Numeri 1:1-54

  • Kubhaliswa amadoda aza kuya emkhosini (1-46)

  • AbaLevi abangeni emkhosini (47-51)

  • Ukuhlaliswa kwabantu kakuhle (52-54)

1  UYehova wathetha noMoses kwintlango yaseSinayi,+ ententeni yokuhlangana,+ ngosuku lokuqala lwenyanga yesibini, ngonyaka wesibini bephumile kwilizwe laseYiputa.+ Wathi:  “Balani+ bonke abantu bebandla lakwaSirayeli* ngokweentsapho zabo, ngokwezindlu zootata babo, ngokwenani lamagama awo onke amadoda.  Wena noAron nimele nibabhalise ngamaqela abo* bonke abaneminyaka eyi-20 ukuya phezulu,+ abanokungena emkhosini wakwaSirayeli.  “Nize nithathe indoda ibe nye kwisizwe ngasinye, nganye imele ibe yintloko endlini katata wayo.+  Nanga amagama amadoda aza kuma nani: KwaRubhen, nguElitsure+ unyana kaShedeyure;  kwaSimeyon, nguShelumiyeli+ unyana kaTsurishadayi,  kwaYuda, nguNashon+ unyana ka-Aminadabhi,  kwaIsakare, nguNetaneli+ unyana kaTsuware,  kwaZebhulon, nguEliyabhi+ unyana kaHelon, 10  koonyana bakaYosefu: kwaEfrayim,+ nguElishama unyana ka-Amihudi, kwaManase, nguGamaliyeli unyana kaPedatsure, 11  ­kwaBhenjamin, nguAbhidan+ unyana kaGidiyoni, 12  kwaDan, nguAhiyezere+ unyana ka-Amishadayi, 13  kwa-Ashere, nguPagiyeli+ unyana kaOkeran, 14  kwaGadi, nguEliyasafu+ unyana kaDehuweli, 15  kwaNafetali, nguAhira+ unyana kaEnan. 16  Aba ngabo babizwayo ebandleni. Baziinkosi+ zezizwe zootata babo, iintloko zamawaka akwaSirayeli.”+ 17  UMoses noAron bawathatha la madoda ayebizwe ngamagama. 18  Baliqokelela lonke ibandla ngosuku lokuqala lwenyanga yesibini, ukuze bonke abantu babhaliswe ngamagama, ngeentsapho, nangezindlu zootata babo, ukususela kwabaneminyaka eyi-20 ukuya phezulu,+ 19  kanye njengokuba uYehova wayemyalele uMoses. Ngoko wababhalisa besentlango yaseSinayi.+ 20  Oonyana bakaRubhen, inzala yezibulo likaSirayeli,+ babhaliswa ngamagama, ngeentsapho nangezindlu zootata babo. Abalwa onke amadoda aneminyaka eyi-20 ukuya phezulu awayenokungena emkhosini, 21  yaye lawo abhaliswayo kwisizwe sakwaRubhen ayeyi-46 500. 22  Inzala kaSimeyon+ yabhaliswa ngamagama, ngeentsapho nangezindlu zootata bayo. Abalwa onke amadoda aneminyaka eyi-20 ukuya phezulu awayenokungena emkhosini, 23  yaye lawo abhaliswayo kwisizwe sakwaSimeyon ayeyi-59 300. 24  Inzala kaGadi+ yabhaliswa ngamagama, ngeentsapho nangezindlu zootata bayo. Abalwa onke amadoda aneminyaka eyi-20 ukuya phezulu awayenokungena emkhosini, 25  yaye lawo abhaliswayo kwisizwe sakwaGadi ayeyi-45 650. 26  Inzala kaYuda+ yabhaliswa ngamagama, ngeentsapho nangezindlu zootata bayo. Abalwa onke amadoda aneminyaka eyi-20 ukuya phezulu awayenokungena emkhosini, 27  yaye lawo abhaliswayo kwisizwe sakwaYuda ayeyi-74 600. 28  Inzala kaIsakare+ yabhaliswa ngamagama, ngeentsapho nangezindlu zootata bayo. Abalwa onke amadoda aneminyaka eyi-20 ukuya phezulu awayenokungena emkhosini, 29  yaye lawo abhaliswayo kwisizwe sakwaIsakare ayeyi-54 400. 30  Inzala kaZebhulon+ yabhaliswa ngamagama, ngeentsapho nangezindlu zootata bayo. Abalwa onke amadoda aneminyaka eyi-20 ukuya phezulu awayenokungena emkhosini, 31  yaye lawo abhaliswayo kwisizwe sakwaZebhulon ayeyi-57 400. 