Eyesibini YooKumkani 24:1-20

  • UYehoyakim akathobeli aze afe (1-7)

  • UYehoyakin, ukumkani wakwaYuda (8, 9)

  • Iqela lokuqala ukuthinjelwa eBhabhiloni (10-17)

  • UZedekiya, ukumkani wakwaYuda nokungathobeli kwakhe (18-20)

24  Ngemihla kaYehoyakim, uKumkani uNebhukadenetsare+ waseBhabhiloni weza kulwa naye, waza uYehoyakim waba sisicaka sakhe iminyaka emithathu. Kodwa wamjikela waza wayeka ukuzithoba kuye.  Emva koko uYehova wamthumela ngamajoni angabaphangi angamaKhaledi,+ angamaSiriya, angamaMowabhi nangama-Amoni. Waqhubeka ewathumela ukuba aye kutshabalalisa uYuda, njengokuba uYehova wayetshilo+ ngabakhonzi bakhe abaprofeti.  Ngokuqinisekileyo, nguYehova owawathumelayo ukuba ahlasele uYuda, ukuze amsuse phambi kwamehlo akhe,+ ngenxa yazo zonke izono ezenziwa nguManase,+  nangenxa yegazi elimsulwa awalichithayo,+ kuba wayezalise iYerusalem ngegazi elimsulwa, ibe uYehova wayengazimiselanga kumxolela.+  Enye imbali kaYehoyakim, zonke izinto awazenzayo, azibhalwanga na encwadini yembali yamaxesha ookumkani bakwaYuda?+  Emva koko, uYehoyakim walala kookhokho bakhe;+ yaye unyana wakhe uYehoyakin waba ngukumkani endaweni yakhe.  Ukumkani waseYiputa akazange aphinde aphume kwilizwe lakhe, kuba ukumkani waseBhabhiloni wayethathe yonke into kakumkani waseYiputa,+ ukususela kwiNtlambo YaseYiputa+ ukuya kutsho kuMlambo UmEfrate.+  UYehoyakin+ waba ngukumkani xa wayeneminyaka eyi-18, ibe walawula eYerusalem+ iinyanga ezintathu. Igama likamama wakhe yayinguNehushta intombi kaElnatan waseYerusalem.  Waqhubeka esenza izinto ezimbi emehlweni kaYehova, njengokuba wenzayo notata wakhe. 10  Ngelo xesha, izicaka zikaKumkani uNebhukadenetsare waseBhabhiloni zeza kuhlasela iYerusalem, saza isixeko sarhangqwa.+ 11  UKumkani uNebhukadenetsare waseBhabhiloni weza kuhlasela eso sixeko, ngoxa izicaka zakhe zazisirhangqile. 12  UKumkani uYehoyakin wakwaYuda waphuma waya kukumkani waseBhabhiloni,+ inguye, umama wakhe, izicaka zakhe, iinkosana zakhe namagosa endlu yakhe;+ kwaye ukumkani waseBhabhiloni wamthimba ngonyaka wesibhozo wolawulo lwakhe.+ 13  Emva koko, wabukhupha bonke ubutyebi bendlu kaYehova nobendlu kakumkani.+ Wazinqunqa zonke izinto zegolide ezazenziwe nguSolomon ukumkani wakwaSirayeli etempileni kaYehova,+ kanye njengokuba uYehova wayetshilo. 14  Wayithimba yonke iYerusalem, zonke iinkosana,+ onke amakroti, onke amadoda angamachule nabakhandi besinyithi;*+ wathimba abantu abayi-10 000. Washiya abona bantu bangamahlwempu kuphela kwelo lizwe.+ 15  Wamthimba ngaloo ndlela ke uYehoyakin+ emsa eBhabhiloni;+ wathimba nomama kakumkani, abafazi bakakumkani, amagosa endlu yakhe nezikhulu zelizwe. Wabathatha eYerusalem ebathimbela eBhabhiloni. 16  Ukumkani waseBhabhiloni wawathimba onke amakroti ayi-7 000, wathimba amachule nabakhandi besinyithi* abayi-1 000, bonke bengamadoda anamandla naqeqeshelwe imfazwe. 17  Ukumkani waseBhabhiloni wamisela uMataniya utat’ omncinci kaYehoyakin+ wangukumkani endaweni yakhe, waza walitshintsha igama lakhe languZedekiya.+ 18  UZedekiya wayeneminyaka eyi-21 xa waba ngukumkani, yaye walawula iminyaka eyi-11 eYerusalem. Igama likamama wakhe yayinguHamutali+ intombi kaYeremiya ­waseLibhena. 19  Waqhubeka esenza izinto ezimbi emehlweni kaYehova, njengoYehoyakim.+ 20  Ezi zinto zenzeka eYerusalem nakwaYuda kuba uYehova wayenomsindo, de wabagxotha phambi kwakhe.+ Yaye uZedekiya wamjikela ukumkani waseBhabhiloni.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye kusenokwenzeka, “nabakhi bodonga lokukhusela.”
Okanye kusenokwenzeka, “nabakhi bodonga lokukhusela.”