Numeri 10:1-36

  • Amaxilongo esilivere (1-10)

  • Kuyemkiwa eSinayi (11-13)

  • Indlela emakwenziwe ngayo xa kuhanjwa (14-28)

  • UHobhabhi uyacelwa ukuba abonise amaSirayeli indlela (29-34)

  • UMoses uyathandaza xa kuhanjwa (35, 36)

10  UYehova wathi kuMoses:  “Zenzele amaxilongo amabini+ esilivere. Wakhalise xa uqokelela ibandla naxa usithi makuhanjwe.  Xa evuthelwa omabini, lonke ibandla limele lize kuwe kumnyango wentente yokuhlangana.+  Xa kuvuthelwe lalinye, makuze kuphela iinkosi, iintloko zamawaka akwaSirayeli.+  “Xa niwavuthela ngesandi esitshintsha-tshintshayo, mawahambe amaqela angasempuma.+  Xa niphinda niwavuthela ngesandi esitshintsha-tshintshayo, mawahambe amaqela angasemzantsi.+ Qho ekhaliswa ngolo hlobo amaxilongo, amaqela afanele ahambe.  “Kodwa ke xa nibiza ibandla, sanukuwavuthela ngesandi esitshintsha-tshintshayo amaxilongo.+  Mayibe ngoonyana baka-Aron, ababingeleli, abavuthela amaxilongo,+ yaye iza kuhlala ingabo abawavuthelayo kuzo zonke izizukulwana zenu.  “Xa kufuneka nilwe nomntu onicinezelayo elizweni lenu, nimele niwakhalisele imfazwe amaxilongo,+ yaye uYehova uThixo wenu uza kuninceda, anisindise kwiintshaba zenu. 10  “Kanti ke naxa nonwabile,+ ingamatheko enu+ okanye kuqala inyanga, nimele niwakhalise la maxilongo xa nisenza iminikelo etshiswayo+ nemibingelelo yobuhlobo;+ yaye uThixo wenu uza kuhlala enikhumbula. NdinguYehova uThixo wenu.”+ 11  Ngonyaka wesibini, ngenyanga yesibini, ngosuku lwe-20,+ laphakama ilifu phezu kwentente engcwele+ yoBungqina. 12  Ngoko amaSirayeli emka entlango yaseSinayi, ahamba ngolwa hlobo kwakuthiwe mawahambe ngalo,+ yaye ilifu layokuma entlango yaseParan.+ 13  Aqala ngelo xesha ke ukuhamba ngohlobo uYehova awayexelele uMoses ukuba mawahambe ngalo.+ 14  Kwaqala kwahamba iqela lezizwe ezithathu lakwaYuda, yaye laliphethwe nguNashon+ unyana ka-Aminadabhi. 15  Isizwe sakwaIsakare sasiphethwe nguNetaneli+ unyana kaTsuware. 16  Isizwe sakwaZebhulon sasiphethwe nguEliyabhi+ unyana kaHelon. 17  Yathi yakuchithwa intente engcwele,+ oonyana bakaGershon+ noonyana bakaMerari,+ ababethwala intente engcwele, bahamba nayo. 18  Emva koko kwahamba iqela lezizwe ezithathu lakwaRubhen, yaye laliphethwe nguElitsure+ unyana kaShedeyure. 19  Isizwe sakwaSimeyon sasiphethwe nguShelumiyeli+ unyana kaTsurishadayi. 20  Isizwe sakwaGadi sasiphethwe nguEliyasafu+ unyana kaDehuweli. 21  Emva koko kwahamba amaKohati awayethwala izinto zendawo engcwele.+ Kwakufuneka ibe sele imile intente engcwele xa efika. 22  Emva koko kwahamba iqela lezizwe ezithathu lakwaEfrayim, yaye laliphethwe nguElishama+ unyana ka-Amihudi. 23  Isizwe sakwaManase sasiphethwe nguGamaliyeli+ unyana kaPedatsure. 24  Isizwe sakwaBhenjamin sasiphethwe nguAbhidan+ unyana kaGidiyoni. 25  Emva koko, ngasemva kwahamba iqela lezizwe ezithathu lakwaDan, likhusele onke amanye amaqela, yaye laliphethwe nguAhiyezere+ unyana ka-Amishadayi. 26  Isizwe sakwa-Ashere sasiphethwe nguPagiyeli+ unyana kaOkeran. 27  Isizwe sakwaNafetali sasiphethwe nguAhira+ unyana kaEnan. 28  Qho kufuneka emkile amaSirayeli, ayehamba ngolo hlobo.+ 29  Wathi uMoses kuHobhabhi unyana kaRehuweli*+ umMidiyan, utata womfazi kaMoses: “Siyahamba ngoku, siya kwilizwe athe uYehova, ‘Ndiza kuninika lona.’+ Hamba nathi,+ siza kukuphatha kakuhle, kuba uYehova umthembise izinto ezintle uSirayeli.”+ 30  Kodwa yena wathi: “Hayi andizukukwazi. Ndiza kubuyela kwilizwe lam nakubantu basekhaya.” 31  UMoses wathi: “Ndicela ungasishiyi, kaloku nguwe ozaziyo iindawo esinokuhlala kuzo kule ntlango, yaye nguwe onokusibonisa indlela.* 32  Ukuba uhamba nathi,+ nantoni na entle asenzela yona uYehova, nawe siza kukunika.” 33  Ngoko bemka entabeni kaYehova,+ bahamba umgama weentsuku ezintathu, ityeya+ kaYehova yesivumelwano iphambi kwabo njengoko babekhangela indawo yokuphumla.+ 34  Ilifu likaYehova+ laliphezu kwabo njengoko babesiya kwindawo ababeza kuhlala kuyo. 35  Kwakusithi xa ihanjiswa iTyeya, uMoses athi: “Phakama Yehova,+ mazichithachitheke iintshaba zakho, futhi mababaleke abo bakucaphukelayo.” 36  Yaye wayesithi xa ibekwa: “Buya Yehova, buyela kumawaka angenakubalwa* akwaSirayeli.”+

Umbhalo osemazantsi

Oko kukuthi, uYitro.
Okanye “onokuba ngamehlo ethu.”
Okanye “amaninzi kakhulu.”