ABagwebi 14:1-20

  • UMgwebi uSamson ufuna umfazi womFilisti (1-4)

  • USamson ubulala ingonyama encedwa ngumoya kaYehova (5-9)

  • Uqash-qash kaSamson emtshatweni (10-19)

  • Umfazi kaSamson unikwa enye indoda (20)

14  USamson wehla waya eTimna, waza wabona intombi yomFilisti* apho.  Ngoko wenyuka wayokuthi kutata wakhe nomama wakhe: “Ndiphandlwe yintombi yomFilisti eTimna, ibe ndifuna nindithathele yona ibe ngumfazi wam.”  Kodwa utata wakhe nomama wakhe bathi kuye: “Bekungasekho zintombi na kwizizalwana zakho nakubo bonke abantu bakuthi?+ Ungade uye kuthatha umfazi kumaFilisti angolukanga?” Kodwa uSamson wathi kutata wakhe: “Ndithathele yena, kuba nguye ondifaneleyo.”*  Utata wakhe nomama wakhe babengaqondi ukuba oko kwakuvela kuYehova, kuba wayefuna indlela yokuhlasela amaFilisti, njengoko amaFilisti ayelawula uSirayeli ngelo xesha.+  Ngoko uSamson wehla notata wakhe nomama wakhe baya eTimna. Akufika kumasimi eediliya aseTimna, kwathi gqi ingonyama igquma isiza ngakuye.  Umoya kaYehova wamnika amandla,+ waza wayikrazula yangamacala amabini, njengaxa kukrazulwa itakane lebhokhwe ngezandla. Kodwa akazange amxelele utata wakhe okanye umama wakhe into ayenzileyo.  Emva koko uSamson wehla wayokuthetha naloo ntombi,+ ibe wabona ukuba usayithanda.  Ethubeni xa wabuyela kuyo ukuze ayithathe agoduke nayo,+ waya kukhangela isidumbu salaa ngonyama, wafika kuso kukho ibubu leenyosi nobusi.  Waphakula ubusi kuyo ngezandla, wahamba ebutya. Akufika kutata wakhe nomama wakhe, wabapha, batya. Kodwa akabaxelelanga ukuba obo busi ubuphakule kwisidumbu sengonyama. 10  Utata wakhe wehla waya kuloo ntombi, waza uSamson wenza itheko apho, kuba leyo yindlela ababesenza ngayo abafana. 11  Bathi bakumbona, bazisa abakhaphi bomyeni abayi-30 ukuze bahambe naye. 12  USamson wathi kubo: “Makhe ndinenzele uqash-qash. Ukuba niye nakwazi ukundichazela nize nindiphendule ngezi ntsuku zisixhenxe zetheko, ndiza kuninika izambatho zelinen eziyi-30 neempahla zokuhomba eziyi-30. 13  Kodwa ukuba anikwazi kundichazela, niza kunika mna izambatho zelinen eziyi-30 neempahla zokuhomba eziyi-30.” Bathi bona: “Yitsho, uthini lo qash-qash wakho?” 14  Wathi kubo: “Kodlayo kwaphuma into etyiwayo,Kowomeleleyo kwaphuma into enencasa.”+ Kwaphela iintsuku ezintathu bengakwazi ukumchaza lo qash-qash. 15  Ngosuku lwesine bathi kumfazi kaSamson: “Qhatha indoda yakho+ ukuze ikuchazele lo qash-qash. Ukuba awuyenzi loo nto, siza kukutshisa wena nendlu katata wakho. Nisimemele apha ukuze noxuthe izinto zethu na?” 16  Ngoko umfazi kaSamson waya kuye sele enyembezana, wathi: “Kucacile ukuba uyandicaphukela; awundithandi.+ Wenzele abantu bakuthi uqash-qash, kodwa awandichazela impendulo.” Wathi yena kuye: “Kaloku, andixelelanga nkqu notata nomama! Ndingathini ke ukuxelela wena?” 17  Kodwa wamlilela ngazo zonke ezo ntsuku zisixhenxe zetheko. Wade wamchazela ngosuku lwesixhenxe, kuba wayemcenga. Ngoko wayokuxelela abantu bakowabo impendulo.+ 18  Ngosuku lwesixhenxe, lingekatshoni ilanga,* amadoda esixeko athi kuye: “Yintoni enencasa ngaphezu kobusi,Iyintoni enamandla ngaphezu kwengonyama?”+ Wathi kuwo: “Ukuba beningalimanga ngethokazi lam lenkomo,+Ngeningakwazanga ukumchaza lo qash-qash wam.” 19  Emva koko, umoya kaYehova wamnika amandla,+ waza wehla waya eAshkelon,+ waxabela amadoda ayi-30 waza wathatha iimpahla zawo wazinika abo babechaze uqash-qash wakhe.+ Wabuyela endlini katata wakhe enomsindo. 20  Ngoko wathathwa umfazi kaSamson,+ wanikwa omnye wabakhaphi bakhe.+

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “wabona umfazi ezintombini zamaFilisti.”
Ngokoqobo, “olungileyo emehlweni am.”
Okanye kusenokwenzeka, “engekangeni kwigumbi elingaphakathi.”