Levitikus 16:1-34

  • IMini Yokuhlawulela (1-34)

16  UYehova wathetha noMoses emva kokufa koonyana ababini baka-Aron ngenxa yokusondela kwabo kuYehova ngendlela engafanelekanga.+  UYehova wathi kuMoses: “Chazela uAron umntakwenu ukuba angasuki nje aye nanini na ethanda endaweni engcwele,+ ngaphaya kwekhethini,+ phambi kweTyeya, ukuze angafi,+ kuba ndiza kubonakala efini+ phezu kweTyeya.+  “UAron ufanele eze nezi zinto xa esiza kwindawo engcwele: ithole lenkomo eliyinkunzi eliza kuba ngumnikelo wesono+ nenkunzi yegusha eza kuba ngumnikelo otshiswayo.+  Ufanele anxibe isambatho esingcwele selinen,+ anxibe nebhulukhwe emfutshane yangaphantsi yelinen+ ukuze ogqume umzimba wakhe.* Akugqiba abhinqe ibhanti lelinen+ aze athwale iqhiya ekhethekileyo yelinen.+ Yimpahla engcwele leyo.+ Uza kuhlamba umzimba wakhe emanzini,+ aze ayinxibe.  “Uza kuthatha kumaSirayeli+ amatakane ebhokhwe aziinkunzi abe mabini, abe ngumnikelo wesono, nenkunzi yegusha, ibe ngumnikelo otshiswayo.  “Yena uAron umele azise inkunzi yenkomo yomnikelo wesono ongowakhe, ahlawulele yena+ nendlu yakhe.  “Uza kuzithatha iibhokhwe zombini azimise phambi koYehova kumnyango wentente yokuhlangana.  UAron uza kwenza amaqashiso ngezo bhokhwe zombini, elinye libe lelikaYehova lize elinye libe leleAzazele.*  UAron uza kuyisondeza ibhokhwe eye yawelwa liqashiso+ likaYehova ukuze ibe ngumnikelo wesono. 10  Kodwa ibhokhwe ewelwe liqashiso lokuba ibe yeyeAzazele, uza kuyisondeza iphila phambi koYehova ukuze kuhlawulwe ngayo, ize ithunyelwe entlango ekubeni iyeyeAzazele.+ 11  “UAron uza kusondeza inkunzi yenkomo engumnikelo wesono ongowakhe, azihlawulele yena nendlu yakhe. Emva koko uza kuyixhela loo nkunzi engumnikelo wesono ongowakhe.+ 12  “Uza kuthatha isitya somlilo+ esigcwele amalahle avuthayo awakhe esibingelelweni+ phambi koYehova, nesiqhumiso esiqholiweyo esigcwele izandla ezibini.+ Zonke ezo zinto uza kuzisa Kwelona Gumbi Lingcwele, ngaphaya kwekhethini.*+ 13  Isiqhumiso esiqholiweyo uza kusibeka phezu komlilo phambi koYehova,+ uze umsi wesiqhumiso esiqholiweyo wogqume isivalo seTyeya+ yesivumelwano,+ ukuze angafi. 14  “Uza kuthatha kwigazi lenkunzi yenkomo,+ alithontsizise ngomnwe wakhe phambi kweTyeya* ngakwicala elingasempuma. Uza kulithontsizisa ngomnwe wakhe kasixhenxe phambi kweTyeya.*+ 15  “Emva koko uza kuxhela ibhokhwe yomnikelo wesono, ongowabantu,+ ase igazi layo+ ngaphaya kwekhethini*+ aze enze into efanayo naleyo ayenze ngegazi lenkunzi yenkomo, alithontsizise ngakwiTyeya* naphambi kwayo.* 16  “Umele acoce Elona Gumbi Lingcwele ngenxa yezenzo ezingacocekanga zamaSirayeli, ngenxa yezenzo zawo ezimbi nangenxa yezono zawo.+ Ufanele enze kwaloo nto kwintente yokuhlangana ekubeni eyenze ayacoceka ngenxa yezono zawo. 17  “Akakho omnye umntu omele abe sententeni yokuhlangana xa kungena umbingeleli ukuze acoce Elona Gumbi Lingcwele de aphume. Uza kuhlawulela yena nendlu yakhe+ nalo lonke ibandla lamaSirayeli.