Numeri 32:1-42

  • Indawo yokuhlala engasempuma kweYordan (1-42)

32  Oonyana bakaRubhen+ noonyana bakaGadi+ babenemfuyo eninzi kakhulu, yaye babona ukuba umhlaba waseYazere+ nowaseGiliyadi wawuyindawo entle yemfuyo.  Ngoko oonyana bakaGadi noonyana bakaRubhen baya kuMoses noEleyazare umbingeleli nakwiinkokheli zebandla, bathi:  “IAtaroti, iDibhon, iYazere, iNimra, iHeshbhon,+ iEleyale, iSebham, iNebho+ neBheyon,+  iindawo awazoyisayo uYehova phambi kwamaSirayeli+ ziindawo ezintle zemfuyo, yaye izicaka zakho zinemfuyo eninzi kakhulu.”+  Baqhubeka bathi: “Ukuba siyathandeka emehlweni akho, sicela ukunikwa lo mhlaba ube lilifa lethu. Masingabi sayiwela iYordan.”  Emva koko wathi uMoses koonyana bakaGadi noonyana bakaRubhen: “Nifuna abantakwenu baye bodwa emfazweni, ngoxa nina nihleli apha?  Kutheni nifuna ukutyhafisa abantu bakwaSirayeli bangaweli baye kwilizwe uYehova aza kubanika lona ngokuqinisekileyo?  Yiloo nto kanye eyenziwa ngootata benu xa ndandibathume eKadeshe-bharneya ukuba bayokuhlola ilizwe.+  Xa baya kwiNtlambo Yase-Eshkoli+ baza balibona ilizwe, babuya babatyhafisa abantu bakwaSirayeli, ukuba bangayi kwilizwe uYehova athe uza kubanika lona.+ 10  UYehova wacaphuka kakhulu ngaloo mini waza wafunga wathi:+ 11  ‘Amadoda awaphuma eYiputa eneminyaka eyi-20 ukunyuka awazukulibona ilizwe+ endafunga ngalo kuAbraham, uIsake noYakobi,+ kuba awandilandelanga ngentliziyo yawo yonke, 12  ngaphandle kukaKalebhi+ unyana kaYefune umKenizi noYoshuwa+ unyana kaNun, bona bamlandela ngentliziyo yabo yonke uYehova.’+ 13  Ngoko uSirayeli wamcaphukisa kakhulu uYehova, waza wababhadulisa entlango iminyaka eyi-40,+ sade saphela eso sizukulwana esasisenza ububi emehlweni kaYehova.+ 14  Ngoku nani nifana nootata benu, inzala yabantu abanesono abamenza wanomsindo kakhulu uYehova kuSirayeli. 15  Ukuba niyayeka ukumlandela, uza kuphinda awashiye entlango amaSirayeli, nibe ke nibazisele intlekele aba bantu.” 16  Ethubeni babuyela kuye baza bathi: “Sivumele sakhele imfuyo yethu izibaya zamatye, sakhele nabantwana bethu izixeko. 17  Kodwa thina siza kuhlala sikulungele ukulwa,+ sihambe phambi kwamaSirayeli de afike endaweni yawo, ngoxa abantwana bethu behleli kwizixeko ezikhuselekileyo, bekhuselwe kubemi beli lizwe. 18  Asizukubuyela ezindlini zethu de onke amaSirayeli awufumane umhlaba olilifa lawo.+ 19  Thina asizukufumana lifa kunye nabo ngaphesheya kweYordan, kuba sele silifumene elethu ilifa kweli cala.”+ 20  UMoses wathi kubo: “Ukuba niza kuxhobela imfazwe phambi koYehova;+ 21  yaye ukuba nonke nithatha izixhobo nize niwele iYordan phambi koYehova njengoko ezitshayela iintshaba zakhe phambi kwakhe,+ 22  de loyiswe ilizwe phambi koYehova,+ ningabuya+ nize nikhululeke kwityala eninalo kuYehova nakuSirayeli. Ngoko eli lizwe liza kuba lilifa lenu phambi koYehova.+ 23  Kodwa ukuba aniyenzi le nto, niza kube nimonile uYehova, yaye niza kohlwaywa ngenxa yesono senu. 24  Ngoko ningabakhela abantwana benu izixeko, nakhele nemihlambi yenu izibaya,+ kodwa qinisekani ukuba niyayenza le nto niyithembisileyo.” 25  Oonyana bakaGadi noonyana bakaRubhen bathi kuMoses: “Izicaka zakho ziza kwenza kanye njengokuba inkosi yam isitsho. 26  Abantwana bethu, abafazi bethu, imfuyo yethu nazo zonke izilwanyana zethu zasekhaya ziza kushiyeka kwizixeko zaseGiliyadi,+ 27  kodwa zona izicaka zakho ziza kuwela, onke amadoda exhobele imfazwe ukuze alwe phambi koYehova,+ kanye njengokuba inkosi yam ithethile.” 28  Ngoko uMoses wabayaleza kuEleyazare umbingeleli, uYoshuwa unyana kaNun nakwiintloko zezindlu zootata zezizwe zakwaSirayeli. 29  Wathi uMoses kubo: “Ukuba oonyana bakaGadi noonyana bakaRubhen bawela nani iYordan, wonke umntu exhobele imfazwe phambi koYehova, lize loyiswe ilizwe phambi kwenu, nimele nibanike ilizwe laseGiliyadi libe lilifa labo.+ 30  Kodwa ukuba abazithathi izixhobo baze bawele nani, bamele bahlale nani elizweni laseKanan.” 31  Baphendula oonyana bakaGadi noonyana bakaRubhen, bathi: “Into ayithethileyo uYehova kwizicaka zakho siza kuyenza. 32  Siza kuthatha izixhobo size siwele phambi koYehova, siye kwilizwe lakwaKanan,+ kodwa elethu ilifa liza kuba kweli cala leYordan.” 33  Ngoko uMoses wanika oonyana bakaGadi noonyana bakaRubhen+ nehafu yesizwe sakwaManase+ unyana kaYosefu, umhlaba kaSihon+ ukumkani wama-Amori nomhlaba kaOgi+ ukumkani waseBhashan. Wabanika elo lizwe nezixeko zalo, nezixeko ezilijikelezileyo. 34  Oonyana bakaGadi bakha* iDibhon,+ iAtaroti,+ iArohere,+ 35  iAtaroti-shofani, iYazere,+ iYogebheha,+ 36  iBhete-nimra+ neBhete-haran,+ izixeko ezikhuselekileyo baza bakha nezibaya zemihlambi. 37  Bona oonyana bakaRubhen bakha iHeshbhon,+ iEleyale,+ iKiriyatayim,+ 38  iNebho,+ iBhahali-meyon,+ ezatshintshwa amagama, neSibhema. Bazibiza ngamagama amatsha ezo zixeko babezakhile. 39  Oonyana bakaMakire+ unyana kaManase bahlasela iGiliyadi baza bayithimba, bawagxotha ama-Amori awayelapho. 40  Ngoko uMoses wanika uMakire unyana kaManase iGiliyadi, wahlala kuyo.+ 41  Yena uYayire unyana kaManase waya kuthimba iidolophana zama-Amori ezazingqonge iGiliyadi, waza wazibiza ngokuthi yiHavoti-yayire.*+ 42  NoNobha wahlasela waza wathimba iKenati needolophu eziphantsi kwayo;* waza wayibiza ngegama lakhe, wathi yiNobha.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “baphinda bakha.”
Ethetha ukuthi “Iilali Zeentente ZikaYayire.”
Okanye “eziyingqongileyo.”