Eyesibini YooKumkani 21:1-26

  • UManase, ukumkani wakwaYuda; ukubulala kwakhe abantu (1-18)

    • IYerusalem iza kutshatyalaliswa (12-15)

  • UAmon, ukumkani wakwaYuda (19-26)

21  UManase+ waba ngukumkani xa wayeneminyaka eyi-12, ibe walawula iminyaka eyi-55 eYerusalem.+ Igama likamama wakhe yayinguHefetsibha.  Wenza izinto ezimbi emehlweni kaYehova, izinto ezenyanyekayo zeentlanga+ uYehova awazigxothayo phambi kwamaSirayeli.+  Waphinda wazakha iindawo eziphakamileyo ezazitshatyalaliswe nguHezekiya utata wakhe,+ wakha nezibingelelo zikaBhahali, wenza nepali engcwele,*+ kanye njengoko uAhabhi ukumkani wakwaSirayeli wenzayo.+ Waqubuda kuwo wonke umkhosi wamazulu, wawukhonza.+  Wakha izibingelelo endlini kaYehova,+ le uYehova wayethethe ngayo wathi: “Ndiza kulibeka eYerusalem igama lam.”+  Wakhela wonke umkhosi wamazulu izibingelelo+ kwiiyadi ezimbini zendlu kaYehova.+  Wabingelela* nangowakhe unyana emlilweni, esenza imilingo, equqa emagqirheni,+ eqesha amagqirha nabaxeli-thamsanqa.+ Wayeqatsele ekwenzeni izinto ezimbi emehlweni kaYehova, ukuze amcaphukise.  Wathatha umfanekiso oqingqiweyo wepali engcwele*+ awayeyenzile, wawubeka endlini uYehova awayethe ngayo kuDavide nakuSolomon unyana wakhe: “Igama lam ndiza kulibeka ngonaphakade apha kule ndlu naseYerusalem,+ indawo endayikhethayo phakathi kwazo zonke izizwe zakwaSirayeli.  Andizukuphinda ndizenze zibhadule iinyawo zamaSirayeli, zimke emhlabeni endawunika ookhokho bawo,+ ukuba nje aye ayithobela yonke imiyalelo yam,+ wonke uMthetho awawayalela wona uMoses umkhonzi wam.”  Kodwa amaSirayeli zange amamele, ibe uManase waqhubeka ewalahlekisa, aza enza izinto ezimbi ngaphezulu lee kuneentlanga uYehova awazitshabalalisayo phambi kwawo.+ 10  UYehova waqhubeka ethetha ngabakhonzi bakhe abaprofeti,+ esithi: 11  “UManase ukumkani wakwaYuda wenze zonke ezi zinto zenyanyekayo; wenze izinto ezimbi ukodlula onke ama-Amori+ awayengaphambi kwakhe,+ waza wamonisa uYuda ngezithixo zakhe ezenyanyekayo.* 12  Ngoko ke uthi uYehova uThixo kaSirayeli: ‘Ndizisa intlekele eYerusalem+ nakwaYuda, eza kuzibetha zithi nzwii zombini iindlebe zakhe nabani na ovayo ngayo.+ 13  Ndiza kolulela eYerusalem intambo yokumeta+ njengokuba ndenzayo kwiSamariya,+ ndisebenzise nesixhobo sokulinganisa endasisebenzisa* endlini ka-Ahabhi,+ yaye ndiza kuyisula icoceke iYerusalem, oku komntu osula isitya sicoceke aze asiqubude.+ 14  Ndiza kubalahla abantu bam abalilifa lam+ ndize ndibanikele esandleni seentshaba zabo, baze baphangwe zizo zonke iintshaba zabo,+ 15  kuba benze izinto ezimbi emehlweni am, baqhubeka bendicaphukisa ukususela ngemini abaphuma ngayo ookhokho babo eYiputa kude kube ngalo mhla.’”+ 16  Ngaphezu koko, uManase wachitha igazi labantu abamsulwa abaninzi kakhulu, lagcwala iYerusalem yonke ukusuka kwelinye icala ukuya kwelinye,+ ukongeza kwisono sakhe sokwenza uYuda one, embangela ukuba enze izinto ezimbi emehlweni kaYehova. 17  Enye imbali kaManase, konke awakwenzayo nezono awazenzayo, azibhalwanga na encwadini yembali yamaxesha ookumkani bakwaYuda? 18  Ekugqibeleni uManase walala kookhokho bakhe yaye wangcwatywa emyezweni wendlu yakhe, emyezweni kaUza;+ yaye uAmon unyana wakhe walawula endaweni yakhe. 19  UAmon+ waba ngukumkani xa wayeneminyaka eyi-22, waza walawula iminyaka emibini eYerusalem.+ Igama likamama wakhe yayinguMeshulemete intombi kaHarutse waseYotebha. 20  Waqhubeka esenza izinto ezimbi emehlweni kaYehova, kanye njengoManase utata wakhe.+ 21  Waqhubeka esenza izinto ezazisenziwa ngutata wakhe, wakhonza nezithixo ezenyanyekayo ezazikhonzwa ngutata wakhe, equbuda kuzo.+ 22  Ngoko wamlahla uYehova uThixo wookhokho bakhe, ibe akazange ahambe ngendlela kaYehova.+ 23  Ekugqibeleni izicaka zika-Amon zamenzela iyelenqe lo kumkani zaza zambulalela endlini yakhe. 24  Kodwa abantu belo lizwe babaxabela bonke abo babenzele uKumkani uAmon iyelenqe, baza benza uYosiya unyana wakhe ukumkani endaweni yakhe.+ 25  Enye imbali ka-Amon, izinto awazenzayo, azibhalwanga na encwadini yembali yamaxesha ookumkani bakwaYuda? 26  Bamngcwaba engcwabeni lakhe emyezweni kaUza,+ waza uYosiya unyana wakhe+ waba ngukumkani endaweni yakhe.

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “Wadlulisa.”
Kusenokwenzeka ukuba igama lesiHebhere liyelelene nelo lithetha “ubulongwe,” yaye lisetyenziswa xa kuthethwa ngento eyenyanyekayo.
Okanye “nentambo yokumeta endayisebenzisa.”