+ 18  “Emva koko uza kuphuma aye esibingelelweni+ esiphambi koYehova aze asicoce, yaye uza kuthatha kwigazi lenkunzi yenkomo nakwigazi lebhokhwe, aqabe iimpondo zesibingelelo macala onke. 19  Uza kuthontsizisa kuso kwangelo gazi ngomnwe wakhe kasixhenxe, asicoce kwizenzo ezimbi zamaSirayeli aze asenze ngcwele. 20  “Akugqiba ukucoca+ Elona Gumbi Lingcwele, intente yokuhlangana nesibingelelo,+ uza kuzisa ibhokhwe ephilayo.+ 21  UAron uza kubeka izandla zakhe zozibini phezu kwentloko yaloo bhokhwe aze azivume phezu kwayo zonke iziphoso zamaSirayeli nazo zonke izenzo ezimbi nazo zonke izono zawo. Ngaloo ndlela, kuza kuba ngathi ubeka zonke ezo zono phezu kwentloko yaloo bhokhwe.+ Uza kuyithumela entlango ngesandla sendoda elungiselelwe loo nto.* 22  Yile bhokhwe eza kuzithwala zonke izono zamaSirayeli+ izise entlango,+ ibe uza kuyithumela khona.+ 23  “UAron uza kungena ententeni yokuhlangana, akhulule iimpahla zakhe zelinen ebezinxibe xa ebengena kwindawo engcwele, azibeke khona. 24  Umele ahlambe umzimba wakhe* ngamanzi+ endaweni engcwele aze anxibe iimpahla zakhe.+ Emva koko uza kuphuma ayokubingelela ngomnikelo wakhe otshiswayo+ nangomnikelo otshiswayo wabantu,+ aze ahlawulele yena nabantu.+ 25  Uza kuqhumisa ngamanqatha omnikelo wesono esibingelelweni. 26  “Indoda eye yahambisa ibhokhwe yeAzazele,+ ifanele ihlambe iimpahla zayo, ihlambe nomzimba wayo emanzini, emva koko ingangena enkampini. 27  “Yona inkunzi yenkomo yomnikelo wesono nebhokhwe yomnikelo wesono, nelithe igazi lazo langeniswa kwindawo engcwele ukuze kuhlawulelwe isono, ziza kusiwa ngaphandle kwenkampu. Iimfele zazo, inyama yazo nomswane wazo ziza kutshiswa ngomlilo.+ 28  Lowo utshisa ezo zinto uza kuzihlamba iimpahla zakhe, ahlambe nomzimba wakhe emanzini, emva koko angangena enkampini. 29  “Nanku umthetho oza kuhlala uhleli kuni: Ngenyanga yesixhenxe, ngosuku lweshumi, nifanele nizixhwalekise,* yaye nimele ningenzi nawuphi na umsebenzi,+ enoba nini okanye ngumntu wasemzini ophakathi kwenu. 30  Kuba ngale mini niza kuhlawulelwa+ ukuze kuthiwe nicocekile. KuYehova niza kuba ngabacociweyo kuzo zonke izono zenu.+ 31  Yisabatha yokuphumla ngokupheleleyo kuni, yaye nifanele nizixhwalekise.+ Lowo ngumthetho oza kuhlala uhleli. 32  “Umbingeleli oye wabekwa*+ njengombingeleli+ omkhulu esikhundleni sikatata wakhe+ uza kuhlawulela izono aze anxibe impahla yelinen,+ impahla engcwele.+ 33  Uza kucoca Elona Gumbi Lingcwele,+ intente yokuhlangana+ nesibingelelo.+ Uza kuhlawulela ababingeleli nabantu bonke bebandla.+ 34  Lowo iza kuba ngumthetho wenu oza kuhlala uhleli+ wokuhlawulela amaSirayeli kanye ngonyaka ngenxa yazo zonke izono zawo.”+ Ngoko uMoses wenza kanye njengokuba wayeyalelwe nguYehova.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “inyama yakhe.”
Kusenokwenzeka eli gama lithetha ukuthi “Ibhokhwe Edukayo.”
Ngokoqobo, “phakathi kwekhethini.”
Ngokoqobo, “kwesiciko.”
Ngokoqobo, “kwesiciko.”
Ngokoqobo, “kwesiciko.”
Ngokoqobo, “kwesiciko.”
Ngokoqobo, “phakathi kwekhethini.”
Okanye “elindele ukwenza loo nto.”
Ngokoqobo, “inyama yakhe.”
Ngokuqhelekileyo “ukuzixhwalekisa” kwaziwa kuthetha iindlela ezahlukahlukeneyo zokuzivimba izinto ezithile, nokuzila ukutya.
Ngokoqobo, “osandla sakhe siya kugcwaliswa.”