Numeri 16:1-50

  • UKora, uDatan noAbhiram babhunga uMoses (1-19)

  • Abachasi bayagwetywa (20-50)

16  UKora+ unyana kaItsare,+ unyana kaKohati,+ unyana kaLevi,+ wabhunga noDatan noAbhiram oonyana bakaEliyabhi,+ no-Oni unyana kaPelethe, abaphuma kwisizwe sakwaRubhen.+  Bambhunga uMoses bekunye namadoda ayi-250 akwaSirayeli, iinkokheli zebandla, amadoda akhethiweyo ohlanga, amadoda ahloniphekileyo.  Baqokelelana bapakanyela+ uMoses noAron besithi kubo: “Sanele nini! Lonke ibandla lingcwele,+ wonke umntu okulo, yaye uYehova ukunye nalo.+ Kutheni ke ngoku nizenza ngcono kunabo bonke abantu bebandla likaYehova?”  Wathi uMoses akubeva, ngoko nangoko waqubuda.  Emva koko wathi kuKora nakwabo babemxhasa: “Kusasa uYehova uza kusazisa ukuba ngubani owakhe,+ ngubani ongcwele yaye ngubani omele asondele kuye.+ Lowo amkhethileyo+ nguye oza kusondela kuye.  Yenzani le nto: Wena Kora nabaxhasi bakho,+ thathani izitya zomlilo,+  nizifake umlilo nesiqhumiso esiqholiweyo phambi koYehova ngomso, yaye loo mntu uYehova amkhethileyo+ nguye ongcwele. Nixakile ngoku bonyana bakaLevi!”+  Emva koko uMoses wathi kuKora: “Khanimamele bonyana bakaLevi.  Niyijongela phantsi na into yokuba uThixo kaSirayeli enikhethile kwibandla likaSirayeli+ waza wanivumela ukuba nisondele kuye ukuze nisebenze ententeni engcwele kaYehova, nime phambi kwebandla nize nililungiselele,+ 10  nokuba eye wanisondeza kuye kunye nabo bonke abantakwenu, oonyana bakaLevi? Ngoku nifuna nokuba ngababingeleli?+ 11  Ngoko, wena nabo bonke abaxhasi bakho abahlanganiseneyo nilwa noYehova. Xa engubani uAron ukuba ningade nimkhalazele?”+ 12  Ethubeni uMoses wathi makubizwe uDatan noAbhiram+ oonyana bakaEliyabhi, kodwa bathi: “Asiy’ apho thina! 13  Ayanelanga na into yokuba usikhuphe kwilizwe eligcwele ubisi nobusi ukuze uzokusibulalela kule ntlango?+ Ngoku ufuna nokusilawula?* 14  Awukasingenisi nakwela lizwe ligcwele ubisi nobusi,+ yaye awusinikanga masimi okanye amasimi eediliya ukuba abe lilifa lethu. Ufuna loo madoda akulandele ngathi aziimfama?* Asiy’ apho thina!” 15  UMoses wacaphuka kakhulu waza wathi ­kuYehova: “Uze ungawuhoyi umnikelo wabo wokutya. Andithathanga nedonki le kubo, yaye akukho nomnye kubo endimlimazileyo.”+ 16  Emva koko uMoses wathi kuKora: “Wena nabo bonke abakuxhasayo nize nime phambi koYehova ngomso, wena, nabo noAron. 17  Nonke nize nithathe izitya zomlilo nizifake isiqhumiso esiqholiweyo, yaye ngamnye uza kuma nesitya sakhe somlilo phambi koYehova, izitya eziyi-250. Nawe noAron niza kube niphethe ezenu.” 18  Bonke bathatha izitya zomlilo, bazifaka umlilo nesiqhumiso esiqholiweyo baza bema phambi komnyango wentente yokuhlangana, bema kunye noMoses noAron. 19  Akugqiba uKora ukuqokelela bonke abaxhasi bakhe,+ beze kugagana noMoses noAron kumnyango wentente yokuhlangana, uzuko lukaYehova lwabonakala kulo lonke ibandla.+ 20  UYehova wathi kuMoses noAron: 21  “Sukani kwaba bantu ukuze ndibatshabalalise ngokukhawuleza.”+ 22  Ngokukhawuleza baqubuda emhlabeni, bathi: “Owu Thixo, wena unika bonke abantu ubomi,+ ngaba isono somntu omnye singenza ucatshukiswe lilo lonke ibandla?”+ 23  Ngoko uYehova wathi kuMoses: 24  “Yithi kulo lonke ibandla, ‘Sukani ezintenteni zikaKora, noDatan noAbhiram!’”+ 25  Emva koko uMoses waya kuDatan noAbhiram, ehamba nabadala+ bakwaSirayeli. 