Numeri 4:1-49
4 UYehova wathetha noMoses noAron, wathi:
2 “Makubalwe oonyana bakaKohati+ phakathi koonyana bakaLevi, ngokweentsapho zabo nangokwezindlu zootata babo,
3 bonke abaneminyaka eyi-30+ ukuya kweyi-50,+ abakwiqela elinikwe umsebenzi ententeni yokuhlangana.+
4 “Umsebenzi woonyana bakaKohati ententeni yokuhlangana+ ngulo. Uyeyona nto ingcwele:
5 Xa kufudukwa, uAron noonyana bakhe baza kungena baze bothule ikhethini,+ bogqume ngayo ityeya+ yoBungqina.
6 Ngaphezulu, baza kubeka isikhumba sentini baze babeke ilaphu eliluhlaza,* bafake neepali+ zokuyithwala loo tyeya.
7 “Bafanele bathathe izitya, iindebe nemiphanda yomnikelo oselwayo,+ bazibeke phezu kwetafile ekubekwa kuyo izonka zokubonisa+ baze bayogqume ngelaphu eliluhlaza;* isonka+ esihlala phezu kwaloo tafile masingasuswa.
8 Bamele baphinde babeke phezu kwayo ilaphu elibomvu krwe, baze bayogqume ngesikhumba sentini, bafake neepali+ zokuyithwala.
9 Emva koko baza kuthatha ilaphu eliluhlaza,* bogqume ngalo isiphatho sezibane+ zokukhanyisa, izibane+ zaso, imicephe yazo yokucima umlilo,+ izitya zaso zomlilo nazo zonke izitya zaso zokuphatha ioli.
10 Bakugqiba baza kusogquma nezixhobo zaso zonke ngesikhumba sentini, bafake neepali zokusithwala.
11 Yaye baza kubeka ilaphu eliluhlaza* phezu kwesibingelelo segolide,+ baze basogqume ngesikhumba sentini, bafake neepali+ zokusithwala.
12 Baza kuzithatha zonke izixhobo+ abasoloko bezisebenzisa kwindawo engcwele, bazisongele ngelaphu eliluhlaza,* bazogqume ngesikhumba sentini, baze bazibeke phezu kweepali zokuzithwala.
13 “Bamele basuse uthuthu* esibingelelweni+ baze basogqume ngelaphu elenziwe ngoboya obumsobo.*
14 Baza kubeka phezu kwaso zonke izixhobo+ abazisebenzisa qho kuso: izitya zaso zomlilo, iifolokhwe, imihlakulo nezitya. Bamele basogqume ngesikhumba sentini, bafake neepali zokusithwala.+
15 “UAron noonyana bakhe bamele babe bagqibile ukogquma indawo engcwele+ nazo zonke izinto zendawo engcwele xa inkampu iza kuhamba. Emva koko baza kungena oonyana bakaKohati baze bazithwale ezo zinto,+ kodwa mabangayichukumisi indawo engcwele, kuba ukuyichukumisa kwabo baza kufa.+ Lowo ngumsebenzi* woonyana bakaKohati apho ententeni yokuhlangana.
16 “UEleyazare+ unyana ka-Aron umbingeleli nguye oza kujongana neoli yezibane,+ isiqhumiso esiqholiweyo,+ umnikelo wokutya onikelwa qho neoli yokuthambisa.+ Nguye omele aphathe wonke umsebenzi owenziwa ententeni engcwele nayo yonke into engaphakathi kuyo, kunye nendawo engcwele nezinto zayo.”
17 UYehova waqhubeka ethetha noMoses noAron, esithi:
18 “Ningavumeli isizwe seentsapho zamaKohati+ sibulawe phakathi kwabaLevi.
19 Bancedeni ukuze bahlale bephila, bangafi xa besondela kwezona zinto zingcwele.+ UAron noonyana bakhe bamele bangene baze babonise ngamnye umsebenzi wakhe nezinto aza kuzithwala.
20 Mabangaziboni nakancinci izinto ezingcwele xa bengena, kungenjalo baza kufa.”+
21 Emva koko uYehova wathetha noMoses, wathi:
22 “Makubalwe oonyana bakaGershon,+ ngokwezindlu zootata babo nangokweentsapho zabo.
