Eyesibini YooKumkani 22:1-20

  • UYosiya, ukumkani wakwaYuda (1, 2)

  • Indlela itempile emele ilungiswe ngayo (3-7)

  • Kufunyanwa incwadi yoMthetho (8-13)

  • UHulida uprofeta ukuba kuza kubakho intlekele (14-20)

22  UYosiya+ wayeneminyaka esibhozo xa waba ngukumkani, ibe walawula iminyaka eyi-31 eYerusalem.+ Igama likamama wakhe yayinguYedida intombi ka-Adaya waseBhotsekati.+  Wenza izinto ezilungileyo emehlweni kaYehova waza wahamba ngazo zonke iindlela zikaDavide ukhokho wakhe,+ yaye akazange aphume endleleni aye ngasekunene okanye ngasekhohlo.  Ngonyaka we-18 kaKumkani uYosiya, ukumkani wathumela unobhala uShafan, ongunyana ka-Atsaliya unyana kaMeshulam endlini kaYehova,+ esithi:  “Yiya kuHilekiya+ umbingeleli omkhulu, uthi makaqokelele yonke imali eziswa endlini kaYehova,+ leyo iqokelelwe ebantwini ngoonogada basemnyango.+  Mabayinike abo bamiselwe ukuba bajongane nomsebenzi wendlu kaYehova, baze bona bayinike abo benza umsebenzi endlini kaYehova, ukuze balungise umonakalo wendlu,*+  oko kukuthi, abakhandi abangamachule, abakhi nabaxholi bamatye, baze bathenge amaplanga namatye aqingqiweyo ukuze balungise le ndlu.+  Kodwa bamele bangabuzwa nto ngemali abayinikiweyo, kuba bathembekile.”+  Ethubeni uHilekiya umbingeleli omkhulu wathi kuShafan unobhala:+ “Ndiyifumene incwadi yoMthetho+ endlini kaYehova.” Ngoko uHilekiya wayinika uShafan, waza yena wayifunda.+  Emva koko unobhala uShafan waya kukumkani, wathi kuye: “Izicaka zakho ziyikhuphile imali ebifunyenwe endlini, ibe ziyinike abantu abamiselwe ukwenza umsebenzi endlini kaYehova.”+ 10  UShafan unobhala wathi kukumkani: “Kukho incwadi+ endiyinikwe nguHilekiya umbingeleli.” Emva koko uShafan wayifunda phambi kokumkani. 11  Wathi ukumkani ­akuva amazwi encwadi yoMthetho, ­wa­krazula iimpahla zakhe.+ 12  Emva koko ukumkani wayalela la mazwi kuHilekiya umbingeleli, uAhikam+ unyana kaShafan, uAkebhore unyana kaMikaya, uShafan ­unobhala ­noAsaya isicaka sikakumkani: 13  “Hambani, niyokubuza kuYehova ngamazwi ale ncwadi ifunyenweyo, nibu­zele mna, aba bantu, noYuda wonke; kuba uYehova unomsindo kakhulu+ ngenxa yokuba ookhokho bethu bengazange bawamamele amazwi ale ncwadi, abathobela kwanto ebhalwe kuyo ngathi.” 14  Ngoko uHilekiya umbingeleli, uAhikam, uAkebhore, uShafan noAsaya baya kuHulida umprofetikazi.+ Wayengumfazi kaShalum unyana kaTikiva unyana kaHarehasi, owayenomsebenzi wokuhoya iimpahla. Yena wayehlala kwiNgingqi Yesibini yaseYerusalem ibe bathetha naye apho.+ 15  UHulida wathi kubo: “Uthi uYehova uThixo kaSirayeli, ‘Yithini kule ndoda inithume kum: 16  “Uthi uYehova, ‘Ndiza kuyizisela intlekele le ndawo nabemi bayo, ndizenze zonke izinto ezibhalwe kule ncwadi ifundwe ngukumkani wakwaYuda.+ 17  Ngenxa yokuba beye bandilahla baza baqhumisa umbingelelo kwabanye oothixo+ ukuze bandicaphukise ngawo wonke umsebenzi wezandla zabo,+ le ndawo iza kuva ukuvutha komsindo wam, ibe awuzukucinywa.’”+ 18  Ze nithi kukumkani wakwaYuda onithume ukuba niyokubuza kuYehova, “Uthi uYehova uThixo kaSirayeli: ‘Ngokubhekisele kumazwi owevileyo, 19  kuba intliziyo yakho ibihlabekile,* wazithoba+ phambi kukaYehova emva kokuba uve izinto endizithethileyo ngale ndawo nabemi bayo, ukuba baza kuba yinto yokoyikisa nesithuko, waza wakrazula iimpahla zakho+ walila phambi kwam, nam ndikuvile, utsho uYehova. 20  Yiloo nto ke ndiza kukuhlanganisela kookhokho bakho,* uze ubekwe engcwabeni lakho ngoxolo. Amehlo akho awazukuyibona yonke le ntlekele ndiza kuyizisa kule ndawo.’”’” Bayizisa le mpendulo kukumkani.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “iintanda zendlu.”
Ngokoqobo, “ibithambile.”
Lo ngumbongo obhekisela ekufeni.