Hezekile 38:1-23

  • UGogi uhlasela uSirayeli (1-16)

  • UYehova ukhuphela umsindo wakhe kuGogi (17-23)

    • ‘Iintlanga ziza kwazi ukuba ndinguYehova’ (23)

38  Laphinda lafika ilizwi likaYehova kum, lisithi:  “Nyana womntu, jongisa ubuso bakho kuGogi welizwe lakwaMagogi,+ inkosi* eyintloko yakwaMesheki nakwaTubhali,+ uprofete ngaye.+  Uze uthi, ‘Ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Ndilutshaba lwakho Gogi, wena nkosi* eyintloko yakwaMesheki nakwaTubhali.  Ndiza kukujika ndize ndikufake iihaki emihlathini,+ ndikutsale nawo wonke umkhosi wakho,+ amahashe nabakhweli-mahashe, bonke benxibe ezimbejembeje, igquba labantu abanamakhaka amakhulu namancinci, bonke bephethe amakrele;  iPersi, iTiyopiya nePuti+ zikwicala labo, zonke ziphethe amakhaka amancinci nezigcina-ntloko;  iGomere nawo wonke umkhosi wayo, indlu kaTogama+ esuka kwezona ndawo zikude zasemntla, nawo wonke umkhosi wayo. Zininzi izizwana ezikunye nawe.+  “‘“Xhoba, uzilungiselele, wena nayo yonke imikhosi yakho edibene ecaleni lakho, yaye uza kuba yinkumanda yayo.*  “‘“Emva kwemihla emininzi, iza kuba ndim nawe.* Ekupheleni kweminyaka uza kuhlasela ilizwe labantu ababuyisiweyo emva kokuba bebezizisulu zekrele, abaye baqokelelwa bevela kwizizwana ezininzi, babuyiselwa ezintabeni zakwaSirayeli, ebesele kukudala zingahlali bantu. Abemi beli lizwe babuyiswe bevela kwizizwana, ibe bonke bahlala bekhuselekile.+  Uza kubahlasela njengesaqhwithi, nelizwe uza kulogquma njengamafu, wena nayo yonke imikhosi yakho nezizwana ezininzi ezikunye nawe.”’ 10  “Ithi iNkosi enguMongami uYehova: ‘Ngaloo mini kuza kungena iingcinga entliziyweni yakho, ibe uza kucinga iqhinga lenkohlakalo. 11  Uza kuthi: “Ndiza kulihlasela ilizwe elingakhuselekanga.+ Ndiza kubahlasela abo bangalindelanga ngozi, bengenanto ibaphazamisayo, abo bahlala apho kungekho zindonga zikhuselayo nazingcango namivalo.” 12  Le nto uza kuyenza ngenjongo yokuthimba, uhlasele iindawo ezazingahlali bantu kodwa ezinabantu ngoku,+ nezizwana eziqokelelwe ezintlangeni,+ ezinobutyebi nempahla eninzi,+ nezihleli phakathi emhlabeni. 13  “‘UShebha+ noDedan,+ oosomashishini baseTarshishe+ nawo onke amakroti ayo baza* kuthi kuwe: “Ngaba uhlasela kuba ufuna ukuthimba izinto ezininzi? Ngaba uqokelele imikhosi yakho kuba ­ufuna ­ukuthatha isilivere negolide, ubutyebi nomhlaba, nempahla eninzi?”’ 14  “Ngoko profeta nyana womntu, uthi kuGogi, ‘Ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Ngaloo mini, xa abantu bam amaSirayeli behleli bengalindelanga ngozi, uza kuyazi loo nto.+ 15  Uza kuza uvela endaweni yakho, kwezona ndawo zikude zasemntla,+ wena nezizwana ezininzi, zonke zikhwele amahashe, zisisihlwele esikhulu, umkhosi omkhulu.+ 16  Abantu bam amaSirayeli uza kubahlasela njengamafu agubungele ilizwe. Ekupheleni kwemihla, ndiza kukwenza uhlasele ilizwe lam,+ ukuze iintlanga zindazi xa ndibonisa ubungcwele bam phambi kwamehlo azo ngento endiza kuyenza kuwe, wena Gogi.”’+ 17  “Ithi iNkosi enguMongami uYehova: ‘Ayinguwe na lowa ndandithetha ngaye ngemihla yangaphambili, ndisebenzisa abakhonzi bam abaprofeti bakwaSirayeli, abaprofeta kangangeminyaka besithi uza kuwahlasela?’ 18  “‘Ngaloo mini, ngemini yaxa uGogi ehlasela ilizwe lakwaSirayeli,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova, ‘ndiza kucaphuka kakhulu.+ 19  Ndiza kuthetha ndicaphuka, ndinomsindo; ngaloo mini kuza kubakho inyikima enkulu kwilizwe lakwaSirayeli. 20  Ngenxa yam iintlanzi zolwandle, iintaka zezulu, amarhamncwa asendle, zonke izilwanyana ezirhubuluza emhlabeni nabo bonke abantu abasemhlabeni baza kungcangcazela, iintaba zidilizwe,+ kuwe amawa, nazo zonke iindonga zidilike.’ 21  “‘Ndiza kumbizela ikrele kuzo zonke iintaba zam,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova. ‘Mntu ngamnye uza kurholela umntakwabo ikrele.+ 22  Ndiza kumgweba ngesifo esingubhubhani+ nangokuchithwa kwegazi; ndiza kunisa izantyalantyala zemvula ekhukulayo namatye esichotho,+ umlilo+ nesalfure+ phezu kwakhe naphezu kwemikhosi yakhe naphezu kwezizwana ezininzi ezikunye naye.+ 23  Ngokuqinisekileyo ndiza kuzenza mkhulu, ndibonise ukuba ndingcwele ndize ndizazise phambi kwamehlo eentlanga ezininzi; zazi ukuba ndinguYehova.’

Umbhalo osemazantsi

Okanye “inkosana.”
Okanye “nkosana.”
Ngokoqobo, “ngunogada wayo.”
Okanye “uza kubizwa.”
Okanye “nazo zonke iingonyama zayo ezinesingci ziza.”