Numeri 13:1-33

  • Iintlola eziyi-12 zithunyelwa kwaKanaan (1-24)

  • Ingxelo embi yeentlola ezilishumi (25-33)

13  UYehova wathi kuMoses:  “Thuma amadoda ayokuhlola ilizwe lakwaKanan, eli ndilinika amaSirayeli. Umele uthathe indoda ibe nye kwisizwe ngasinye, yaye nganye imele ibe iyinkokheli.”+  Wawathuma ke uMoses loo madoda esentlango yaseParan+ ngokomyalelo kaYehova. Onke ayeziinkokheli zamaSirayeli.  Nanga amagama awo: kwisizwe sakwaRubhen, wathatha uShamuwa unyana kaZakure;  kwisizwe sakwaSimeyon, wathatha uShafati unyana kaHori;  kwisizwe sakwaYuda, wathatha uKalebhi+ unyana kaYefune;  kwisizwe sakwaIsakare, wathatha uIgali unyana kaYosefu;  kwisizwe sakwaEfrayim, wathatha uHosheya+ unyana kaNun;  kwisizwe sakwaBhenjamin, wathatha uPalti unyana kaRafu; 10  kwisizwe sakwaZebhulon, wathatha uGadiyeli unyana kaSodi; 11  kwisizwe sakwaManase+ esiphuma kwisizwe sakwaYosefu,+ wathatha uGadidi unyana kaSusi; 12  kwisizwe sakwaDan, wathatha uAmiyeli unyana kaGemali; 13  kwisizwe sakwa-Ashere, wathatha uSeture unyana kaMikayeli; 14  kwisizwe sakwaNafetali, wathatha uNabhi unyana kaVofesi; 15  kwisizwe sakwaGadi, wathatha uGewuweli unyana kaMaki. 16  Lawo ke ngamagama amadoda awathunywa nguMoses ukuba ayokuhlola ilizwe. Yaye uMoses wathiya uHosheya unyana kaNun ngokuba nguYoshuwa.*+ 17  Xa uMoses wayewathuma ukuba ayokuhlola ilizwe lakwaKanan, wathi kuwo: “Yiyani eNegebhi, nize ninyuke niye kummandla weentaba.+ 18  Nize nijonge ukuba linjani elo lizwe,+ nijonge ukuba abantu bakhona bomelele okanye abanamandla na, baninzi okanye bambalwa na, 19  nijonge ukuba ilizwe lihle okanye libi na, nokuba bahlala ezintenteni na okanye kwizixeko ezikhuselekileyo. 20  Nize nijonge ukuba elo lizwe lichumile* okanye alichumanga na,+ nokuba linemithi okanye alinayo na. Yibani nesibindi,+ nisiphathele iziqhamo zelo lizwe.” Ngelo xesha zazisele zivuthiwe iidiliya zokuqala.+ 21  Enyuka ke la madoda alihlola ilizwe, aqala kwintlango yaseTsin+ ayokutsho eRehobhi+ ngaseLebho-hamati.*+ 22  Aya eNegebhi aza adlulela eHebron,+ apho kwakuhlala uAhiman, uSheshayi noTalemayi,+ ama-Anaki.+ IHebron yayakhiwe kwiminyaka esixhenxe ngaphambi kokuba kwakhiwe iTsowan yaseYiputa. 23  Xa efika kwiNtlambo YakwaEshkoli,+ anqumla isebe elalinesihlahla seediliya, lathwalwa ngepali ngamadoda amabini. Eza nazo neerharnati namafiya.*+ 24  AmaSirayeli ayibiza loo ndawo ngokuba yiNtlambo Yase-Eshkoli,*+ kuba asinqumla apho isihlahla seediliya. 25  Zathi zakuphela iintsuku eziyi-40,+ loo madoda abuya ekuhloleni ilizwe. 26  Afika kuMoses nakuAron nakwibandla lonke lamaSirayeli entlango yaseParan, eKadeshe.+ Abalisela lonke ibandla ngelo lizwe aza alibonisa neziqhamo zalo. 27  Ambalisela uMoses athi: “Singenile kwela lizwe ubusithume kulo. Nyhani ligcwele ubisi nobusi,+ nazi neziqhamo zalo.+ 28  Kodwa ke, abantu abahlala kulo bomelele kakhulu, nezixeko zabo zikhuseleke ngeyona ndlela; futhi sibone nama-Anaki phaya.+ 29  Ama-Amaleki+ ahlala kwilizwe laseNegebhi,+ wona amaHiti, amaYebhusi+ nama-Amori+ ahlala kwimimandla yeentaba. AmaKanan+ ahlala ngaselwandle+ nangakwiYordan.” 30  Emva koko uKalebhi wazama ukubazolisa abantu ababephambi koMoses, esithi: “Masikhawulezeni sinyuke, ngokuqinisekileyo siza kulithatha ela lizwe, kuba sinako ukuloyisa.”+ 31  Kodwa amadoda awayehambe naye athi: “Asinakukwazi ukuya kulwa naba bantu, kuba bomelele kakhulu kunathi.”+ 32  Kwaye aqhubeka ethetha izinto ezimbi kumaSirayeli+ ngelizwe ayeye kulihlola, esithi: “Ilizwe ebesiyokulihlola, lilizwe elibaqwenga libagqibe abemi balo; yaye bonke abantu esibabonileyo phaya zizigantsontso ezingaqhelekanga.+ 33  Sibone nezigebenga,* oonyana baka-Anaki,+ inzala yeeNefili yaye xa sithelekisa, thina sifana neentethe kuzo.”

Umbhalo osemazantsi

Okanye “nguYehoshuwa,” othetha ukuthi “UYehova Ulusindiso.”
Ngokoqobo, “lityebile.”
Okanye “xa ungena eHamati.”
Okanye “namakhiwane.”
Ethetha ukuthi “Isihlahla Seediliya.”
Okanye “neeNefili.” Kusenokwenzeka ukuba eli gama lithetha ukuthi “Iindlavini,” oko kukuthi, abantu abawisa abanye abantu. Funda Ingcaciso Yamagama.