Eyesibini YooKumkani 9:1-37

  • UYehu wenziwa ukumkani wakwaSirayeli (1-13)

  • UYehu ubulala uYehoram noAhaziya (14-29)

  • UIzebhele uyabulawa, inyama yakhe ityiwa zizinja (30-37)

9  UElisha umprofeti wabiza omnye woonyana babaprofeti, wathi kuye: “Bhinqa iimpahla zakho esinqeni uze uthathe le ngqayi yeoli uye eRamoti-giliyadi.+  Ukufika kwakho apho uze ukhangele uYehu+ unyana kaYehoshafati unyana kaNimshi; umele ungene ummise phakathi kwabantakwabo, uze umse kwelona gumbi lingaphakathi.  Apho uze uthathe le ngqayi yeoli umgalele entloko, uthi, ‘Uthi uYehova: “Ndiyakuthambisa ukuba ube ngukumkani kwaSirayeli.”’+ Wakugqiba uze uvule ucango ubaleke ngoko nangoko.”  Sahamba ke isicaka somprofeti saya eRamoti-giliyadi.  Safika abaphathi-mkhosi behleli kunye, sathi: “Ndinomyalezo wakho nkosi yam.” UYehu wathi: “Ubhekisa kubani kanye kanye?” Sathi sona: “Kuwe nkosi yam.”  Ngoko uYehu waphakama waya endlini. Esi sicaka samgalela ioli entloko, saza sathi, “Uthi uYehova uThixo kaSirayeli: ‘Ndikuthambisa ukuba ube ngukumkani wabantu bakaYehova kwaSirayeli.+  Uze uyixabele indlu ka-Ahabhi inkosi yakho, ukuze ndiliphindezele igazi labakhonzi bam abaprofeti nelabo bonke abakhonzi bakaYehova abafela ezandleni zikaIzebhele.+  Yonke indlu ka-Ahabhi iza kutshabalala; ndiza kutshabalalisa wonke umntu oyindoda* kwa-Ahabhi, kunye nabo bangenakuzinceda nabangenamandla kwaSirayeli.+  Ndiza kuyenza indlu ka-Ahabhi ibe njengendlu kaYerobhoham+ unyana kaNebhati nanjengendlu kaBhahasha+ unyana ka-Ahiya. 10  Yena ke uIzebhele uza kutyiwa zizinja kwisiqwenga somhlaba esiseYizereli,+ yaye akukho mntu uza kumngcwaba.’” Emva koko wavula umnyango wabaleka.+ 11  Akuba uYehu ebuyele kwizicaka zenkosi yakhe, zathi kuye: “Ngaba yonke into ihamba kakuhle? Belifuna ntoni eli geza kuwe?” Wathi kuzo: “Niyayazi nani le ndoda nezinto edla ngokuzithetha.” 12  Kodwa zathi: “Uyasiqhatha! Sicela usixelele.” Wathi ke kuzo: “Ithethe le nale kum, yaphinda yathi, ‘Uthi uYehova: “Ndiyakuthambisa ukuba ube ngukumkani kwaSirayeli.”’”+ 13  Ngokukhawuleza bonke bathatha izambatho zabo, bazandlala phantsi kwakhe ezitepsini,+ bavuthela uphondo bathi: “UYehu ngukumkani!”+ 14  Emva koko uYehu+ unyana kaYehoshafati unyana kaNimshi wenzela uYehoram iyelenqe. UYehoram naye wonke uSirayeli babekhusele iRamoti-giliyadi+ kuKumkani uHazayeli+ waseSiriya. 15  Ethubeni uKumkani uYehoram wabuyela eYizereli,+ ukuze aphile amanxeba awayewafumene kumaSiriya xa wayesilwa noKumkani uHazayeli waseSiriya.+ UYehu wathi: “Ukuba uyavuma, makungabikho mntu uphumayo esixekweni ayokuyichaza eYizereli le nto.” 16  Emva koko uYehu wakhwela enqwelweni yakhe waya eYizereli, kuba uYehoram wayenzakele, elele apho, noKumkani uAhaziya wakwaYuda wayelapho eye kumbona. 17  Njengoko unogada wayemi kwinqaba yaseYizereli, wabona igquba lamadoda lisiza lihamba noYehu. Ngoko nangoko wathi: “Ndibona igquba lamadoda.” UYehoram wathi: “Thumela ijoni lihambe ngehashe liyokuwahlangabeza, lithi kuwo, ‘Niza ngoxolo na?’” 18  Lahamba ijoni ngehashe layokumhlangabeza, lathi: “Ukumkani uthi, ‘Niza ngoxolo na?’” Kodwa uYehu wathi: “Wazi ntoni wena ‘ngoxolo’? Yiya emva kwam!” Unogada wathi: “Umthunywa ufikile kubo, kodwa akakabuyi.” 