Numeri 24:1-25

  • Umzekeliso 3 kaBhileham (1-11)

  • Umzekeliso 4 kaBhileham (12-25)

24  Wathi akubona uBhileham ukuba uYehova uyithandile into yokusikelelwa kwamaSirayeli, zange aphinde ahambe ayokuzama imilingo eyenzakalisayo,+ kodwa wajika wajonga entlango.  UBhileham wathi akuphakamisa amehlo akhe, waza wabona amaSirayeli ehleli ngokwezizwe zawo,+ wafikelwa ngumoya kaThixo.+  Emva koko wathetha intetho engumzekeliso esithi:+ “Uthi uBhileham unyana kaBhehore,Ithi indoda evulwe amehlo,   Uthi lowo uva amazwi kaThixo,Lowo ubone umbono kaSomandla,Lowo uye waqubuda evulwe amehlo:+   Zintle nyhani iintente zakho Yakobi,Zintle nyhani iindawo zakho zokuhlala Sirayeli!+   Zithe tyaba okweentlambo,+Zifana nemiyezo engasemlanjeni.Zifana namakhala atyalwe nguYehova,Zifana nemisedare engasemanzini.   Amanzi ahlala ethontsiza kwizikhumba zakhe ezimbini zokugcina amanzi,Imbewu* yakhe ityalwe ngasemanzini amaninzi.+ Ukumkani wakhe+ uza kuba mkhulu kunoAgagi,+Nobukumkani bakhe buza kuba bukhulu.+   UThixo umkhupha eYiputa;KuSirayeli ufana neempondo zenkunzi yenkomo yasendle. USirayeli uza kuzitshabalalisa iintlanga ezimcinezelayo,+Awakhukhuze amathambo azo, aze azitshabalalise ngeentolo zakhe.   Uye walala njengengonyama,Yaye ngubani onesibindi sokumvusa? Basikelelekile abakusikelelayo,Yaye baqalekisiwe abakuqalekisayo.”+ 10  UBhalaki wacatshukiswa yile nto yenziwa nguBhileham waza waqhwaba izandla, esithi: “Bendikubizele ukuba uziqalekise iintshaba zam,+ kodwa wena uzisikelele kwade kwakathathu. 11  Ngoku ke khawuleza ugoduke. Bendizimisele ukukuzukisa kakhulu,+ kodwa jonga! uYehova ukuvimbile olo zuko.” 12  UBhileham wathi kuBhalaki: “Andithi bendithe kubathunywa bakho, 13  ‘Nokuba uBhalaki angandinika indlu yakhe igcwele yisilivere negolide, andizukukwazi ukwenza nantoni na efunwa ndim* angayiyalelanga uYehova, nokuba incinci okanye inkulu. Ndiza kuthetha into endiyixelelwe nguYehova kuphela’?+ 14  Ngoku ndiyagoduka ndiya kubantu basekhaya. Khawuze ndikuxelele into eza kwenziwa sesi sizwana kubantu bakho kwixesha elizayo.”* 15  Ngoko wathetha intetho engumzekeliso esithi:+ “Uthi uBhileham unyana kaBhehore,Ithi indoda evulwe amehlo,+ 16  Uthi lowo uva amazwi kaThixo,Lowo ufumene ulwazi lOyena Uphakamileyo,Obone umbono kaSomandlaNgoxa equbudile evulwe amehlo: 17  Ndiza kumbona, kodwa hayi ngoku;Ndiza kumbona, kodwa hayi ngokukhawuleza. Kuza kuphuma inkwenkwezi+ kwaYakobi,Kuvele intonga yobukhosi+ kwaSirayeli.+ Yaye nakanjani uza kuliqhekeza ibunzi* likaMowabhi+Namathambo eentloko zoonyana besiphithiphithi. 18  UEdom uza kuba lilifa,+Ngokwenene uSehire+ uza kuba lilifa leentshaba zakhe,+Ngoxa uSirayeli enesibindi. 19  KwaYakobi kuza kuphuma indoda ehamba isoyisa,+Yaye iza kutshabalalisa nabani na osindileyo esixekweni.” 20  Wathi akubona ama-Amaleki, waqhubeka nentetho yakhe engumzekeliso esithi: “Kwaqala ama-Amaleki ezintlangeni,*+Kodwa ekugqibeleni aza kutshabalala.”+ 21  Wathi akubona amaKeni,+ waqhubeka nentetho yakhe engumzekeliso esithi: “Ikhuselekile indawo ohlala kuyo, yaye uyimise eliweni. 22  Kodwa kukho umntu oza kumtshisa uKhayin. Iza kukuthimba nini iAsiriya?” 23  Yaye waqhubeka nentetho yakhe engumzekeliso esithi:“Yhoo! Ngubani oza kusinda xa uThixo esenza le nto? 24  Kuza kufika iinqanawa zivela kunxweme lwaseKitim,+Ziyiphathe kakubi iAsiriya,+Zimphathe kakubi noEbhere. Kodwa naye uza kutshabalala.” 25  Emva koko uBhileham+ wagoduka, noBhalaki wagoduka.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “Inzala.”
Ngokoqobo, “efunwa yintliziyo yam.”
Okanye “ekupheleni kwemihla.”
Okanye “iintlafuno.”
Oko kukuthi, aba ngawokuqala ukuhlasela amaSirayeli ukuphuma kwawo eYiputa.