26  Wathi kwibandla: “Ndicela nisuke ezintenteni zala madoda enza ububi, ningaphathi kwanto yawo, ukuze ningatshatyalaliswa nawo ngenxa yezono zawo.” 27  Basuka ngokukhawuleza macala onke kwiintente zikaKora, noDatan noAbhiram, ibe uDatan noAbhiram, baphuma baza bema nabafazi babo, oonyana babo nabantwana babo abancinci kwiminyango yeentente zabo. 28  Emva koko uMoses wathi: “Nantsi into eniza kubona ngayo ukuba nguYehova ondithume ukuba ndenze ezi zinto, ibe andenzi kuthanda kwam:* 29  Ukuba aba bantu baye bafa ngendlela eqhelekileyo, okanye bohlwaywa ngendlela abaqhele ukohlwaywa ngayo bonke abanye abantu, uYehova akandithumanga ke.+ 30  Kodwa ukuba uYehova wenze into engaqhelekanga, wavula umhlaba ukuze ubaginye bona nazo zonke izinto zabo, baye engcwabeni* bephila, niza kutsho nazi ngokuqinisekileyo ukuba la madoda aye amdelela uYehova.” 31  Wathi akugqiba ukuthetha, umhlaba awayemi kuwo la madoda wavuleka.+ 32  Wavuleka umhlaba waza wabaginya, bona kunye neentsapho zabo, nabo bonke abantu bendlu kaKora+ nazo zonke izinto zabo. 33  Ngoko bona nabo bonke ababengabendlu yabo, behlela engcwabeni* waza umhlaba wabagqumelela, batshabalala.+ 34  Onke amaSirayeli awayekufutshane nabo abaleka akubeva bekhala, kuba ayesithi: “Soyika ukuginywa ngumhlaba nathi!” 35  Emva koko uYehova wathumela umlilo,+ wawatshabalalisa amadoda ayi-250 awayeqhumisa isiqhumiso esiqholiweyo.+ 36  UYehova wathi kuMoses: 37  “Yithi kuEleyazare unyana ka-Aron umbingeleli makakhuphe izitya zomlilo+ emlilweni kuba zingcwele. Mxelele nokuba ayokuwachitha kude amalahle avuthayo akuzo. 38  Izitya zomlilo zamadoda aye abulawa ngenxa yesono sawo mazikhandwe zenziwe iinkcenkce zokogquma isibingelelo,+ kuba baye bazisondeza kuYehova zatsho zangcwele. Ziza kuba sisilumkiso kumaSirayeli.”+ 39  Ngoko uEleyazare umbingeleli wazithatha izitya zomlilo zekopolo ebezisondezwe ngabo baye batshiswa, waza wazikhanda, woleka ngazo isibingelelo, 40  kanye ngendlela uYehova awayemyalele ngayo uMoses. Le nto yaba sisikhumbuzo kumaSirayeli sokuba akukho mntu umele asondele aze atshisele uYehova isiqhumiso esiqholiweyo+ enganikwanga mvume yokwenza loo nto,* yaye engaphumi kwinzala ka-Aron, ukuze kungabikho mntu uba njengoKora nabaxhasi bakhe.+ 41  Ngosuku nje olulandelayo, lonke ibandla lamaSirayeli lamkhalazela uMoses noAron+ lisithi: “Nina nibabulele abantu bakaYehova.” 42  Emva kokuba ibandla liqokelelene likhalazela uMoses noAron, bajika bonke bajonga ententeni yokuhlangana baza babona ilifu liyogqumile, kwatsho kwabonakala uzuko lukaYehova.+ 43  UMoses noAron baya phambi kwentente yokuhlangana,+ 44  waza uYehova wathi kuMoses: 45  “Sukani kwaba bantu ukuze ndibatshabalalise ngokukhawuleza.”+ Ngoko nangoko baqubuda emhlabeni.+ 46  Emva koko uMoses wathi kuAron: “Thatha isitya somlilo, ufake kuso umlilo owuthathe esibingelelweni,+ ufake nesiqhumiso esiqholiweyo, ukhawuleze uye ebandleni, ulihlawulele kuThixo+ kuba le nto imcaphukisile uYehova. Siqalile isibetho!” 47  Ngoko nangoko, uAron wasithatha isitya somlilo kanye njengokuba uMoses wayetshilo, wabaleka waya ebandleni; uthe akufika wabona ukuba isibetho sele siqalile. Ngoko wafaka isiqhumiso esiqholiweyo waza wabahlawulela. 48  Waqhubeka emile phakathi kwabafileyo nabasaphilayo, saza ekugqibeleni sayeka isibetho. 49  Abantu ababulawa sisibetho baba yi-14 700, ngaphandle kwabafayo ngenxa kaKora. 50  Wathi uAron ebuyela kuMoses kumnyango wentente yokuhlangana, sabe isibetho sesiyekile.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ufuna nokuzenza inkosi yethu?”
Ngokoqobo, “Ngaba uza kuwakhupha amehlo loo madoda?”
Okanye “ibe aziphumi entliziyweni yam.”
Ngokoqobo, “engumntu ongaziwayo.”