplani yokwakhiwa kwaso.+ 11  U-Uriya+ umbingeleli wakha isibingelelo+ ngokwaloo plani wayeyithunyelelwe nguKumkani uAhazi eseDamasko. U-Uriya umbingeleli wagqiba ukusakha engekabuyi uKumkani uAhazi eDamasko. 12  Ekubuyeni kukakumkani eDamasko, wasibona eso sibingelelo, wasondela kuso waza wenza umnikelo.+ 13  Waqhubeka esenza iminikelo etshiswayo neminikelo yokutya kweso sibingelelo; wenza neminikelo eselwayo, wafefa negazi lemibingelelo yobuhlobo kuso. 14  Isibingelelo sekopolo+ esasiphambi koYehova wasisusa phambi kwendlu, phakathi kwesibingelelo sakhe nendlu kaYehova, wasibeka kwicala elingakumntla wesibingelelo sakhe. 15  UKumkani uAhazi wayalela u-Uriya+ umbingeleli, esithi: “Qhumisela umnikelo otshiswayo wakusasa kwesi sibingelelo sikhulu,+ nomnikelo wokutya wangokuhlwa,+ umnikelo otshiswayo kakumkani, umnikelo wakhe wokutya, neminikelo etshiswayo, iminikelo yokutya neminikelo eselwayo yabo bonke abantu. Uze ulifefe phezu kwaso lonke igazi leminikelo etshiswayo nalo lonke igazi leminye imibingelelo. Ke sona isibingelelo sekopolo, ndiza kukhe ndicinge ukuba yintoni endinokuyenza ngaso.” 16  U-Uriya umbingeleli wenza yonke into awayemyalele yona uKumkani uAhazi.+ 17  Ngaphezu koko, uKumkani uAhazi wawaphula amacala eenqwelo,+ wazisusa izitya ezazikuzo,+ waza walothula uLwandle kwiinkunzi zeenkomo zekopolo+ ezaziphantsi kwalo, walubeka kwibala eligangathwe ngamatye.+ 18  Isakhiwo esifulelweyo seSabatha ababesakhile endlini kakumkani negeyithi yangaphandle kakumkani, wazisusa endlini kaYehova; loo nto wayenza ngenxa kakumkani waseAsiriya. 19  Enye imbali ka-Ahazi, izinto awazenzayo, azibhalwanga na encwadini yembali yamaxesha ookumkani bakwaYuda?+ 20  UAhazi walala kookhokho bakhe, wangcwatywa nookhokho bakhe kwisiXeko SikaDavide; yaye uHezekiya*+ unyana wakhe waba ngukumkani endaweni yakhe.

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “wadlulisa.”
Okanye “amadoda akwaYuda.”
Othetha ukuthi “UYehova Uyomeleza.”