Estere 10:1-3

  • Ubukhulu bukaMordekayi (1-3)

10  UKumkani uAhaswerosi wabasebenzisa ngenkani abantu ababehlala kwelo lizwe nakwiziqithi zolwandle.  Zonke izinto ezinkulu nezibalaseleyo awazenzayo, kunye nengxelo echanileyo yobukhulu bukaMordekayi,+ awanyuselwa kubo ngukumkani,+ zibhalwe encwadini yembali yamaxesha+ ookumkani bamaMedi namaPersi.+  Kuba uMordekayi umYuda wayengowesibini ngobukhulu emva koKumkani uAhaswerosi. Wayemkhulu* phakathi kwamaYuda yaye ehlonitshwa ngabaninzi kubantakwabo, esebenzela ukuba kulungelwe abantu bakowabo yaye eyimela intlalo-ntle yayo yonke inzala yabo.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “Wayebekekile.”