Numeri 15:1-41

  • Imithetho yeminikelo (1-21)

    • Umthetho mnye kubemi nakubantu basemzini (15, 16)

  • Iminikelo yabantu abona bengaqondanga (22-29)

  • Isohlwayo somntu owona ngabom (30, 31)

  • Kubulawa umntu ongathobelanga umthetho weSabatha (32-36)

  • Impahla mayibe nemisonto emazantsi (37-41)

15  UYehova waqhubeka wathi kuMoses:  “Yithi kumaSirayeli, ‘Xa nifika kwilizwe endininika lona ukuba nihlale kulo,+  yaye nisenzela uYehova umnikelo wasemlilweni eniwuthatha kumhlambi weenkomo okanye weegusha, nokuba ngumnikelo otshiswayo+ okanye umbingelelo wokwenza isifungo, umnikelo wokuzithandela+ okanye umnikelo eniwenza ngamaxesha amatheko,+ yonke niyenzela ukuba ibe livumba elimnandi* kuYehova,+  loo mntu unikelayo makanikele kuYehova nangomnikelo wokutya ongumgubo ocoliweyo,+ osisahlulo esinye kwezilishumi se-efa,* esixutywe nekota yehin* yeoli.  Xa esenza umnikelo otshiswayo+ okanye umbingelelo olitakane legusha eliyinkunzi, umele enze nomnikelo oselwayo wewayini eyikota yehin.  Okanye ukuba uza kunikela ngenkunzi yegusha, ufanele ayinikele nomnikelo wokutya ozizahlulo ezibini kwezilishumi ze-efa yomgubo ocoliweyo, oxutywe nesahlulo esinye kwezithathu zehin yeoli.  Loo mntu ufanele enze umnikelo oselwayo ngewayini esisahlulo esinye kwezithathu zehin, ube livumba elimnandi* kuYehova.  “‘Kodwa ukuba wenza umnikelo otshiswayo ngenkunzi yenkomo+ okanye umbingelelo wesibhambathiso esikhethekileyo+ okanye imibingelelo yobuhlobo kuYehova,+  umele awunikele nomnikelo wokutya+ ozizahlulo ezithathu kwezilishumi zomgubo ocoliweyo, oxutywe nehafu yehin yeoli. 10  Ufanele enze nomnikelo oselwayo+ ngewayini eyihafu yehin, ube ngumnikelo otshiswayo olivumba elimnandi* kuYehova. 11  Yiloo nto efanele yenziwe xa kunikelwa ngenkunzi yenkomo okanye ngenkunzi yegusha okanye ngetakane legusha eliyinkunzi okanye ngebhokhwe. 12  Nokuba ninikela ngezilwanyana ezingaphi, yenzani loo nto kwisilwanyana ngasinye, ngokwenani lazo. 13  Wonke umSirayeli onikela umnikelo otshiswayo olivumba elimnandi* kuYehova, umele awenze ngolo hlobo. 14  “‘Ukuba umntu wasemzini ohlala nani okanye umntu obehlala nani ixesha elide, wenza umnikelo otshiswayo olivumba elimnandi* kuYehova, umele awenze kanye ngendlela nani eniwenza ngayo.+ 15  Kuza kusebenza umthetho omnye kumntu weli bandla nakumntu wasemzini. Loo mthetho uza kuhlala usebenza kuzo zonke izizukulwana zenu. Umntu wasemzini uza kufana nani phambi koYehova.+ 16  Makusebenze umthetho ofanayo nesigwebo esifanayo kuni nakumntu wasemzini ohlala nani.’” 17  UYehova waqhubeka wathi kuMoses: 18  “Yithi kumaSirayeli, ‘Xa nifika kwilizwe endinisa kulo, 19  nize nitye ukutya* kwelo lizwe,+ ­nimele ninikele kuYehova. 20  Nifanele ninikele ngezonka ezirawundi zomgrayo wesivuno sokuqala,+ ngendlela enenza ngayo ngomnikelo osuka kwibala lokubhula. 