Numeri 1:1-54
1 UYehova wathetha noMoses kwintlango yaseSinayi,+ ententeni yokuhlangana,+ ngosuku lokuqala lwenyanga yesibini, ngonyaka wesibini bephumile kwilizwe laseYiputa.+ Wathi:
2 “Balani+ bonke abantu bebandla lakwaSirayeli* ngokweentsapho zabo, ngokwezindlu zootata babo, ngokwenani lamagama awo onke amadoda.
3 Wena noAron nimele nibabhalise ngamaqela abo* bonke abaneminyaka eyi-20 ukuya phezulu,+ abanokungena emkhosini wakwaSirayeli.
4 “Nize nithathe indoda ibe nye kwisizwe ngasinye, nganye imele ibe yintloko endlini katata wayo.+
5 Nanga amagama amadoda aza kuma nani: KwaRubhen, nguElitsure+ unyana kaShedeyure;
6 kwaSimeyon, nguShelumiyeli+ unyana kaTsurishadayi,
7 kwaYuda, nguNashon+ unyana ka-Aminadabhi,
8 kwaIsakare, nguNetaneli+ unyana kaTsuware,
9 kwaZebhulon, nguEliyabhi+ unyana kaHelon,
10 koonyana bakaYosefu: kwaEfrayim,+ nguElishama unyana ka-Amihudi, kwaManase, nguGamaliyeli unyana kaPedatsure,
11 kwaBhenjamin, nguAbhidan+ unyana kaGidiyoni,
12 kwaDan, nguAhiyezere+ unyana ka-Amishadayi,
13 kwa-Ashere, nguPagiyeli+ unyana kaOkeran,
14 kwaGadi, nguEliyasafu+ unyana kaDehuweli,
15 kwaNafetali, nguAhira+ unyana kaEnan.
16 Aba ngabo babizwayo ebandleni. Baziinkosi+ zezizwe zootata babo, iintloko zamawaka akwaSirayeli.”+
17 UMoses noAron bawathatha la madoda ayebizwe ngamagama.
18 Baliqokelela lonke ibandla ngosuku lokuqala lwenyanga yesibini, ukuze bonke abantu babhaliswe ngamagama, ngeentsapho, nangezindlu zootata babo, ukususela kwabaneminyaka eyi-20 ukuya phezulu,+
19 kanye njengokuba uYehova wayemyalele uMoses. Ngoko wababhalisa besentlango yaseSinayi.+
20 Oonyana bakaRubhen, inzala yezibulo likaSirayeli,+ babhaliswa ngamagama, ngeentsapho nangezindlu zootata babo. Abalwa onke amadoda aneminyaka eyi-20 ukuya phezulu awayenokungena emkhosini,
21 yaye lawo abhaliswayo kwisizwe sakwaRubhen ayeyi-46 500.
22 Inzala kaSimeyon+ yabhaliswa ngamagama, ngeentsapho nangezindlu zootata bayo. Abalwa onke amadoda aneminyaka eyi-20 ukuya phezulu awayenokungena emkhosini,
23 yaye lawo abhaliswayo kwisizwe sakwaSimeyon ayeyi-59 300.
24 Inzala kaGadi+ yabhaliswa ngamagama, ngeentsapho nangezindlu zootata bayo. Abalwa onke amadoda aneminyaka eyi-20 ukuya phezulu awayenokungena emkhosini,
25 yaye lawo abhaliswayo kwisizwe sakwaGadi ayeyi-45 650.
26 Inzala kaYuda+ yabhaliswa ngamagama, ngeentsapho nangezindlu zootata bayo. Abalwa onke amadoda aneminyaka eyi-20 ukuya phezulu awayenokungena emkhosini,
27 yaye lawo abhaliswayo kwisizwe sakwaYuda ayeyi-74 600.
28 Inzala kaIsakare+ yabhaliswa ngamagama, ngeentsapho nangezindlu zootata bayo. Abalwa onke amadoda aneminyaka eyi-20 ukuya phezulu awayenokungena emkhosini,
29 yaye lawo abhaliswayo kwisizwe sakwaIsakare ayeyi-54 400.
30 Inzala kaZebhulon+ yabhaliswa ngamagama, ngeentsapho nangezindlu zootata bayo. Abalwa onke amadoda aneminyaka eyi-20 ukuya phezulu awayenokungena emkhosini,
31 yaye lawo abhaliswayo kwisizwe sakwaZebhulon ayeyi-57 400.
