Numeri 4:1-49

  • Umsebenzi wamaKohati (1-20)

  • Umsebenzi wamaGershon (21-28)

  • Umsebenzi wamaMerari (29-33)

  • Amanani okubalwa kwabantu (34-49)

4  UYehova wathetha noMoses noAron, wathi:  “Makubalwe oonyana bakaKohati+ phakathi koonyana bakaLevi, ngokweentsapho zabo nangokwezindlu zootata babo,  bonke abaneminyaka eyi-30+ ukuya kweyi-50,+ abakwiqela elinikwe umsebenzi ententeni yokuhlangana.+  “Umsebenzi woonyana bakaKohati ententeni yokuhlangana+ ngulo. Uyeyona nto ingcwele:  Xa kufudukwa, uAron noonyana bakhe baza kungena baze bothule ikhethini,+ bogqume ngayo ityeya+ yoBungqina.  Ngaphezulu, baza kubeka isikhumba sentini baze babeke ilaphu eliluhlaza,* bafake neepali+ zokuyithwala loo tyeya.  “Bafanele bathathe izitya, iindebe nemiphanda yomnikelo oselwayo,+ bazibeke phezu kwetafile ekubekwa kuyo izonka zokubonisa+ baze bayogqume ngelaphu eliluhlaza;* isonka+ esihlala phezu kwaloo tafile masingasuswa.  Bamele baphinde babeke phezu kwayo ilaphu elibomvu krwe, baze bayogqume ngesikhumba sentini, bafake neepali+ zokuyithwala.  Emva koko baza kuthatha ilaphu eliluhlaza,* bogqume ngalo isiphatho sezibane+ zokukhanyisa, izibane+ zaso, imicephe yazo yokucima umlilo,+ izitya zaso zomlilo nazo zonke izitya zaso zokuphatha ioli. 10  Bakugqiba baza kusogquma nezixhobo zaso zonke ngesikhumba sentini, bafake neepali zokusithwala. 11  Yaye baza kubeka ilaphu eliluhlaza* phezu kwesibingelelo segolide,+ baze basogqume ngesikhumba sentini, bafake neepali+ zokusithwala. 12  Baza kuzithatha zonke izixhobo+ abasoloko bezisebenzisa kwindawo engcwele, bazisongele ngelaphu eliluhlaza,* bazogqume ngesikhumba sentini, baze bazibeke phezu kweepali zokuzithwala. 13  “Bamele basuse uthuthu* esibingelelweni+ baze basogqume ngelaphu elenziwe ngoboya obumsobo.* 14  Baza kubeka phezu kwaso zonke izixhobo+ abazisebenzisa qho kuso: izitya zaso zomlilo, iifolokhwe, imihlakulo nezitya. Bamele basogqume ngesikhumba sentini, bafake neepali zokusithwala.+ 15  “UAron noonyana bakhe bamele babe bagqibile ukogquma indawo engcwele+ nazo zonke izinto zendawo engcwele xa inkampu iza kuhamba. Emva koko baza kungena oonyana bakaKohati baze bazithwale ezo zinto,+ kodwa mabangayichukumisi indawo engcwele, kuba ukuyichukumisa kwabo baza kufa.+ Lowo ngumsebenzi* woonyana bakaKohati apho ententeni yokuhlangana. 16  “UEleyazare+ unyana ka-Aron umbingeleli nguye oza kujongana neoli yezibane,+ isiqhumiso esiqholiweyo,+ umnikelo wokutya onikelwa qho neoli yokuthambisa.+ Nguye omele aphathe wonke umsebenzi owenziwa ententeni engcwele nayo yonke into engaphakathi kuyo, kunye nendawo engcwele nezinto zayo.” 17  UYehova waqhubeka ethetha noMoses noAron, esithi: 18  “Ningavumeli isizwe seentsapho zamaKohati+ sibulawe phakathi kwabaLevi. 19  Bancedeni ukuze bahlale bephila, bangafi xa besondela kwezona zinto zingcwele.