Numeri 28:1-31

  • Indlela yokwenza iminikelo (1-31)

    • Iminikelo eyenziwa suku ngalunye (1-8)

    • EyeSabatha (9, 10)

    • Iminikelo eyenziwa inyanga nenyanga (11-15)

    • EyePasika (16-25)

    • EyeTheko Leeveki (26-31)

28  UYehova waphinda wathi kuMoses:  “Wayalele amaSirayeli uthi kuwo, ‘Qinisekani ukuba nizisa iminikelo yam, ekukutya kwam. Iminikelo elivumba elimnandi* eyenzelwa mna emlilweni imele yenziwe ngamaxesha abekiweyo.’+  “Uze uthi kuwo, ‘Lo ngumnikelo otshiswayo enimele niwuzise kuYehova: amatakane eegusha amabini aziinkunzi aphilileyo anonyaka, aza kuba ngumnikelo otshiswayo ngosuku.+  Elinye itakane legusha eliyinkunzi nimele nilinikele ekuseni, nize elinye nilinikele ngorhatya,*+  kunye nomnikelo wokutya ongumgubo ocoliweyo osisahlulo esinye kwezilishumi ze-efa* oxutywe neoli engqushiweyo eyikota yehin.+  Lowo ngumnikelo otshiswayo+ owenziwa qho, owasekwayo kwiNtaba YeSinayi ukuba ube livumba elimnandi,* umnikelo owenzelwa uYehova emlilweni.  Takane ngalinye legusha eliyinkunzi malihambe nomnikelo oselwayo oyikota yehin.+ Galela utywala kwindawo engcwele ukuze lowo ibe ngumnikelo oselwayo owenzelwa uYehova.  Elinye itakane legusha eliyinkunzi malinikelwe ngorhatya.* Umele ulinikele kunye nomnikelo wokutya ofanayo nalowa wakusasa, ulinikele kunye nomnikelo oselwayo ofanayo, ube livumba elimnandi* kuYehova.+  “‘Kodwa ke ngeSabatha+ nikelani ngamatakane eegusha amabini aziinkunzi aphilileyo anonyaka, nomnikelo wokutya ongumgubo ocoliweyo ozizahlulo ezibini kwezilishumi ze-efa ezixutywe neoli, kunye nomnikelo wawo oselwayo. 10  Lowo ngumnikelo otshiswayo owenziwa ngeSabatha, kunye nomnikelo otshiswayo owenziwa qho ohamba nomnikelo oselwayo.+ 11  “‘Qho ekuqaleni kwenyanga,* yenzelani uYehova umnikelo otshiswayo ngamathole amabini enkomo aziinkunzi, inkunzi yegusha namatakane eegusha asixhenxe aziinkunzi aphilileyo anonyaka.+ 12  Inkunzi nganye yenkomo imele ihambe nomnikelo wokutya+ ongumgubo ocoliweyo ozizahlulo ezithathu kwezilishumi oxutywe neoli. Inkunzi yegusha imele ihambe nomnikelo wokutya ongumgubo ocoliweyo ozizahlulo ezibini kwezilishumi oxutywe neoli.+ 13  Itakane ngalinye legusha eliyinkunzi limele lihambe nomnikelo wokutya ongumgubo ocoliweyo osisahlulo esinye kwezilishumi oxutywe neoli, libe ngumnikelo otshiswayo olivumba elimnandi*+ kuYehova. 14  Inkunzi yenkomo mayihambe nomnikelo oselwayo oyihafu yehin yewayini,+ inkunzi yegusha ihambe nesahlulo esinye kwezithathu zehin+ yewayini, lona itakane legusha eliyinkunzi lihambe nekota yehin yewayini.+ Lowo ke iza kuba ngumnikelo otshiswayo owenziwa qho ngenyanga kude kuphele unyaka. 15  Iminikelo etshiswayo eyenziwa qho mayihambe kunye netakane lebhokhwe, libe ngumnikelo wesono owenzelwa uYehova kunye nomnikelo oselwayo. 