ABagwebi 15:1-20

  • USamson uziphindezela kumaFilisti (1-20)

15  Ethubeni, ngemihla yokuvunwa kwengqolowa, uSamson waya kubona umfazi wakhe ephethe itakane lebhokhwe. Wathi: “Ndifuna ukuya kumfazi wam kwigumbi lokulala.”* Kodwa utata womfazi akazange amvumele ukuba angene.  Utata womfazi wathi: “Ndiye ndazixelela ukuba, ‘Umele ukuba uyamcaphukela.’+ Ngoko ndimnike umkhaphi wakho.+ Udadewabo omncinci akemhlanga na kunaye? Ndiyakucela, thatha yena endaweni yakhe.”  Kodwa uSamson wathi kubo: “Noko, awanakundigxeka amaFilisti xa ndinokuwonzakalisa ngoku.”  Ngoko uSamson wahamba waya kubamba iimpungutye eziyi-300. Emva koko, wathatha izibane, wabopha ezo mpungutye ngambini ngemisila waza wafaka izibane phakathi kwaloo misila.  Wazilayita ezo zibane waza wathumela iimpungutye kumasimi amaFilisti angekavunwa. Watshisa yonk’ into ukususela kwisithungu ukuya kutsho kwisikhwebu, watshisa amasimi eediliya nemithi yomnquma.  AmaFilisti athi: “Ngubani owenze le nto?” Kwathiwa kuwo: “NguSamson umkhwenyana womTimna, kuba uthathe umfazi wakhe wamnika umkhaphi wakhe.”+ Akuyiva loo nto, amaFilisti enyuka, amtshisa loo mfazi kunye notata wakhe.+  USamson wathi kuwo: “Ukuba nenza ngolu hlobo, andizukuniyeka de ndiziphindezele.”+  Emva koko wawaxhaxha* waza wehla wayokuhlala emqolombeni kwiliwa iEtam.  Emva koko amaFilisti eza kumisa inkampu kwaYuda aza ahamba-hamba eLehi.+ 10  Amadoda akwaYuda athi: “Kutheni nizokusihlasela?” Wona athi: “Sizokubamba* uSamson, ukuze simenze le nto asenze yona.” 11  Ngoko kwehla amadoda akwaYuda ayi-3 000 aya kumqolomba weliwa iEtam aza athi kuSamson: “Awazi na ukuba silawulwa ngamaFilisti?+ Ungayenza njani ke into enje kuthi?” Wathi kuwo: “Ndiwenze le nto nawo andenze yona.” 12  Athi kuye: “Sizokukubamba, ukuze sikunikele kumaFilisti.” USamson wathi kuwo: “Ndifungeleni ukuba nina anizukundihlasela.” 13  Athi kuye: “Hayi, siza kukubopha qha, size sikuse kuwo, kodwa asizukukubulala.” Ngoko ambopha ngeentambo ezimbini ezintsha aza amkhupha eliweni. 14  Athi akufika naye eLehi, amaFilisti aziva oyisile aza akhwaza evuya kakhulu. Umoya kaYehova wamnika amandla,+ yaye iintambo ezazisezingalweni zakhe zaba ngathi yimisonto yelinen etshiswe ngomlilo, anyibilika amakhamandela ezandleni zakhe.+ 15  Emva koko wafumana umhlathi owomeleleyo wenkunzi yedonki, wabulala ngawo amadoda ayi-1 000.+ 16  USamson wathi: “Ngomhlathi wedonki, ndawatsho aqungquluza, imfumba enye, iimfumba ezimbini! Ngomhlathi wedonki, ndibulele amadoda ayi-1 000.”+ 17  Akugqiba ukuthetha, wawulahla loo mhlathi waza loo ndawo wayibiza ngokuba yiRamati-lehi.*+ 18  Emva koko wanxanwa kakhulu, waza wakhala kuYehova esithi: “Nguwe omsindisileyo umkhonzi wakho. Kodwa ngoku ngaba ndimele ndife lunxano ndize ndiwele ezandleni zabantu abangolukanga?” 19  Ngoko uThixo wavula umngxuma owawuseLehi, kwaza kwaphuma amanzi kuwo.+ Wathi akusela kuwo, abuya amandla akhe* waza waphila. Yiyo le nto wawubiza ngokuba yiEn-hakore,* eseseLehi de kube namhlanje. 20  Waba ngumgwebi kwaSirayeli ngemihla yamaFilisti iminyaka eyi-20.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “kwigumbi elingaphakathi.”
Ngokoqobo, “wawaxabela imilenze emathangeni.”
Okanye “Size kubopha.”
Ethetha ukuthi “Indawo Ephakamileyo Yethambo Lomhlathi.”
Ngokoqobo, “wabuya umoya wakhe.”
Ethetha ukuthi “Umthombo Wamanzi Walowo Ubizayo.”