Numeri 24:1-25
24 Wathi akubona uBhileham ukuba uYehova uyithandile into yokusikelelwa kwamaSirayeli, zange aphinde ahambe ayokuzama imilingo eyenzakalisayo,+ kodwa wajika wajonga entlango.
2 UBhileham wathi akuphakamisa amehlo akhe, waza wabona amaSirayeli ehleli ngokwezizwe zawo,+ wafikelwa ngumoya kaThixo.+
3 Emva koko wathetha intetho engumzekeliso esithi:+
“Uthi uBhileham unyana kaBhehore,Ithi indoda evulwe amehlo,
4 Uthi lowo uva amazwi kaThixo,Lowo ubone umbono kaSomandla,Lowo uye waqubuda evulwe amehlo:+
5 Zintle nyhani iintente zakho Yakobi,Zintle nyhani iindawo zakho zokuhlala Sirayeli!+
6 Zithe tyaba okweentlambo,+Zifana nemiyezo engasemlanjeni.Zifana namakhala atyalwe nguYehova,Zifana nemisedare engasemanzini.
7 Amanzi ahlala ethontsiza kwizikhumba zakhe ezimbini zokugcina amanzi,Imbewu* yakhe ityalwe ngasemanzini amaninzi.+
Ukumkani wakhe+ uza kuba mkhulu kunoAgagi,+Nobukumkani bakhe buza kuba bukhulu.+
8 UThixo umkhupha eYiputa;KuSirayeli ufana neempondo zenkunzi yenkomo yasendle.
USirayeli uza kuzitshabalalisa iintlanga ezimcinezelayo,+Awakhukhuze amathambo azo, aze azitshabalalise ngeentolo zakhe.
9 Uye walala njengengonyama,Yaye ngubani onesibindi sokumvusa?
Basikelelekile abakusikelelayo,Yaye baqalekisiwe abakuqalekisayo.”+
10 UBhalaki wacatshukiswa yile nto yenziwa nguBhileham waza waqhwaba izandla, esithi: “Bendikubizele ukuba uziqalekise iintshaba zam,+ kodwa wena uzisikelele kwade kwakathathu.
11 Ngoku ke khawuleza ugoduke. Bendizimisele ukukuzukisa kakhulu,+ kodwa jonga! uYehova ukuvimbile olo zuko.”
12 UBhileham wathi kuBhalaki: “Andithi bendithe kubathunywa bakho,
13 ‘Nokuba uBhalaki angandinika indlu yakhe igcwele yisilivere negolide, andizukukwazi ukwenza nantoni na efunwa ndim* angayiyalelanga uYehova, nokuba incinci okanye inkulu. Ndiza kuthetha into endiyixelelwe nguYehova kuphela’?+
14 Ngoku ndiyagoduka ndiya kubantu basekhaya. Khawuze ndikuxelele into eza kwenziwa sesi sizwana kubantu bakho kwixesha elizayo.”*
15 Ngoko wathetha intetho engumzekeliso esithi:+
“Uthi uBhileham unyana kaBhehore,Ithi indoda evulwe amehlo,+
16 Uthi lowo uva amazwi kaThixo,Lowo ufumene ulwazi lOyena Uphakamileyo,Obone umbono kaSomandlaNgoxa equbudile evulwe amehlo:
17 Ndiza kumbona, kodwa hayi ngoku;Ndiza kumbona, kodwa hayi ngokukhawuleza.
Kuza kuphuma inkwenkwezi+ kwaYakobi,Kuvele intonga yobukhosi+ kwaSirayeli.+
Yaye nakanjani uza kuliqhekeza ibunzi* likaMowabhi+Namathambo eentloko zoonyana besiphithiphithi.
18 UEdom uza kuba lilifa,+Ngokwenene uSehire+ uza kuba lilifa leentshaba zakhe,+Ngoxa uSirayeli enesibindi.
19 KwaYakobi kuza kuphuma indoda ehamba isoyisa,+Yaye iza kutshabalalisa nabani na osindileyo esixekweni.”
20 Wathi akubona ama-Amaleki, waqhubeka nentetho yakhe engumzekeliso esithi:
“Kwaqala ama-Amaleki ezintlangeni,*+Kodwa ekugqibeleni aza kutshabalala.”+
21 Wathi akubona amaKeni,+ waqhubeka nentetho yakhe engumzekeliso esithi:
“Ikhuselekile indawo ohlala kuyo, yaye uyimise eliweni.
22 Kodwa kukho umntu oza kumtshisa uKhayin.
Iza kukuthimba nini iAsiriya?”
23 Yaye waqhubeka nentetho yakhe engumzekeliso esithi:“Yhoo! Ngubani oza kusinda xa uThixo esenza le nto?
24 Kuza kufika iinqanawa zivela kunxweme lwaseKitim,+Ziyiphathe kakubi iAsiriya,+Zimphathe kakubi noEbhere.
Kodwa naye uza kutshabalala.”
25 Emva koko uBhileham+ wagoduka, noBhalaki wagoduka.
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “Inzala.”
^ Ngokoqobo, “efunwa yintliziyo yam.”
^ Okanye “ekupheleni kwemihla.”
^ Okanye “iintlafuno.”
^ Oko kukuthi, aba ngawokuqala ukuhlasela amaSirayeli ukuphuma kwawo eYiputa.