32 Inzala kaYosefu ephuma kuEfrayim,+ yabhaliswa ngamagama, ngeentsapho nangezindlu zootata bayo. Abalwa onke amadoda aneminyaka eyi-20 ukuya phezulu awayenokungena emkhosini,
33 yaye lawo abhaliswayo kwisizwe sakwaEfrayim ayeyi-40 500.
34 Inzala kaManase+ yabhaliswa ngamagama, ngeentsapho nangezindlu zootata bayo. Abalwa onke amadoda aneminyaka eyi-20 ukuya phezulu awayenokungena emkhosini,
35 yaye lawo abhaliswayo kwisizwe sakwaManase ayeyi-32 200.
36 Inzala kaBhenjamin+ yabhaliswa ngamagama, ngeentsapho nangezindlu zootata bayo. Abalwa onke amadoda aneminyaka eyi-20 ukuya phezulu awayenokungena emkhosini,
37 yaye lawo abhaliswayo kwisizwe sakwaBhenjamin ayeyi-35 400.
38 Inzala kaDan+ yabhaliswa ngamagama, ngeentsapho nangezindlu zootata bayo. Abalwa onke amadoda aneminyaka eyi-20 ukuya phezulu awayenokungena emkhosini,
39 yaye lawo abhaliswayo kwisizwe sakwaDan ayeyi-62 700.
40 Inzala ka-Ashere+ yabhaliswa ngamagama, ngeentsapho nangezindlu zootata bayo. Abalwa onke amadoda aneminyaka eyi-20 ukuya phezulu awayenokungena emkhosini,
41 yaye lawo abhaliswayo kwisizwe sakwa-Ashere ayeyi-41 500.
42 Inzala kaNafetali+ yabhaliswa ngamagama, ngeentsapho nangezindlu zootata bayo. Abalwa onke amadoda aneminyaka eyi-20 ukuya phezulu awayenokungena emkhosini,
43 yaye lawo abhaliswayo kwisizwe sakwaNafetali ayeyi-53 400.
44 Aba babhaliswa nguMoses noAron neenkosi eziyi-12 zakwaSirayeli, nganye imela indlu katata wayo.
45 Onke amaSirayeli aneminyaka eyi-20 ukuya phezulu nawayenokungena emkhosini wakwaSirayeli, abhaliswa ngezindlu zootata bawo,
46 yaye xa ewonke amaSirayeli awabhaliswayo ayeyi-603 550.+
47 Kodwa bona abaLevi+ abazange babhaliswe ngokwesizwe sootata babo njengezinye izizwe.+
48 Ngoko uYehova wathi kuMoses:
49 “Uze ungasibhalisi sona isizwe sakwaLevi, ungalifaki nenani laso phakathi kwenani lamanye amaSirayeli.+
50 Umele unike abaLevi umsebenzi wokujongana nentente engcwele yoBungqina,+ zonke izinto ezisetyenziswa kuyo nazo zonke izinto zayo.+ Baza kuthwala intente engcwele nezinto ezisetyenziswa kuyo,+ basebenze kuyo,+ yaye bamele bahlale ngakuyo macala onke.+
51 Xa kufuneka ifuduswe intente engcwele, ngabaLevi abamele bayichithe,+ naxa kufuneka iphinde imiswe, imele ibe ngabaLevi abenza loo nto. Nabani na osondelayo kuyo engenalungelo lakusondela* umele abulawe.+
52 “UmSirayeli ngamnye umele amise intente yakhe kwinkampu afakwe kuyo, mntu ngamnye ngokweqela* lakowabo elibunjwa zizizwe ezithathu.+
53 Bona abaLevi bafanele bamise inkampu yabo macala onke entente engcwele yoBungqina, ukuze kungabikho msindo uza kukhutshelwa kwibandla lamaSirayeli.+ Imele ibe ngabaLevi abahoye* intente engcwele yoBungqina.”+
54 Abantu bakwaSirayeli bayenza yonke into uYehova awayeyiyalele uMoses. Benza kanye loo nto.
Umbhalo osemazantsi
^ Ngokoqobo, “loonyana bakaSirayeli.”
^ Ngokoqobo, “ngemikhosi yabo.”
^ Ngokoqobo, “engumntu ongaziwayo,” oko kukuthi, umntu ongengomLevi.
^ Ngokoqobo, “ngokomkhosi.”
^ Okanye “abagade; abasebenza kuyo.”