Eyesibini YooKumkani 3:1-27

  • UYehoram, ukumkani wakwaSirayeli (1-3)

  • AmaMowabhi alwa namaSirayeli (4-25)

  • AmaMowabhi oyiswa ngamaSirayeli (26, 27)

3  UYehoram+ unyana ka-Ahabhi waba ngukumkani wakwaSirayeli eSamariya ngonyaka we-18 kaKumkani uYehoshafati wakwaYuda, ibe walawula iminyaka eyi-12.  Waqhubeka esenza izinto ezimbi emehlweni kaYehova, kodwa wayengade afike kutata wakhe okanye kumama wakhe, kuba wayisusa intsika engcwele kaBhahali eyayenziwe ngutata wakhe.+  Sekunjalo, wenza zonke izono ezenziwa nguYerobhoham unyana kaNebhati, awamonisa ngazo uSirayeli.+ Akazange aziyeke.  UMesha ukumkani wakwaMowabhi wayengumfuyi weegusha, yaye wayedla ngokunika ukumkani wakwaSirayeli umnikelo wamatakane ayi-100 000 neenkunzi zeegusha ezingachetywanga eziyi-100 000.  Emva nje kokuba uAhabhi efile,+ ukumkani wakwaMowabhi wamjikela ukumkani wakwaSirayeli.+  Ngoko uKumkani uYehoram waphuma ngaloo mini eSamariya waza wabiza wonke uSirayeli.  Wathumela nomyalezo kuKumkani uYehoshafati wakwaYuda, esithi: “Ukumkani wakwaMowabhi undijikele. Ndicela uhambe nam siyokulwa noMowabhi.” Yena wathi: “Masiye.+ Mna nawe sibanye. Abantu bam ngabantu bakho. Namahashe am ngamahashe akho.”+  Emva koko wabuza: “Sinyuke ngeyiphi indlela?” Wathi: “Ngendlela yentlango yakwaEdom.”  Wahamba ke ukumkani wakwaSirayeli nokumkani wakwaYuda nokumkani wakwaEdom.+ Emva kokuba behambe begwegweleza iintsuku ezisixhenxe, aphela amanzi okuseza abantu nemfuyo eyayibalandela. 10  Ukumkani wakwaSirayeli wathi: “Yaza yambi le nto! UYehova ubize aba kumkani bathathu, kanti uza kubanikela kumaMowabhi!” 11  UYehoshafati wathi: “Akukho mprofeti kaYehova na apha esinokumcela asibuzele kuYehova?”+ Omnye wezicaka zikakumkani wakwaSirayeli wathi: “Nankuya uElisha+ unyana kaShafati, owayedla ngokugalela amanzi esandleni sikaEliya.”*+ 12  UYehoshafati wathi: “UYehova uthetha esebenzisa yena.” Ngoko ukumkani wakwaSirayeli noYehoshafati nokumkani wakwaEdom behla baya kuye. 13  UElisha wathi kukumkani wakwaSirayeli: “Ndinantoni na yakwenza nawe?+ Yiya kubaprofeti bakatata wakho nakubaprofeti bakamama wakho.”+ Kodwa ukumkani wakwaSirayeli wathi kuye: “Hayi, kuba nguYehova obize aba kumkani bathathu ukuze abanikele kuMowabhi.” 14  UElisha wathi: “Ephila nje uYehova wemikhosi endimkhonzayo,* ukuba bendingahloniphanga uKumkani uYehoshafati+ wakwaYuda, bendingazukukujonga nokukujonga.+ 15  Ndiziseleni umdlali womrhubhe.”+ Wathi nje akuqalisa ukudlala umrhubhe, isandla sikaYehova saba phezu kukaElisha.+ 16  Wathi, “Uthi uYehova, ‘Yenzani imisinga emininzi kule ntlambo, 17  kuba uthi uYehova: “Akuzukubakho moya namvula, kodwa le ntlambo iza kugcwala ngamanzi,+ yaye nina, imfuyo yenu nezinye izilwanyana zenu niza kusela kuyo.”’ 18  Kodwa yinto engenamsebenzi le emehlweni kaYehova,+ kuba noMowabhi uza kumnikela kuni.+ 19  Nimele nixabele zonke izixeko ezikhuselekileyo+ nazo zonke izixeko ezihle, niwise yonke imithi emihle, nivingce yonke imithombo yamanzi, nize niyonakalise ngamatye yonke imihlaba emihle.”+ 20  Kusasa, ngexesha lokwenziwa komnikelo wokutya,+ kwehla amanzi evela ngakwaEdom, agcwala kwelo lizwe. 21  Onke amaMowabhi eva ukuba ookumkani babeze kulwa nawo, ngoko aqokelela onke amadoda akwaziyo ukuthwala izixhobo zokulwa* aza ema emdeni. 22  Ukuvuka kwawo ekuseni, ilanga lalibengezela emanzini, yaye kwicala lamaMowabhi, amanzi ayebonakala ebomvu okwegazi. 23  Athi: “Ligazi eli! Ookumkani ngokuqinisekileyo baxabelene ngamakrele. Phambili maMowabhi, masiyokuthimba!”+ 24  Ukufika kwawo enkampini kaSirayeli, amaSirayeli aphakama aza awaxabela amaMowabhi, ibe abaleka.+ AmaSirayeli ada aya kufika kwaMowabhi, oko ewaxabela amaMowabhi endleleni. 25  Adiliza izixeko, yaye indoda nganye yayiphosa ilitye kuyo yonke imihlaba emihle, de kwagcwala amatye kuyo yonke; avingca yonke imithombo yamanzi,+ aza awisa yonke imithi emihle.+ Ekugqibeleni ziindonga zamatye zaseKire-hareseti kuphela ezazimile,+ yaye abo badubula ngezilingi bayirhangqa baza bayihlasela. 26  Ukumkani wakwaMowabhi wathi akubona ukuba woyisiwe edabini, wathatha amadoda ayi-700 aphethe amakrele ukuze atyhoboze aye kukumkani wakwaEdom;+ kodwa awazange akwazi. 27  Ngoko wathatha unyana wakhe olizibulo owayeza kulawula endaweni yakhe, wanikela ngaye njengombingelelo otshiswayo+ eludongeni. Acatshukelwa kakhulu amaSirayeli, ngoko arhoxa aza abuyela kwilizwe lawo.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “owayesisicaka sikaEliya.”
Ngokoqobo, “endimi phambi kwakhe.”
Okanye “awayefaka amabhanti.”