21  Esinye sesivuno sokuqala esingumgrayo nifanele nisinike uYehova kuzo zonke izizukulwana zenu. 22  “‘Ukuba nenza impazamo yokungayenzi yonke imiyalelo uYehova ayinike uMoses, 23  yonke into uYehova aniyalele yona esebenzisa uMoses, ukususela ngemini awaniyalela ngayo uYehova ukuya phambili, kwizizukulwana zenu, 24  ibe loo nto yenziwe ngempazamo yaye nebandla belingayazi, limele lenze umbingelelo olivumba elimnandi* kuYehova ngethole lenkunzi yenkomo. Loo mnikelo ufanele wenziwe kunye nomnikelo wokutya nomnikelo oselwayo, ngendlela eqhelekileyo,+ kwenziwe nomnikelo wesono ngetakane lebhokhwe.+ 25  Umbingeleli uza kulihlawulela lonke ibandla lamaSirayeli, ibe liza kuxolelwa,+ kuba lenze impazamo, yaye liye lenzela uYehova umnikelo otshiswayo, lenza nomnikelo wesono kuYehova ngenxa yempazamo eliyenzileyo. 26  Lonke ibandla lamaSirayeli nomntu wasemzini ohlala nalo uza kuxolelwa, kuba xa bebonke abantu benze impazamo. 27  “‘Ukuba umntu wone ngempazamo, umele enze umnikelo wesono ngethokazi lebhokhwe elinonyaka.+ 28  Umbingeleli uza kumhlawulela loo mntu wone uYehova ngempazamo, yaye uza kuxolelwa.+ 29  KumSirayeli nakumntu wasemzini ohlala nani owone ngempazamo, kuza kusebenza umthetho omnye.+ 30  “‘Kodwa ukuba umntu wona ngabom,+ nokuba ngumSirayeli okanye ngumntu wasemzini, ungcolisa igama likaYehova yaye umele abulawe. 31  Kaloku udelele ilizwi likaYehova yaye waphule umthetho wakhe, ngoko loo mntu umele abulawe nakanjani.+ Nguye onetyala.’”+ 32  Xa amaSirayeli ayesesentlango, abhaqa umntu eqokelela iinkuni ngomhla weSabatha.+ 33  Abo bambhaqayo eqokelela iinkuni bamzisa kuMoses noAron nakwibandla lonke. 34  Ngoko bamvalela,+ kuba yayingekachazwa into emayenziwe ngaye. 35  UYehova wathi kuMoses: “Nakanjani loo mntu makabulawe,+ yaye lonke ibandla lifanele limbethe ngamatye ngaphandle kwenkampu.”+ 36  Ngoko lonke ibandla lamkhuphela ngaphandle kwenkampu laza lamgibisela ngamatye wafa, kanye njengokuba uYehova wayeyalele uMoses. 37  UYehova waqhubeka wathi kuMoses: 38  “Yithi kumaSirayeli mawafakele imisonto emazantsi empahla yawo, enze loo nto kuzo zonke izizukulwana zawo. Amele athungele umtya oluhlaza* ngentla kwaloo misonto.+ 39  ‘Nimele nibe nale misonto kwimpahla yenu, ukuze xa niyibona niyikhumbule yonke imiyalelo kaYehova nize niyithobele.+ Animele nilandele iintliziyo zenu namehlo enu, ezinenza nifane nabantu abathengisa ngomzimba.*+ 40  Lo myalelo uza kuninceda niyithobele yonke imiyalelo yam nize nibe ngcwele kuThixo wenu.+ 41  NdinguYehova uThixo wenu, owanikhupha kwilizwe laseYiputa ukuze ndinibonise ukuba ndinguThixo wenu.+ NdinguYehova uThixo wenu.’”+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “elixolisayo; elizolisayo.” Ngokoqobo, “elithozamisayo.”
Isahlulo seshumi se-efa sasilingana ne-2,2 L. Funda Isihlomelo B14.
Ihin yayilingana ne-3,67 L. Funda Isihlomelo B14.
Okanye “elixolisayo; elizolisayo.” Ngokoqobo, “elithozamisayo.”
Okanye “elixolisayo; elizolisayo.” Ngokoqobo, “elithozamisayo.”
Okanye “elixolisayo; elizolisayo.” Ngokoqobo, “elithozamisayo.”
Okanye “elixolisayo; elizolisayo.” Ngokoqobo, “elithozamisayo.”
Ngokoqobo, “isonka.”
Okanye “elixolisayo; elizolisayo.” Ngokoqobo, “elithozamisayo.”
Okanye “oblu.”
Oko kukuthi, nikhonze abanye oothixo.