ABagwebi 12:1-15

  • Kuliwa namaEfrayim (1-7)

    • Ukuvavanywa ngegama elithi Shibholete (6)

  • Abagwebi uIbhetsan, uElon noAbhedon (8-15)

12  Kwathunyelwa ukuba kubizwe amadoda akwaEf­rayim, ngoko awelela eTsafon,* aza athi kuYifeta: “Kutheni ungasibizanga ukuba sihambe nawe xa ubuwela usiya kulwa nama-Amoni?+ Siza kukutshisela endlini yakho.”  Kodwa uYifeta wathi kuwo: “Mna nabantu bam kudala sijijisana nama-Amoni. Ndiye ndakhala kuni ndicela uncedo, kodwa anikhange nindisindise kuwo.  Ndithe ndakubona ukuba anizukundisindisa, ndaqonda ukuba mandibeke ubomi bam engozini* ndilwe nama-Amoni,+ yaye uYehova uye wawanikela kum. Ngoko kutheni nizokulwa nam namhlanje?”  Emva koko uYifeta waqokelela onke amadoda aseGiliyadi+ waza walwa noEfrayim; amadoda aseGiliyadi amoyisa uEfrayim, owayethe: “Nina ningabantu nje ababaleke kwaEfrayim, nina maGiliyadindini akwaEfrayim nakwaManase.”  AmaGiliyadi awathimba amazibuko aseYordan+ ngaphambi kokuba afike amaEfrayim; ibe xa amadoda akwaEfrayim azama ukuqhwesha ayesithi: “Ndivumeleni ndiwele,” amadoda aseGiliyadi ayebuza nganye kuwo athi: “UngumEfrayim?” Yakuthi, “Hayi!”  ayesithi kuyo, “Khawuthi Shibholete.” Kodwa yona yayisithi, “Sibholete,” kuba yayingakwazi ukulibiza kakuhle elo gama. Emva koko, ayeyibamba aze ayibulale emazibukweni aseYordan. Ngoko kwafa amaEfrayim ayi-42 000 ngelo xesha.  UYifeta waba ngumgwebi kwaSirayeli iminyaka emithandathu, emva koko uYifeta umGiliyadi wafa waza wangcwatyelwa kwisixeko sakowabo eGiliyadi.  Emva kwakhe, uIbhetsan waseBhetelehem waba ngumgwebi kwaSirayeli.+  Wayenoonyana abayi-30 neentombi eziyi-30. Wathumela iintombi zakhe ukuba ziye kutshata namadoda ezinye iintsapho, waza wazisa iintombi eziyi-30 ukuba zitshate noonyana bakhe. Waba ngumgwebi kwaSirayeli iminyaka esixhenxe. 10  Wafa uIbhetsan, wangcwatyelwa eBhetelehem. 11  Emva kwakhe, uElon umZebhulon waba ngumgwebi kwaSirayeli; waba ngumgwebi iminyaka elishumi. 12  Wafa uElon umZebhulon, wangcwatyelwa eAyalon kwilizwe lakwaZebhulon. 13  Emva kwakhe, ­uAbhedon unyana kaHileli umPiratoni waba ngumgwebi kwaSirayeli. 14  Wayenoonyana abayi-40 nabazukulwana abangamadoda abayi-30 ababekhwela iidonki eziyi-70. Waba ngumgwebi kwaSirayeli iminyaka esibhozo. 15  Wafa uAbhedon unyana kaHileli umPiratoni, wangcwatyelwa ePiratoni kwilizwe lakwaEfrayim kwintaba yama-Amaleki.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye kusenokwenzeka, “awelela emantla.”
Okanye “mandibeke ubomi bam esandleni sam.”