Estere 9:1-32

  • Ukoyisa kwamaYuda (1-19)

  • Kusekwa iTheko LePurim (20-32)

9  Ngomhla we-13 wenyanga ye-12, oko kukuthi, inyanga enguAdare,*+ xa kwakuza kwenziwa into eyayithethwe ngukumkani nomthetho wakhe,+ ngosuku iintshaba zamaYuda ezazinethemba lokuwoyisa ngalo, kwenzeka into eyahlukileyo, aza amaYuda aboyisa abo babewathiyile.+  AmaYuda aqokelelana ezixekweni zawo kuwo onke amaphondo kaKumkani* uAhaswerosi+ ukuze ahlasele abo babefuna ukuwenzakalisa, kwaye akuzange kubekho ndoda ikwaziyo ukumelana nawo, kuba zonke izizwana zawoyika.+  Zonke iinkosana zamaphondo,* abaphathiswa bamaphondo,+ abalawuli nabantu abenza umsebenzi kakumkani babencedisa amaYuda, kuba babesoyika uMordekayi.  UMordekayi waba namandla+ endlini kakumkani, nodumo lwakhe lwathi ndii kuwo onke amaphondo,* kuba waya esiba mkhulu.  AmaYuda azixabela zonke iintshaba zawo ngekrele, ezibulala kwaye ezitshabalalisa; enza unothanda kwabo babewathiyile.+  Kwinqaba* iShushan*+ amaYuda abulala aza atshabalalisa amadoda ayi-500.  Abulala noParshandata, uDalfon, uAspata,  uPorata, uAdaliya, uAridata,  uParmashta, uArisayi, uAridayi noVayizata, 10  oonyana abalishumi bakaHaman unyana kaHamedata, utshaba lwamaYuda.+ Kodwa emva kokuba ebabulele, awazange azithathe izinto zabo.+ 11  Ngaloo mini ukumkani waxelelwa inani labo babulewe kwinqaba* iShushan.* 12  Ukumkani wathi kuKumkanikazi uEstere: “Kwinqaba* iShushan* amaYuda abulele aza atshabalalisa amadoda ayi-500 noonyana abalishumi bakaHaman. Kumele ukuba yintoni ke ayenzileyo kwamanye amaphondo kakumkani?*+ Yintoni enye oyidingayo? Uza kuyifumana. Yintoni enye oyicelayo? Iza kwenziwa.” 13  UEstere wathi: “Ukuba kuhle kukumkani,+ amaYuda aseShushan* mawavunyelwe ukuba nangomso enze ngokomthetho wanamhlanje;+ bona oonyana bakaHaman abalishumi mabaxhonywe esibondeni.”+ 14  Ngoko ukumkani wayalela ukuba kwenziwe njalo. Kwawiswa umthetho eShushan,* baza oonyana bakaHaman abalishumi baxhonywa. 15  AmaYuda awayeseShushan* aphinda aqokelelana ngomhla we-14 wenyanga enguAdare+ aza abulala amadoda ayi-300 eShushan,* kodwa awazange azithathe izinto zawo. 16  Namanye amaYuda awayekumaphondo kakumkani* aqokelelana aza akhusela ubomi bawo.+ Azibulala iintshaba zawo,+ abulala abayi-75 000 kwabo babewacaphukela; kodwa awazange azithathe izinto zabo. 17  Kwakungomhla we-13 wenyanga enguAdare, ibe aphumla ngomhla we-14 waza loo mhla wenziwa usuku lokwenza izidlo nelokonwaba. 18  AmaYuda awayeseShushan* aqokelelana ngomhla we-13+ nangomhla we-14,+ aza aphumla ngomhla we-15, loo mhla awenza usuku lokwenza izidlo nelokonwaba. 19  Kodwa amaYuda awayehlala kwizixeko ezisemaphandleni enza umhla we-14 wenyanga enguAdare waba lusuku lokonwaba nelokwenza izidlo,+ usuku lokubhiyoza nexesha lokuthumelelana ukutya.+ 20  UMordekayi+ wazibhala ezi ziganeko waza wathumela iileta kuwo onke amaYuda awayekuwo onke amaphondo kaKumkani* uAhaswerosi, akude ­nakufutshane. 