Eyesibini YooKumkani 5:1-27

  • UElisha uphilisa iqhenqa likaNahaman (1-19)

  • UGehazi onyolukileyo ubethwa ngeqhenqa (20-27)

5  UNahaman, intloko yomkhosi kakumkani waseSiriya, wayeyindoda ebalulekileyo nehloniphekileyo enkosini yayo, kuba uYehova wayesebenzise yena ukuze iSiriya yoyise.* Le ndoda yayiligorha, kodwa ineqhenqa.*  Ngenye imini, xa amaSiriya ayeye kuhlasela ilizwe lakwaSirayeli, athimba enye intwazana, yaba sisicakakazi somfazi kaNahaman.  Yathi kuloo mfazi: “Akwaba inkosi yam ibingaya kubona umprofeti+ eSamariya! Ebeza kuyiphilisa kwiqhenqa layo.”+  Ngoko wayokuyichaza* le nto kwinkosi yakhe, wayixelela yonke into ethethwe yile ntwazana yakwaSirayeli.  Ukumkani waseSiriya wathi: “Hamba ngoku! Ndiza kumbhalela ileta ukumkani wakwaSirayeli.” Wahamba ke, ephethe iitalente* ezilishumi zesilivere, iishekele eziyi-6 000 zegolide nezambatho ezilishumi.  Le leta wayisa kukumkani wakwaSirayeli, isithi: “Ndithumela isicaka sam uNahaman kunye nale leta, ukuze umphilise kwiqhenqa lakhe.”  Emva nje kokuba eyifundile le leta, ukumkani wakwaSirayeli wazikrazula iimpahla zakhe wathi: “NdinguThixo na mna, ukuba ndibulale okanye ndiphilise?+ Kuba lo mntu undithumelela indoda, esithi mandiyiphilise kwiqhenqa layo! Niyazibonela nani ukuba uqala uchuku.”  Kodwa xa uElisha, umntu kaThixo wokwenene, wevayo ukuba ukumkani wakwaSirayeli ukrazule iimpahla zakhe, ngoko nangoko wathumela kukumkani, esithi: “Uzikrazulele ntoni iimpahla zakho? Ndicela umvumele eze kum ukuze azi ukuba kukho umprofeti kwaSirayeli.”+  Ngoko uNahaman weza namahashe akhe neenqwelo zakhe zokulwa waza wema egeyithini yendlu kaElisha. 10  Kodwa uElisha wathumela umthunywa ukuba athi kuye: “Hamba uyokuhlamba kasixhenxe+ eYordan,+ yaye inyama yakho iza kubuyela kwinto ibiyiyo, utsho ucoceke.” 11  UNahaman wacaphuka wemka, esithi: “Ndiye ndazixelela ndathi, ‘Uza kuza kum aze eme, abize egameni likaYehova uThixo wakhe, awangawangise ngesandla sakhe phezu kweli qhenqa aze alinyange.’ 12  IAbhana neFarpare, imilambo yaseDamasko,+ ayibhetelanga na kunawo onke amanzi akwaSirayeli? Andinakuhlamba kuyo na ndize ndicoceke?” Emva koko wajika wahamba enomsindo. 13  Izicaka zakhe zeza kuye zathi: “Tata, ukuba umprofeti ebethe yenza into enkulu, ubungazukuyenza na? Kukangakanani ke, njengokuba ethe nje kuwe, ‘Hlamba uze ucoceke’?” 14  Wahamba ke wayokungena* eYordan kasixhenxe njengokuba wayetshilo umntu kaThixo wokwenene.+ Emva koko inyama yakhe yabuya yaba njengenyama yenkwenkwana+ waza wacoceka.+ 15  Emva koko wabuyela kumntu kaThixo wokwenene,+ yena nalo lonke iqela lakhe,* wema phambi kwakhe wathi: “Ngoku ndiyazi ukuba akukho Thixo naphi na emhlabeni ngaphandle kwakwaSirayeli.