ABagwebi 2:1-23

  • Isilumkiso esivela kwingelosi kaYehova (1-5)

  • UYoshuwa uyafa (6-10)

  • Kusetyenziswa abagwebi ukuze kusindiswe amaSirayeli (11-23)

2  Ingelosi kaYehova+ yasuka eGiligali,+ yaya eBhokim yaza yathi: “Ndaninyusa ndanikhupha eYiputa ndanizisa kwilizwe endafunga ngalo kookhokho benu.+ Ndathi, ‘Andisoze ndisaphule isivumelwano endisenze nani.+  Nina ke, ze ningenzi sivumelwano nabemi beli lizwe,+ yaye nifanele nizidilize izibingelelo zabo.’+ Kodwa anikhange nilimamele ilizwi lam.+ Niyenzele ntoni loo nto?  Kungenxa yoko le nto ndithe, ‘Andizukubagxotha phambi kwenu,+ yaye baza kuba ngumgibe kuni,+ noothixo babo babe sisirhintyelo kuni.’”+  Yathi yakuthetha la mazwi ingelosi kaYehova kuwo onke amaSirayeli, akhala kakhulu.  Ngoko loo ndawo ayibiza ngokuba yiBhokim,* aza abingelela kuYehova apho.  UYoshuwa wathi mawemke amaSirayeli apho, waza ngamnye waya kwisabelo somhlaba esililifa lakhe.+  Abantu baqhubeka bekhonza uYehova yonke imihla kaYoshuwa nayo yonke imihla yabadala ababesaphila emva koYoshuwa, ababezibonile zonke izinto ezinkulu uYehova awayezenzele uSirayeli.+  UYoshuwa unyana kaNun, umkhonzi kaYehova, wafa eneminyaka eyi-110.+  Bamngcwaba kumhlaba olilifa lakhe eTimnati-heres,+ kummandla weentaba wakwaEfrayim, emntla weNtaba IGahashe.+ 10  Sonke eso sizukulwana sahlanganiselwa kookhokho baso,* kwaza kwavela esinye isizukulwana emva kwaso esasingamazi uYehova okanye izinto awayezenzele uSirayeli. 11  AmaSirayeli enza izinto ezimbi emehlweni kaYehova, akhonza ooBhahali.+ 12  Ngaloo ndlela amshiya uYehova, uThixo wootata bawo, owayewakhuphe kwilizwe laseYiputa.+ Alandela abanye oothixo, oothixo bezizwana ezaziwajikelezile,+ aqubuda kubo aza amcaphukisa uYehova.+ 13  Amshiya uYehova, akhonza uBhahali nemifanekiso ka-Ashtoreti.+ 14  Amcaphukisa kakhulu uYehova, waza wawanikela kubaphangi.+ Wawanikela* kwiintshaba ezaziwajikelezile,+ yaye awazange akwazi ukumelana neentshaba zawo.+ 15  Ayeba ngatshona ngapha, siwafumane isandla sikaYehova, siwazisele intlekele,+ kanye njengokuba uYehova wayetshilo nanjengokuba uYehova wayefungile kuwo,+ yaye atsala nzima kakhulu.+ 16  Ngoko uYehova wawanika abagwebi ababewasindisa esandleni sabaphangi.+ 17  Kodwa awazange abamamele kwanabo bagwebi, suka azenza abafazi abathengisa ngomzimba kwabanye oothixo aza aqubuda kubo. Akhawuleza ayishiya indlela ababehamba kuyo ookhokho bawo ababeyithobela imiyalelo kaYehova.+ Wona amaSirayeli awazange ayithobele. 18  Nanini na uYehova ewanika umgwebi,+ uYehova wayemxhasa loo mgwebi, aze awasindise kwiintshaba zawo yonke imihla yaloo mgwebi; kuba uYehova wayesiba nosizi*+ ngokugcuma kwawo xa ecinezelwa+ yaye exhatshazwa. 19  Kodwa wayesithi akufa umgwebi, aphinde amaSirayeli enze izinto ezimbi ukodlula ootata bawo ngokulandela abanye oothixo, abakhonze aze aqubude kubo.+ Awazange ahlukane nezenzo zawo kunye nenkani yawo. 20  Ekugqibeleni uYehova waba nomsindo+ waza wathi: “Ngenxa yokuba olu hlanga luye lwasaphula isivumelwano+ endasenza nookhokho balo, lwaza alwandithobela,+ 21  nam andizukuzigxotha phambi kwalo iintlanga awazishiyayo uYoshuwa ukufa kwakhe.+ 22  Ndiza kuwavavanya ngazo amaSirayeli,+ ukuze ndibone ukuba aza kuhamba ngeendlela zikaYehova na njengootata bawo.” 23  Ngoko uYehova waziyeka ezi ntlanga zahlala. Akazange akhawuleze azigxothe, engazange azinikele nasesandleni sikaYoshuwa.

Umbhalo osemazantsi

Ethetha ukuthi “Abalilayo.”
Esi sisaci esithetha ukufa.
Ngokoqobo, “Wawathengisa.”
Okanye “wayezisola.”