ABagwebi 10:1-18
10 Emva koAbhimeleki, kwavela uTola unyana kaPuwa, unyana kaDodo, indoda yakwaIsakare, ukuze asindise uSirayeli.+ Wayehlala eShamire kummandla weentaba wakwaEfrayim.
2 Waba ngumgwebi kwaSirayeli iminyaka eyi-23. Emva koko wafa waza wangcwatyelwa eShamire.
3 Emva kwakhe kwavela uYayire umGiliyadi waza waba ngumgwebi kwaSirayeli iminyaka eyi-22.
4 Wayenoonyana abayi-30 ababekhwela iidonki eziyi-30, futhi benezixeko eziyi-30 ezisabizwa ngokuba yiHavoti-yayire+ nanamhlanje; zikwilizwe laseGiliyadi.
5 Emva koko uYayire wafa waza wangcwatyelwa eKamon.
6 AmaSirayeli aphinda enza izinto ezimbi emehlweni kaYehova,+ aqala apho ebeyeke khona ukukhonza ooBhahali,+ imifanekiso ka-Ashtoreti, oothixo baseAram,* oothixo baseSidon, oothixo bakwaMowabhi,+ oothixo bama-Amoni+ noothixo bamaFilisti.+ Amlahla uYehova aza ayeka ukumkhonza.
7 Ngoko uYehova waba nomsindo, waza wawanikela* amaSirayeli kumaFilisti nakuma-Amoni.+
8 Awacinezela gqitha amaSirayeli ngaloo nyaka, awacinezela onke awayengaphesheya kweYordan kwilizwe lama-Amori elaliseGiliyadi, iminyaka eyi-18.
9 Ama-Amoni ayewela neYordan esiya kulwa noYuda noBhenjamin kunye nendlu kaEfrayim; ibe uSirayeli wayesentlungwini.
10 Emva koko amaSirayeli akhalela uncedo kuYehova,+ esithi: “Sikonile, kuba siye samlahla uThixo wethu saza sakhonza ooBhahali.”+
11 Kodwa uYehova wathi kumaSirayeli: “Andizange ndinisindise na kwiYiputa,+ kuma-Amori,+ kuma-Amoni, kumaFilisti,+
12 kumaSidon, kuma-Amaleki nakumaMidiyan xa ayenicinezela? Nathi nakundikhalela, ndanisindisa kuwo.
13 Kodwa nandishiya naza nakhonza abanye oothixo.+ Yiloo nto ndingazukuphinda ndinisindise.+
14 Hambani kaloku niye kucela uncedo koothixo enibakhethileyo.+ Mabanisindise kule ntlungu nikuyo.”+
15 Kodwa amaSirayeli athi kuYehova: “Sonile. Ungasenza nantoni na oyibona ilungile emehlweni akho. Kodwa nje sicela usihlangule.”
16 Abasusa oothixo basemzini phakathi kwawo aza akhonza uYehova,+ kangangokuba yena akazange akwazi ukuyinyamezela intlungu kaSirayeli.+
17 Ethubeni, ama-Amoni+ aqokelelana aza amisa inkampu eGiliyadi. Ngoko namaSirayeli aqokelelana aza amisa eyawo inkampu eMizpa.
18 Abantu kunye neenkosana zaseGiliyadi bathi: “Siza kukhokelwa ngubani xa sisilwa nama-Amoni?+ Loo mntu makabe yinkosi yabo bonke abantu baseGiliyadi.”