16  “‘Ngenyanga yokuqala ngosuku lwe-14 iza kuba yiPasika kaYehova.+ 17  Yaye ngosuku lwe-15 iza kuba litheko. Kuza kutyiwa izonka ezingenagwele iintsuku ezisixhenxe.+ 18  Ngosuku lokuqala kuza kubakho indibano engcwele. Ze ningenzi nawuphi na umsebenzi onzima. 19  Yenzelani uYehova umnikelo otshiswayo ngamathole amabini enkomo aziinkunzi, inkunzi yegusha namatakane eegusha asixhenxe aziinkunzi anonyaka. Nimele ninikele ngezilwanyana eziphilileyo.+ 20  Zimele zikhatshwe ngumnikelo wazo wokutya ongumgubo ocoliweyo oxutywe neoli.+ Inkunzi yenkomo imele ihambe nomgubo ozizahlulo ezithathu kwezilishumi, yona inkunzi yegusha ihambe nezahlulo ezibini kwezilishumi. 21  Itakane ngalinye legusha eliyinkunzi kula asixhenxe limele lihambe nomgubo ocoliweyo osisahlulo esinye kwezilishumi, 22  nebhokhwe enye engumnikelo wesono ukuze nihlawulelwe. 23  Niza kuyenza le minikelo ukongeza kumnikelo otshiswayo eniwenza qho kusasa. 24  Nimele niyenze ngendlela efanayo iintsuku ezisixhenxe ibe kukutya,* umnikelo otshiswayo olivumba elimnandi kuYehova. Nimele niyinikele kunye nomnikelo otshiswayo owenziwa qho kunye neminikelo yawo eselwayo. 25  Ngosuku lwesixhenxe kuza kubakho indibano engcwele.+ Ze ningenzi nawuphi na umsebenzi onzima.+ 26  “‘Ngemini yesivuno sokuqala,+ xa ninikela kuYehova ukutya okutsha,+ nimele nibe nendibano engcwele yetheko leeveki.+ Ze ningenzi nawuphi na umse­benzi onzima.+ 27  Yenzani um­nikelo otshiswayo olivumba ­elimnandi* kuYehova ngamathole amabini enkomo aziinkunzi, inkunzi yegusha namatakane eegusha asixhenxe aziinkunzi aphilileyo anonyaka.+ 28  Inkunzi nganye yenkomo imele ihambe nomnikelo wokutya ongumgubo ocoliweyo, ozizahlulo ezithathu kwezilishumi oxutywe neoli. Inkunzi yegusha imele ihambe nomnikelo wokutya ongumgubo ocoliweyo ozizahlulo ezibini kwezilishumi oxutywe neoli. 29  Itakane ngalinye legusha eliyinkunzi kula asixhenxe limele lihambe nomgubo ocoliweyo osisahlulo esinye kwezilishumi oxutywe neoli, 30  netakane lebhokhwe elinye ukuze nicelelwe uxolo.+ 31  Ezi zinto nimele nizinikele kunye nomnikelo otshiswayo owenziwa qho, nomnikelo wokutya. Nimele ninikele ngezilwanyana eziphilileyo+ kunye neminikelo eselwayo.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “elixolisayo; elizolisayo.” Ngokoqobo, “elithozamisayo.”
Ngokoqobo, “phakathi kweengokuhlwa ezimbini.”
Isahlulo esinye kwezilishumi ze-efa sasilingana ne-2,2 L. Funda Isihlomelo B14.
Okanye “elixolisayo; elizolisayo.” Ngokoqobo, “elithozamisayo.”
Okanye “elixolisayo; elizolisayo.” Ngokoqobo, “elithozamisayo.”
Ngokoqobo, “phakathi kweengokuhlwa ezimbini.”
Ngokoqobo, “ekuqaleni kweenyanga zenu.”
Okanye “elixolisayo; elizolisayo.” Ngokoqobo, “elithozamisayo.”
Ngokoqobo, “sisonka.”
Okanye “elixolisayo; elizolisayo.” Ngokoqobo, “elithozamisayo.”