ABagwebi 4:1-24

  • UKumkani uYabhin wakwaKanan ucinezela amaSirayeli (1-3)

  • Umprofetikazi uDebhora noMgwebi uBharaki (4-16)

  • UYaheli ubulala uSisera intloko yomkhosi (17-24)

4  Emva kokufa kukaEhudi, amaSirayeli aphinda enza izinto ezimbi emehlweni kaYehova.+  Ngoko uYehova wawanikela* kuYabhin ukumkani wakwaKanan,+ owayelawula eHatsore. Intloko yomkhosi wakhe yayinguSisera, owayehlala kwiHarosheti yeentlanga.*+  AmaSirayeli akhala kuYehova,+ kuba uYabhin* wayeneenqwelo zokulwa eziyi-900 ezinamarhengqa amakhulu entsimbi,*+ ibe ­wayewacinezela, ewaphethe ngqwabalala+ iminyaka eyi-20.  Ngelo xesha, uDebhora umprofetikazi,+ umfazi kaLapidoti, wayengumgwebi kwaSirayeli.  Wayedla ngokuhlala phantsi komthi wesundu kaDebhora phakathi kweRama+ neBheteli,+ kummandla weentaba wakwaEfrayim; amaSirayeli ayemane esiya kuye ukuze awagwebele.  Wathumela ukuba kubizwe uBharaki+ unyana ka-Abhinowam eKedeshe-nafetali,+ wathi kuye: “Akakhuphanga myalelo na uYehova uThixo kaSirayeli? ‘Hamba namadoda* ayi-10 000 akwaNafetali nakwaZebhulon, niye kwiNtaba YeTabhore.  Ndiza kukuzisela uSisera intloko yomkhosi kaYabhin, iinqwelo zakhe zokulwa nomkhosi wakhe, kumfula waseKishon,+ ibe ndiza kumnikela kuwe.’”+  UBharaki wathi kuye: “Ndiza kuhamba ukuba uhamba nam, kodwa andizukuhamba ukuba awuhambi nam.”  Yena wathi: “Ndiza kuhamba nawe. Kodwa ke udumo lwale mfazwe aluzukuza kuwe, kuba uYehova uza kumnikela esandleni somfazi uSisera.”+ Ngoko uDebhora wasukuma waza wahamba noBharaki ukuya eKedeshe.+ 10  UBharaki wabizela uZebhulon noNafetali+ eKedeshe, waza walandelwa ngamadoda ayi-10 000. NoDebhora wenyuka naye. 11  Kwathi kanti ngelo xesha uHebheri umKeni wayezahlule kumaKeni,+ inzala kaHobhabhi, umkhwe kaMoses,+ ibe wayegxumeke intente yakhe kufuphi nomthi omkhulu waseTsananim, eseKedeshe. 12  Bachazela uSisera ukuba uBharaki unyana ka-Abhinowam unyukile waya kwiNtaba YeTabhore.+ 13  Ngoko nangoko uSisera wahlanganisa zonke iinqwelo zakhe zokulwa, iinqwelo eziyi-900 ezinamarhengqa amakhulu entsimbi,* nawo onke amajoni akhe, basuka eHarosheti yeentlanga baya kumfula waseKishon.+ 14  UDebhora wathi kuBharaki: “Phakama, kuba le yimini uYehova aza kumnikela ngayo kuwe uSisera. UYehova akaphumanga phambi kwakho na?” UBharaki wehla kwiNtaba YeTabhore elandelwa ngamadoda ayi-10 000. 15  Emva koko, uYehova wenza isiphithiphithi+ phakathi koSisera neenqwelo zakhe zokulwa zonke nomkhosi wakhe ngoxa babehlaselwa nguBharaki ngekrele. Ekugqibeleni uSisera wehla enqwelweni, wabaleka ngeenyawo. 16  UBharaki wazileqa ezo nqwelo naloo mkhosi, wada waya kutsho kwiHarosheti yeentlanga. Ngoko umkhosi kaSisera wonke wawa ngekrele; akukho namnye owasindayo.+ 17  Kodwa uSisera wabaleka ngeenyawo waya kwintente kaYaheli+ umfazi kaHebheri+ umKeni, kuba kwakukho uxolo phakathi kukaYabhin ukumkani waseHatsore nendlu kaHebheri umKeni.+ 18  UYaheli waphuma waya kuhlangabeza uSisera, wathi kuye: “Ngena nkosi yam, ngena ngapha. Sukoyika.” Ngoko wangena ententeni, waza uYaheli wamogquma ngengubo. 19  Emva koko wathi kuye: “Ndicela undiphe intwana yamanzi, ndinxaniwe.” Ngoko uYaheli wavula ibhotile yofele enobisi, wamnika ukuba asele,+ waza waphinda wamogquma. 20  USisera wathi kuye: “Yima kumnyango wentente, uze ukuba kukho umntu othi kuwe, ‘Akukho ndoda ilapha?’ uthi, ‘Hayi!’” 21  Kodwa uYaheli umfazi kaHebheri wathatha isikhonkwane sentente nehamile. Emva koko, wathi xa elele yoyi kukudinwa, uYaheli wamchwechwela, waza wambethelela ezindlathini ngesikhonkwane, samgqobhoza saya kutsho emhlabeni, wafa.+ 22  UBharaki wamleqa uSisera de waya kufika apho, uYaheli waphuma waya kumhlangabeza waza wathi: “Yiza ndikubonise le ndoda uyikhangelayo.” Wangena noYaheli, wabona uSisera ethe tywa efile, enesikhonkwane sentente ezindlathini. 23  Ngoko ke, uThixo wamoyisa uYabhin ukumkani wakwaKanan phambi kwamaSirayeli ngaloo mini.+ 24  Isandla samaSirayeli saya sisiba qatha kuYabhin ukumkani wakwaKanan,+ de ambulala.+

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “wawathengisa.”
Okanye “eHarosheti-hagoyim.”
Ngokoqobo, “yena.”
Ngokoqobo, “wayeneenqwelo zentsimbi eziyi-900.”
Okanye “Khupha amadoda.”
Ngokoqobo, “iinqwelo zentsimbi eziyi-900.”