23 Bhalisa bonke abaneminyaka eyi-30 ukuya kweyi-50, abakwiqela labasebenza ententeni yokuhlangana.
24 Nanku umsebenzi weentsapho zamaGershon nezinto abaza kuzithwala.+
25 Baza kuthwala amalaphu entente engcwele,+ intente yokuhlangana, amalaphu okuyogquma, isikhumba sentini esibekwa ngaphezulu,+ umkhusane* womnyango wentente yokuhlangana,+
26 iikhethini zeyadi,+ umkhusane* wegeyithi yeyadi+ ebiyele intente engcwele nesibingelelo, iintambo zentente, zonke izixhobo, nayo yonke into esetyenziswa ententeni. Ngumsebenzi wabo lowo.
27 Wonke umsebenzi wamaGershon+ nemithwalo yawo uza kulawulwa nguAron noonyana bakhe; yonke le mithwalo uza kuyinika wona ibe ngumsebenzi wawo.
28 Lowo ke ngumsebenzi eziza kuwenza iintsapho zamaGershon ententeni yokuhlangana,+ yaye imisebenzi yawo ilawulwa nguItamare+ unyana ka-Aron umbingeleli.
29 “Bona oonyana bakaMerari,+ uza kubabhalisa ngokweentsapho zabo nangokwendlu yootata babo.
30 Bhalisa bonke abaneminyaka eyi-30 ukuya kweyi-50, abakwiqela labasebenza ententeni yokuhlangana.
31 Nazi izinto zentente yokuhlangana abaza kuzithwala:+ iifreyimi zentente engcwele,+ iipali zayo,+ iintsika zayo,+ iziseko zayo,+
32 iintsika+ zeyadi, iziseko zazo,+ izikhonkwane zazo,+ iintambo zazo, zonke izixhobo zazo nawo wonke umsebenzi owenziwa ngezi zinto. Nimele ninike ngamnye kubo umsebenzi ngokubachazela izinto abaza kuzithwala.
33 Leyo ke yindlela eziza kusebenza ngayo iintsapho zoonyana bakaMerari+ ententeni yokuhlangana, zilawulwa nguItamare unyana ka-Aron umbingeleli.”+
34 UMoses noAron neenkokheli+ zebandla bababhalisa oonyana bamaKohati,+ ngokweentsapho zabo nangokwendlu yootata babo,
35 bonke abo baneminyaka eyi-30 ukuya kweyi-50, abakwiqela labasebenza ententeni yokuhlangana.+
36 Bebonke ababhaliswayo ngokweentsapho zabo, babeyi-2 750.+
37 Aba babhaliswa bethathwa kwiintsapho zamaKohati, bonke ababesebenza ententeni yokuhlangana. UMoses noAron bababhalisa ngokomyalelo uYehova awawunika uMoses.+
38 Oonyana bakaGershon+ babhaliswa ngokweentsapho zabo nangokwezindlu zootata babo,
39 bonke abo baneminyaka eyi-30 ukuya kweyi-50, abakwiqela labasebenza ententeni yokuhlangana.
40 Bebonke ababhaliswayo ngokweentsapho zabo, babeyi-2 630.+
41 Ngabo aba ababhaliswayo kwiintsapho zoonyana bakaGershon, bonke abo basebenza ententeni yokuhlangana. UMoses noAron bababhalisa ngokomyalelo uYehova awawunika uMoses.+
42 Oonyana bakaMerari babhaliswa ngokweentsapho zabo nangokwendlu yootata babo,
43 bonke abo baneminyaka eyi-30 ukuya kweyi-50, abakwiqela labasebenza ententeni yokuhlangana.+
44 Bebonke ababhaliswayo ngokweentsapho zabo, babeyi-3 200.+
45 Ngabo aba ababhaliswayo kwiintsapho zoonyana bakaMerari, awababhalisayo uMoses noAron ngokomyalelo uYehova awawunika uMoses.+
46 UMoses noAron neenkosi zakwaSirayeli bababhalisa aba baLevi ngokweentsapho zabo nangokwezindlu zootata babo,
47 babeneminyaka eyi-30 ukuya kweyi-50, yaye bonke banikwa imisebenzi yokuthwala imithwalo yentente yokuhlangana.+
48 Ababhaliswayo kubo babeyi-8 580.+
49 Babhaliswa ngokomyalelo uYehova awawunika uMoses, ngamnye ngokomsebenzi wakhe nangokomthwalo wakhe; babhaliswa kanye njengokuba uYehova wayemyalele uMoses.
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “eliblu.”
^ Okanye “eliblu.”
^ Okanye “eliblu.”
^ Okanye “eliblu.”
^ Okanye “eliblu.”
^ Okanye “uthuthu olunamafutha,” oko kukuthi, uthuthu oludibene namafutha emibingelelo.
^ Okanye “obupepuli.”
^ Ngokoqobo, “ngumthwalo.”
^ Okanye “ikhethini.”
^ Okanye “ikhethini.”