ABagwebi 10:1-18

  • Abagwebi uTola noYayire (1-5)

  • AmaSirayeli awathobeli aze aphinde aguquke (6-16)

  • Ama-Amoni alungiselela ukulwa namaSirayeli (17, 18)

10  Emva koAbhimeleki, kwavela uTola unyana kaPuwa, unyana kaDodo, indoda yakwaIsakare, ukuze asindise uSirayeli.+ Wayehlala eShamire kummandla weentaba wakwaEfrayim.  Waba ngumgwebi kwaSirayeli iminyaka eyi-23. Emva koko wafa waza wangcwatyelwa eShamire.  Emva kwakhe kwavela uYayire umGiliyadi waza waba ngumgwebi kwaSirayeli iminyaka eyi-22.  Wayenoonyana abayi-30 ababekhwela iidonki eziyi-30, futhi benezixeko eziyi-30 ezisabizwa ngokuba yiHavoti-yayire+ nanamhlanje; zikwilizwe laseGiliyadi.  Emva koko uYayire wafa waza wangcwatyelwa eKamon.  AmaSirayeli aphinda enza izinto ezimbi emehlweni kaYehova,+ aqala apho ebeyeke khona ukukhonza ooBhahali,+ imifanekiso ka-Ashtoreti, oothixo baseAram,* oothixo baseSidon, oothixo bakwaMowabhi,+ oothixo bama-Amoni+ noothixo bamaFilisti.+ Amlahla uYehova aza ayeka ukumkhonza.  Ngoko uYehova waba nomsindo, waza wawanikela* amaSirayeli kumaFilisti nakuma-Amoni.+  Awacinezela gqitha amaSirayeli ngaloo nyaka, awacinezela onke awayengaphesheya kweYordan kwilizwe lama-Amori elaliseGiliyadi, iminyaka eyi-18.  Ama-Amoni ayewela neYordan esiya kulwa noYuda noBhenjamin kunye nendlu kaEfrayim; ibe uSirayeli wayesentlungwini. 10  Emva koko amaSirayeli akhalela uncedo kuYehova,+ esithi: “Sikonile, kuba siye samlahla uThixo wethu saza sakhonza ooBhahali.”+ 11  Kodwa uYehova wathi kumaSirayeli: “Andizange ndinisindise na kwiYiputa,+ kuma-Amori,+ kuma-Amoni, kumaFilisti,+ 12  kumaSidon, kuma-Amaleki nakumaMidiyan xa ayenicinezela? Nathi nakundikhalela, ndanisindisa kuwo. 13  Kodwa nandishiya naza nakhonza abanye oothixo.+ Yiloo nto ndingazukuphinda ndinisindise.+ 14  Hambani kaloku niye kucela uncedo koothixo enibakhethileyo.+ Mabanisindise kule ntlungu nikuyo.”+ 15  Kodwa amaSirayeli athi kuYehova: “Sonile. Ungasenza nantoni na oyibona ilungile emehlweni akho. Kodwa nje sicela usihlangule.” 16  Abasusa oothixo basemzini phakathi kwawo aza akhonza uYehova,+ kangangokuba yena akazange akwazi ukuyinyamezela intlungu kaSirayeli.+ 17  Ethubeni, ama-Amoni+ aqokelelana aza amisa inkampu eGiliyadi. Ngoko namaSirayeli aqokelelana aza amisa eyawo inkampu eMizpa. 18  Abantu kunye neenkosana zaseGiliyadi bathi: “Siza kukhokelwa ngubani xa sisilwa nama-Amoni?+ Loo mntu makabe yinkosi yabo bonke abantu baseGiliyadi.”

Umbhalo osemazantsi

Okanye “baseSiriya.”
Ngokoqobo, “wawathengisa.”