Eyesibini YooKumkani 24:1-20
24 Ngemihla kaYehoyakim, uKumkani uNebhukadenetsare+ waseBhabhiloni weza kulwa naye, waza uYehoyakim waba sisicaka sakhe iminyaka emithathu. Kodwa wamjikela waza wayeka ukuzithoba kuye.
2 Emva koko uYehova wamthumela ngamajoni angabaphangi angamaKhaledi,+ angamaSiriya, angamaMowabhi nangama-Amoni. Waqhubeka ewathumela ukuba aye kutshabalalisa uYuda, njengokuba uYehova wayetshilo+ ngabakhonzi bakhe abaprofeti.
3 Ngokuqinisekileyo, nguYehova owawathumelayo ukuba ahlasele uYuda, ukuze amsuse phambi kwamehlo akhe,+ ngenxa yazo zonke izono ezenziwa nguManase,+
4 nangenxa yegazi elimsulwa awalichithayo,+ kuba wayezalise iYerusalem ngegazi elimsulwa, ibe uYehova wayengazimiselanga kumxolela.+
5 Enye imbali kaYehoyakim, zonke izinto awazenzayo, azibhalwanga na encwadini yembali yamaxesha ookumkani bakwaYuda?+
6 Emva koko, uYehoyakim walala kookhokho bakhe;+ yaye unyana wakhe uYehoyakin waba ngukumkani endaweni yakhe.
7 Ukumkani waseYiputa akazange aphinde aphume kwilizwe lakhe, kuba ukumkani waseBhabhiloni wayethathe yonke into kakumkani waseYiputa,+ ukususela kwiNtlambo YaseYiputa+ ukuya kutsho kuMlambo UmEfrate.+
8 UYehoyakin+ waba ngukumkani xa wayeneminyaka eyi-18, ibe walawula eYerusalem+ iinyanga ezintathu. Igama likamama wakhe yayinguNehushta intombi kaElnatan waseYerusalem.
9 Waqhubeka esenza izinto ezimbi emehlweni kaYehova, njengokuba wenzayo notata wakhe.
10 Ngelo xesha, izicaka zikaKumkani uNebhukadenetsare waseBhabhiloni zeza kuhlasela iYerusalem, saza isixeko sarhangqwa.+
11 UKumkani uNebhukadenetsare waseBhabhiloni weza kuhlasela eso sixeko, ngoxa izicaka zakhe zazisirhangqile.
12 UKumkani uYehoyakin wakwaYuda waphuma waya kukumkani waseBhabhiloni,+ inguye, umama wakhe, izicaka zakhe, iinkosana zakhe namagosa endlu yakhe;+ kwaye ukumkani waseBhabhiloni wamthimba ngonyaka wesibhozo wolawulo lwakhe.+
13 Emva koko, wabukhupha bonke ubutyebi bendlu kaYehova nobendlu kakumkani.+ Wazinqunqa zonke izinto zegolide ezazenziwe nguSolomon ukumkani wakwaSirayeli etempileni kaYehova,+ kanye njengokuba uYehova wayetshilo.
14 Wayithimba yonke iYerusalem, zonke iinkosana,+ onke amakroti, onke amadoda angamachule nabakhandi besinyithi;*+ wathimba abantu abayi-10 000. Washiya abona bantu bangamahlwempu kuphela kwelo lizwe.+
15 Wamthimba ngaloo ndlela ke uYehoyakin+ emsa eBhabhiloni;+ wathimba nomama kakumkani, abafazi bakakumkani, amagosa endlu yakhe nezikhulu zelizwe. Wabathatha eYerusalem ebathimbela eBhabhiloni.
16 Ukumkani waseBhabhiloni wawathimba onke amakroti ayi-7 000, wathimba amachule nabakhandi besinyithi* abayi-1 000, bonke bengamadoda anamandla naqeqeshelwe imfazwe.
17 Ukumkani waseBhabhiloni wamisela uMataniya utat’ omncinci kaYehoyakin+ wangukumkani endaweni yakhe, waza walitshintsha igama lakhe languZedekiya.+
18 UZedekiya wayeneminyaka eyi-21 xa waba ngukumkani, yaye walawula iminyaka eyi-11 eYerusalem. Igama likamama wakhe yayinguHamutali+ intombi kaYeremiya waseLibhena.
19 Waqhubeka esenza izinto ezimbi emehlweni kaYehova, njengoYehoyakim.+
20 Ezi zinto zenzeka eYerusalem nakwaYuda kuba uYehova wayenomsindo, de wabagxotha phambi kwakhe.+ Yaye uZedekiya wamjikela ukumkani waseBhabhiloni.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye kusenokwenzeka, “nabakhi bodonga lokukhusela.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “nabakhi bodonga lokukhusela.”