19  Ngoko wathumela ijoni lesibini ngehashe, lafika kubo lathi: “Ukumkani uthi, ‘Niza ngoxolo na?’” Kodwa uYehu wathi: “Wazi ntoni wena ‘ngoxolo’? Yiya emva kwam!” 20  Unogada wathi: “Ufikile kubo, kodwa akakabuyi; laa mqhubi uzayo yena uqhuba njengoYehu umzukulwana* kaNimshi, kuba uqhuba ngathi ligeza.” 21  UYehoram wathi: “Bopha inqwelo yam!” Yabotshwa ke inqwelo yakhe yokulwa, waza waphuma uKumkani uYehoram wakwaSirayeli noKumkani uAhaziya+ wakwaYuda, ngamnye ekwinqwelo yakhe yokulwa, baya kuhlangabeza uYehu. Bahlangana naye kwisiqwenga somhlaba kaNabhoti+ umYizereli. 22  Akuba uYehoram embonile uYehu, wathi: “Uza ngoxolo na Yehu?” Yena wathi: “Lungakho njani uxolo umama wakho uIzebhele eseligqwirha, ethengisa nangomzimba?”+ 23  Ngoko nangoko uYehoram wajika inqwelo yakhe wabaleka, waza wathi kuAhaziya: “Basenzele iyelenqe, Ahaziya!” 24  UYehu waqubula isaphetha sakhe watola kuYehoram, wamchana phakathi kwamagxa, lwaza utolo lwagqobhoza lwaya kuthi xhokro entliziyweni, wathi folokohlo kwinqwelo yakhe yokulwa. 25  Emva koko wathi kuBhidekare iphakathi lakhe: “Mphakamise umphose kwintsimi kaNabhoti umYizereli.+ Khumbula kaloku, mna nawe sasisenqwelweni emva kuka-Ahabhi utata wakhe, xa uYehova wathetha ngaye esithi:+ 26  ‘“Njengoko ndilibonile ngokuqinisekileyo igazi likaNabhoti+ negazi loonyana bakhe izolo,” utsho uYehova, “ndiza kuliphindezela+ apha kanye kwesi siqwenga somhlaba,” utsho uYehova.’ Mphakamise ke uze umphose kwesi siqwenga somhlaba, njengokuba etshilo uYehova.”+ 27  Wathi akuyibona loo nto yenzekileyo uKumkani uAhaziya+ wakwaYuda, wabaleka ngendlela eya ngakwindlu esemyezweni. (Ethubeni uYehu wamleqa waza wathi: “Naye mxabeleni!” Bamxabela esenqwelweni kwindlela enyukayo eya eGure, engaseIbleyam.+ Kodwa waqhubeka ebaleka esiya eMegido waza wafela apho. 28  Ngoko izicaka zakhe zamthwala ngenqwelo zamsa eYerusalem, zaza zamngcwaba kunye nookhokho bakhe kwisiXeko SikaDavide.+ 29  UAhaziya lo waba ngukumkani kwaYuda ngonyaka we-11+ wokulawula kukaYehoram unyana ka-Ahabhi.) 30  Ukufika kukaYehu eYizereli,+ uIzebhele+ wayiva loo nto. Ngoko waqaba amehlo akhe ngento emnyama, walungisa neenwele zakhe waza wakroba ngefestile. 31  Njengoko uYehu wayengena egeyithini, uIzebhele wathi: “Ngaba izinto zimhambele kakuhle uZimri, umbulali wenkosi yakhe?”+ 32  UYehu wajonga phezulu efestileni wathi: “Ngubani ongakum? Ngubani?”+ Ngoko nangoko amagosa endlu kakumkani amabini okanye amathathu ajonga kuye ezantsi. 33  Wathi: “Mphoseni phantsi!” Amphosa phantsi, yaza inxalenye yegazi lakhe yachaphazela udonga namahashe, wamnyathelisa ngawo. 34  Emva koko wangena, watya waza wasela. Wathi: “Khanincede nimsuse apha lo mfazi uqalekisiweyo nize nimngcwabe. Kaloku yintombi kakumkani le.”+ 35  Kodwa xa baya kumthatha ukuze bamngcwabe, bafumana kuphela ukakayi neenyawo nezandla zakhe.+ 36  Xa babuyayo bezokumxelela, wathi: “Oku kukuzaliseka kwelizwi likaYehova+ elathethwa ngumkhonzi wakhe uEliya umTishbhi, esithi, ‘Izinja ziza kuyitya inyama kaIzebhele kwisiqwenga somhlaba waseYizereli.+ 37  Yaye isidumbu sikaIzebhele siza kuba ngumgquba kwintsimi ekwisiqwenga somhlaba waseYizereli, ukuze bangathi: “Lo nguIzebhele.”’”

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “nabani na ochamela eludongeni.” Intetho yesiHebhere enyembayo ebhekisela kumadoda.
Ngokoqobo, “unyana.”