32  Inzala kaYosefu ephuma kuEfrayim,+ yabhaliswa ngamagama, ngeentsapho nangezindlu zootata bayo. Abalwa onke amadoda aneminyaka eyi-20 ukuya phezulu awayenokungena emkhosini, 33  yaye lawo abhaliswayo kwisizwe sakwaEfrayim ayeyi-40 500. 34  Inzala kaManase+ yabhaliswa ngamagama, ngeentsapho nangezindlu zootata bayo. Abalwa onke amadoda aneminyaka eyi-20 ukuya phezulu awayenokungena emkhosini, 35  yaye lawo abhaliswayo kwisizwe sakwaManase ayeyi-32 200. 36  Inzala kaBhenjamin+ yabhaliswa ngamagama, ngeentsapho nangezindlu zootata bayo. Abalwa onke amadoda aneminyaka eyi-20 ukuya phezulu awayenokungena emkhosini, 37  yaye lawo abhaliswayo kwisizwe sakwaBhenjamin ayeyi-35 400. 38  Inzala kaDan+ yabhaliswa ngamagama, ngeentsapho nangezindlu zootata bayo. Abalwa onke amadoda aneminyaka eyi-20 ukuya phezulu awayenokungena emkhosini, 39  yaye lawo abhaliswayo kwisizwe sakwaDan ayeyi-62 700. 40  Inzala ka-Ashere+ yabhaliswa ngamagama, ngeentsapho nangezindlu zootata bayo. Abalwa onke amadoda aneminyaka eyi-20 ukuya phezulu awayenokungena emkhosini, 41  yaye lawo abhaliswayo kwisizwe sakwa-Ashere ayeyi-41 500. 42  Inzala kaNafetali+ yabhaliswa ngamagama, ngeentsapho nangezindlu zootata bayo. Abalwa onke amadoda aneminyaka eyi-20 ukuya phezulu awayenokungena emkhosini, 43  yaye lawo abhaliswayo kwisizwe sakwaNafetali ayeyi-53 400. 44  Aba babhaliswa nguMoses noAron neenkosi eziyi-12 zakwaSirayeli, nganye imela indlu katata wayo. 45  Onke amaSirayeli aneminyaka eyi-20 ukuya phezulu nawayenokungena emkhosini wakwaSirayeli, abhaliswa ngezindlu zootata bawo, 46  yaye xa ewonke amaSirayeli awabhaliswayo ayeyi-603 550.+ 47  Kodwa bona abaLevi+ abazange babhaliswe ngokwesizwe sootata babo njengezinye izizwe.+ 48  Ngoko uYehova wathi kuMoses: 49  “Uze ungasibhalisi sona isizwe sakwaLevi, ungalifaki nenani laso phakathi kwenani lamanye amaSirayeli.+ 50  Umele unike abaLevi umsebenzi wokujongana nentente engcwele yoBungqina,+ zonke izinto ezisetyenziswa kuyo nazo zonke izinto zayo.+ Baza kuthwala intente engcwele nezinto ezisetyenziswa kuyo,+ basebenze kuyo,+ yaye bamele bahlale ngakuyo macala onke.+ 51  Xa kufuneka ifuduswe intente engcwele, ngabaLevi abamele bayichithe,+ naxa kufuneka iphinde imiswe, imele ibe ngabaLevi abenza loo nto. Nabani na osondelayo kuyo engenalungelo lakusondela* umele abulawe.+ 52  “UmSirayeli ngamnye umele amise intente yakhe kwinkampu afakwe kuyo, mntu ngamnye ngokweqela* lakowabo elibunjwa zizizwe ezithathu.+ 53  Bona abaLevi bafanele bamise inkampu yabo macala onke entente engcwele yoBungqina, ukuze kungabikho msindo uza kukhutshelwa kwibandla lamaSirayeli.+ Imele ibe ngabaLevi abahoye* intente engcwele yoBungqina.”+ 54  Abantu bakwaSirayeli bayenza yonke into uYehova awayeyiyalele uMoses. Benza kanye loo nto.

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “loonyana bakaSirayeli.”
Ngokoqobo, “ngemikhosi yabo.”
Ngokoqobo, “engumntu ongaziwayo,” oko kukuthi, umntu ongengomLevi.
Ngokoqobo, “ngokomkhosi.”
Okanye “abagade; abasebenza kuyo.”