ABagwebi 19:1-30

  • AmaBhenjamin adlwengula umfazi eGibheyon (1-30)

19  Ngaloo mihla, xa kwakungekho kumkani kwaSirayeli,+ kwakukho omnye umLevi owayehlala emagqagaleni kummandla weentaba wakwaEfrayim.+ Wathatha intombi yaseBhetelehem*+ kwaYuda yaba ngumfazi wakhe.  Kodwa lo mfazi akazange athembeke* kuye, ibe wayishiya indoda yakhe wabuyela endlini katata wakhe eBhetelehem kwaYuda. Wahlala apho iinyanga ezine.  Ngoko indoda yakhe yamlandela ukuze imcenge ukuba abuye; yayihamba nesicaka sayo needonki ezimbini. Lo mfazi wayingenisa endlini katata wakhe. Wathi utata walo mfazi akuyibona, wayamkela ngezandla ezishushu.  Wayicenga ukuba ihlale naye iintsuku ezintathu; yaye babesitya, besela, ibe yayilala apho.  Ngosuku lwesine, xa bavuka ekuseni ukuze bahambe, utata wentombi wathi kumkhwenyana wakhe: “Yitya ukuze ube namandla, emva koko ningahamba.”  Ngoko bahlala phantsi, baza bobabini batya, basela kunye; emva koko utata wentombi wathi kule ndoda: “Ndiyakucela, khawulale nangokuhlwanje, uzonwabise.”  Yathi yakuphakama le ndoda ukuze ihambe, umkhwe wayo waqhubeka eyicenga, yaza yaphinda yalala apho.  Yathi xa ivuka ekuseni ngosuku lwesihlanu ilungiselela ukuhamba, utata wentombi wathi: “Ndiyakucela, yitya ukuze ube namandla.” Kwaye bahlala, baqhubeka besitya bobabini, de kwaba semalanga.  Xa yayiphakama le ndoda ifuna ukuhamba nomfazi wayo* nesicaka sayo, utata wentombi wathi kuyo: “Jonga! Amathunzi anabile. Ndiyakucela, khawulale. Sele kuhlwile. Hlala wonwabe nangokuhlwanje. Ningavuka ekuseni ngomso nigoduke.”* 10  Kodwa le ndoda ayizange ivume ukuphinda ilale, ngoko yaphakama yahamba yaya kufika eYebhusi, oko kukuthi, eYerusalem.+ Yahamba needonki ezimbini ezifakwe iisali, umfazi wayo* nesicaka sayo. 11  Ukusondela kwabo eYebhusi, ilanga lalisele liza kutshona. Ngoko isicaka sathi enkosini yaso: “Asinakuma na kwesi sixeko samaYebhusi size silale khona?” 12  Kodwa inkosi yaso yathi: “Asimele sime kwisixeko sabantu basemzini abangengomaSirayeli. Siza kugqitha siye eGibheya.”+ 13  Yathi kwisicaka sayo: “Masizame ukuya kufika kwenye yezo ndawo; siza kulala eGibheya okanye eRama.”+ 14  Ngoko baqhubeka nohambo lwabo, baza batshonelwa lilanga xa bekufuphi neGibheya, ummandla wamaBhenjamin. 15  Ngoko bema apho baza bangena ukuze balale eGibheya. Bafika ngaphakathi bahlala phantsi kwindawo kawonke-wonke yesixeko, kodwa akukho mntu wabamkelayo waza wabanika indawo yokulala endlini yakhe.+ 16  Ekugqibeleni ngaloo ngokuhlwa, kwafika ixhego livela kusebenza emasimini. Laliyinzalelwane yakwaEfrayim,+ ummandla weentaba, ibe lalisele linethuba lihlala eGibheya; kodwa abemi beso sixeko babengamaBhenjamin.+ 17  Xa laphakamisa amehlo eli xhego, labona aba bahambi kwindawo kawonke-wonke yesixeko, lathi: “Nivela phi, nisiya phi?” 18  Yathi kulo: “Sivela eBhetelehem kwaYuda, siya kwindawo esemaphandleni kummandla weentaba wakwaEfrayim, apho ndisuka khona. Bendiye eBhetelehem kwaYuda,+ yaye ndiya endlini kaYehova,* kodwa apha akukho mntu undamkelayo endlini yakhe. 19  Sineendiza nokutya okwaneleyo kweedonki zethu,+ nesonka+ newayini ezanele mna, lo mfazi nesicaka sethu. Akukho nto singenayo.” 20  Kodwa ke, eli xhego lathi: “Kwanga unganoxolo! Ndiza kukunika nantoni na oyidingayo, kodwa awunakude ulale kwindawo kawonke-wonke.” 21  Ngoko layingenisa le ndoda endlini yalo laza lanika iidonki ukutya.* Emva koko bahlamba iinyawo zabo, batya basela. 22  Bathi besazonwabisa benjalo, kwafika amadoda esixeko angoongantweni, abetha ucango, amana esithi kweli xhego lingumninindlu: “Khupha le ndoda ize endlini yakho, ukuze silale nayo.”+ 23  Umninindlu waphuma, wathi kuwo: “Hayini bantakwethu, sanukubenza obu bubi. Le ndoda lundwendwe lwam. Sanukulenza ihlazo elinje. 24  Nantsi intombi yam engazange ilale nandoda, nomfazi wale ndoda.* Mandibakhuphe nihlazise bona ukuba nifuna njalo.*+ Kodwa ningayenzi into elihlazo kangaka kule ndoda.” 25  La madoda awazange afune ukummamela, ngoko laa ndoda ingumLevi yathatha umfazi wayo*+ yamsa kuwo phandle. Amdlwengula, amhlukumeza ubusuku bonke de kwasa. Emva koko, amkhulula xa kwakusithi qheke ukusa. 26  Ekuseni, lo mfazi wafika wawa kumnyango wendlu yeli xhego apho yayikhona inkosi yakhe, wathi tywa apho de kwakhanya. 27  Yathi yakuvuka ekuseni inkosi yakhe yaza yavula iingcango zendlu ukuze ihambe, yabona umfazi wayo* ethe tywa emnyango, izandla zakhe zisemgubasini. 28  Yathi kuye: “Vuka, sihambe.” Kodwa akazange aphendule. Yamthatha yambeka edonkini yaza yagoduka. 29  Ukufika kwayo endlini yayo, yathatha imela yokuxhela, yanqunqa umfazi wayo* wangamalungu ayi-12 yaza yawathumela kummandla ngamnye wakwaSirayeli. 30  Wonke umntu owawabonayo wathi: “Zange yenzeka okanye ibonwe into enjengale ukususela kwimini awaphuma ngayo amaSirayeli kwilizwe laseYiputa de kube namhlanje. Yicingeni le nto, nibonisane,+ nize nisixelele ukuba sithini.”

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ishweshwe laseBhetelehem.”
Okanye “eli shweshwe alizange lithembeke.”
Okanye “neshweshwe layo.”
Ngokoqobo, “niye ententeni yakho.”
Okanye “ishweshwe layo.”
Okanye kusenokwenzeka, “ndisebenza endlini kaYehova.”
Okanye “ihabile.”
Okanye “neshweshwe lale ndoda.”
Okanye “nihlukumeze bona nize nenze loo nto ilungileyo kuni.”
Okanye “ishweshwe layo.”
Okanye “ishweshwe layo.”
Okanye “ishweshwe layo.”