+ Ndicela wamkele esi sipho esivela* kwisicaka sakho.” 16  Kodwa uElisha wathi: “Njengoko uYehova endimkhonzayo* ephila, andizukusamkela.”+ Wamcenga ukuba asamkele, kodwa wala. 17  Ekugqibeleni uNahaman wathi: “Ukuba awusamkeli ke, ndiyakucela, isicaka sakho masinikwe umhlaba, umthwalo weemeyile ezimbini, kuba isicaka sakho soze siphinde senze umnikelo otshiswayo okanye umbingelelo kubo nabaphi na abanye oothixo ngaphandle koYehova. 18  Kwanga uYehova angasixolela isicaka sakho ngale nto: Xa inkosi yam ingena endlini* kaRimon ukuze iye kuqubuda apho, izixhasa ngengalo yam, ngoko kufuneka nam ndiqubude endlini kaRimon. Xa ndiqubuda endlini kaRimon, ndiyacela, kwanga uYehova angasixolela isicaka sakho ngale nto.” 19  Yena wathi kuye: “Hamba ngoxolo.” Emva kokuba ehambe umgama, 20  uGehazi+ isicaka sikaElisha, umntu kaThixo wokwenene,+ wazixelela oku: ‘Inkosi yam imyekile uNahaman umSiriya+ ayazamkela izinto ebeze nazo. Njengoko uYehova ephila, ndiza kumleqa, ndithathe okuthile kuye.’ 21  Ngoko uGehazi wamleqa uNahaman. Wathi uNahaman akubona ukuba kukho umntu omleqayo, wehla kwinqwelo yakhe ukuze aye kumhlangabeza, waza wathi: “Akukho nto imbi?” 22  Yena wathi: “Akukho nto imbi. Ndithunywe yinkosi yam isithi, ‘Jonga! Khona ngoku kufike abafana ababini bevela kummandla weentaba wakwaEfrayim koonyana babaprofeti. Ndiyakucela, khawubanike italente yesilivere nezambatho zibe zibini.’”+ 23  UNahaman wathi: “Thatha iitalente zibe mbini.” Wamcenga,+ wafaka iitalente ezimbini zesilivere kwiingxowa ezimbini, nezambatho ezibini, wazinika izicaka zakhe ezibini, zazithwala zahamba phambi kwakhe. 24  Ukufika kwakhe eOfeli,* wazithatha wazibeka endlini, waza wawakhulula ahamba loo madoda. Emva kokuba emkile, 25  wangena waza wema ngasenkosini yakhe. UElisha wathi kuye: “Uvela phi Gehazi?” Yena wathi: “Isicaka sakho khange siye ndawo.”+ 26  UElisha wathi kuye: “Ucinga ukuba andazi na ukuba wena uye waleqa laa ndoda, yaza yona yehla kwinqwelo yayo yakukhawulela? Lixesha lokwamkela isilivere na eli okanye lokwamkela izambatho okanye imithi yomnquma okanye yeediliya okanye iigusha okanye iinkomo okanye izicaka okanye izicakakazi?+ 27  Iqhenqa likaNahaman+ liza kuba kuwe nakwinzala yakho ngonaphakade.” Ngoko nangoko wemka phambi kwakhe eneqhenqa elimhlophe njengekhephu.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “isindiswe.”
Okanye “inesifo emzimbeni.”
Kusenokwenzeka ukuba kubhekiselwa kuNahaman.
Italente yayilingana ne-34,2 kg. Funda Isihlomelo B14.
Okanye “waya kuzintywilisela.”
Ngokoqobo, “intsikelelo evela.”
Ngokoqobo, “nayo yonke inkampu yakhe.”
Ngokoqobo, “endimi phambi kwakhe.”
Okanye “etempileni.”
Indawo eseSamariya, ekusenokwenzeka ukuba yinduli okanye yindawo ekhuselekileyo.