Mika 2:1-13

  • Baza kuthi shu abantu abacinezelayo! (1-11)

  • USirayeli uyaqokelelwa aze amanyaniswe (12, 13)

    • Kuza kubakho ingxokozelo yabantu elizweni (12)

2  “Baza kuthi shu abo baceba okwenzakalisayo,Abacinga okubi ezibhedini zabo! Kwakusa bayakwenza,Kuba kusemandleni abo.+   Bafuna amasimi, bawoxuthe,+Nezindlu, baze bazithathe,Baqhatha indoda bayithathele indlu yayo,+Indoda bayithathele ilifa layo.   Ngoko uYehova uthi: ‘Ndinicebela intlekele+ eningazukusinda kuyo.*+ Niza kuyeka ukuhamba nakhe amaxhaka,+ kuba lixesha lentlekele.+   Ngaloo mini abantu baza kucengceleza umzekeliso ngani,Yaye baza kunenzela isijwili esikrakra.+ Baza kuthi: “Sigqejwe nyhani!+ Uthathe isahlulo sethu wasinika abanye abantu. Usoxuthe nyhani kuthi!+ Amasimi ethu uphise ngawo kwabangathembekanga.”   Ngoko awuzukuba namntu wakutsala intambo yokumeta,Ukuze kwabiwe umhlaba ebandleni likaYehova.   Bashumayela besithi: “Yekani ukushumayela!Abafanelanga bazishumayele ezi zinto;Akukho hlazo liza kusifikela apha!”   Nithini na ndlu kaYakobi? Ngaba nithi: “Umoya kaYehova sewaphelelwa ngumonde na ngoku? Nithi angazenza izinto ezinjalo?” Akenzi okulungileyo na amazwi am kwabo bahamba ngokuthe ngqo?   Kodwa kutshanje abantu bam basuke banjengotshaba. Niwuhluba ekuhleni umhombiso ongayiwayo kwisambatho*Kwabo badlula bezithembile, njengabo babuya emfazweni.   Abafazi babantu bam niyabagxotha kwizindlu zabo ezitofotofo;Ebantwaneni babo nisusa ubukhulu bam ngonaphakade. 10  Phakamani nimke apha, kuba ayiyondawo yakuphumla le. Ngenxa yokungcola,+ kukho intshabalalo, ebuhlungu yona intshabalalo.+ 11  Ukuba umntu uleqeka emva komoya namaqhinga aze axoke athi: “Ndiza kushumayela kuwe ngewayini nangesiselo esinxilisayo,” Ebeza kuba ngoyena mshumayeli kwaba bantu!+ 12  Ngokuqinisekileyo ndiza kunidibanisa nonke, nzala kaYakobi.Nakanjani ndiza kubaqokelela abo bashiyekileyo bakwaSirayeli.+ Ndiza kubamanyanisa, njengeegusha ebuhlanti,Njengomhlambi edlelweni lawo.+Kuza kubakho ingxolo yabantu.’+ 13  Otyhobozayo uza kuhamba phambi kwabo.Baza kutyhoboza baze baphume egeyithini.+ Ukumkani wabo uza kudlula phambi kwabo,NoYehova ebakhokela.”*+

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “eningazukuzishenxisa iintamo zenu kuyo.”
Okanye “kunye nesambatho.”
Ngokoqobo, “esentloko kubo.”