21  Wawayalela ukuba nyaka ngamnye agcine umhla we-14 nowe-15 wenyanga enguAdare, 22  kuba amaYuda aphumla ngezo ntsuku kwiintshaba zawo, ibe intlungu yawo yatshintshwa yaba luvuyo ngaloo nyanga, nokuzila kwawo+ kwaba lixesha lokubhiyoza. Ayemele azigcine ezi ntsuku njengemihla yokwenza izidlo nokonwaba, nexesha lokuthumelelana ukutya, nelokupha amahlwempu izipho. 23  AmaYuda avuma ukuqhubeka esenza umbhiyozo awayesele ewuqalile nokwenza izinto uMordekayi awayewabhalele ukuba azenze. 24  Kuba uHaman+ unyana kaHamedata, umAgagi,+ utshaba lwawo onke amaYuda, wayenze iqhinga lokutshabalalisa amaYuda,+ ibe wenza iPuri,+ oko kukuthi iQashiso, ukuze awaphakuzelise aze awatshabalalise. 25  Kodwa xa uEstere wangena phambi kokumkani, ukumkani wakhupha umyalelo obhaliweyo othi:+ “Iyelenqe lakhe elikhohlakeleyo alenzele amaYuda+ malibuyele phezu kwentloko yakhe”; yaye waxhonywa, noonyana bakhe baxhonywa esibondeni.+ 26  Ngoko ezi ntsuku azibiza ngokuthi yiPurim, igama elithiywe ngePuri.*+ Ngenxa yazo zonke izinto ezibhalwe kule leta, nezinto awazibonayo amaYuda ngalo mba, noko kwawehlelayo, 27  amaYuda nenzala yawo nabo bonke ababezidibanisa nawo,+ azibophelela ukuba aza kuhlala ezibhiyozela ezi ntsuku zimbini, nokuba aza kwenza oko kwakubhaliwe ngazo ngexesha lazo elimisiweyo nyaka ngamnye. 28  Ezi ntsuku zazimele zikhunjulwe zize zibhiyozelwe sisizukulwana ngasinye, yintsapho nganye, liphondo ngalinye nasisixeko ngasinye; ibe amaYuda nenzala yawo ayefanele angayeki ukuzikhumbula ezi ntsuku zePurim. 29  UKumkanikazi uEstere, intombi ka-Abhihali, noMordekayi umYuda babhala ke ngegunya elipheleleyo ukuqinisekisa ileta yesibini malunga nePurim. 30  Ngoko uMordekayi wathumela iileta ezisemthethweni kuwo onke amaYuda akumaphondo ayi-127,*+ kummandla ka-Ahaswerosi,+ ngamazwi oxolo nenyaniso. 31  Ezi leta wazithumela ukuze kuqinisekiswe ukuba ziyagcinwa iintsuku zePurim ngamaxesha azo amisiweyo, kuzilwa ukutya+ ibe kuyathandazwa,+ kanye njengokuba wona nenzala yawo ayezibophelele+ kwaye uMordekayi umYuda noKumkanikazi uEstere bewayalele.+ 32  Umyalelo kaEstere wayiqinisekisa le mibandela emalunga nePurim,+ kwaye wabhalwa encwadini.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “kuzo zonke iingingqi zikaKumkani.”
Okanye “zeengingqi.”
Okanye “kuzo zonke iingingqi.”
Okanye “Kwindlu kakumkani.”
Okanye “iSusa.”
Okanye “kwindlu kakumkani.”
Okanye “iSusa.”
Okanye “Kwindlu kakumkani.”
Okanye “iSusa.”
Okanye “kwezinye iingingqi zikakumkani?”
Okanye “aseSusa.”
Okanye “eSusa.”
Okanye “eSusa.”
Okanye “awayeseSusa.”
Okanye “awayekwiingingqi zikakumkani.”
Okanye “awayeseSusa.”
Okanye “awayekuzo zonke iingingqi zikaKumkani.”
“IPuri” ithetha “iQashiso.” Igama elithi “Purim” elikwimo yesininzi laye labhekisela kumbhiyozo wamaYuda owawusiba ngenyanga ye-12 yekhalenda engcwele. Funda Isihlomelo B15.
Okanye “akwiingingqi eziyi-127.”