+ UAron noonyana bakhe bamele bangene baze babonise ngamnye umsebenzi wakhe nezinto aza kuzithwala. 20  Mabangaziboni nakancinci izinto ezingcwele xa bengena, kungenjalo baza kufa.”+ 21  Emva koko uYehova wathetha noMoses, wathi: 22  “Makubalwe oonyana bakaGer­shon,+ ngokwezindlu zootata babo nangokweentsapho zabo. 23  Bhalisa bonke abaneminyaka eyi-30 ukuya kweyi-50, abakwiqela labasebenza ententeni yokuhlangana. 24  Nanku umsebenzi weentsapho zamaGershon nezinto abaza kuzithwala.+ 25  Baza kuthwala amalaphu entente engcwele,+ intente yokuhlangana, amalaphu okuyogquma, isikhumba sentini esibekwa ngaphezulu,+ umkhusane* womnyango wentente yokuhlangana,+ 26  iikhethini zeyadi,+ umkhusane* wegeyithi yeyadi+ ebiyele intente engcwele nesibingelelo, iintambo zentente, zonke izixhobo, nayo yonke into esetyenziswa ententeni. Ngumsebenzi wabo lowo. 27  Wonke umsebenzi wamaGershon+ nemithwalo yawo uza kulawulwa nguAron noonyana bakhe; yonke le mithwalo uza kuyinika wona ibe ngumsebenzi wawo. 28  Lowo ke ngumsebenzi eziza kuwenza iintsapho zamaGershon ententeni yokuhlangana,+ yaye imisebenzi yawo ilawulwa nguItamare+ unyana ka-Aron umbingeleli. 29  “Bona oonyana bakaMerari,+ uza kubabhalisa ngokweentsapho zabo nangokwendlu yootata babo. 30  Bhalisa bonke abaneminyaka eyi-30 ukuya kweyi-50, abakwiqela labasebenza ententeni yokuhlangana. 31  Nazi izinto zentente yokuhlangana abaza kuzithwala:+ iifreyimi zentente engcwele,+ iipali zayo,+ iintsika zayo,+ iziseko zayo,+ 32  iintsika+ zeyadi, iziseko zazo,+ izikhonkwane zazo,+ iintambo zazo, zonke izixhobo zazo nawo wonke umsebenzi owenziwa ngezi zinto. Nimele ninike ngamnye kubo umsebenzi ngokubachazela izinto abaza kuzithwala. 33  Leyo ke yindlela eziza kusebenza ngayo iintsapho zoonyana bakaMerari+ ententeni yokuhlangana, zilawulwa nguItamare unyana ka-Aron umbingeleli.”+ 34  UMoses noAron neenko­kheli+ zebandla bababhalisa oonyana bamaKohati,+ ngokweentsapho zabo nangokwendlu yootata babo, 35  bonke abo baneminyaka eyi-30 ukuya kweyi-50, abakwiqela labasebenza ententeni yokuhlangana.+ 36  Bebonke ababhaliswayo ngokweentsapho zabo, babeyi-2 750.+ 37  Aba babhaliswa bethathwa kwiintsapho zamaKohati, bonke ababesebenza ententeni yokuhlangana. UMoses noAron bababhalisa ngokomyalelo uYehova awawunika uMoses.+ 38  Oonyana bakaGershon+ babhaliswa ngokweentsapho zabo nangokwezindlu zootata babo, 39  bonke abo baneminyaka eyi-30 ukuya kweyi-50, abakwiqela labasebenza ententeni yokuhlangana. 40  Bebonke ababhaliswayo ngokweentsapho zabo, babeyi-2 630.+ 41  Ngabo aba ababhaliswayo kwiintsapho zoonyana bakaGershon, bonke abo basebenza ententeni yokuhlangana. UMoses noAron bababhalisa ngokomyalelo uYehova awawunika uMoses.+ 42  Oonyana bakaMerari babhaliswa ngokweentsapho zabo nangokwendlu yootata babo, 43  bonke abo baneminyaka eyi-30 ukuya kweyi-50, abakwiqela labasebenza ententeni yokuhlangana.+ 44  Bebonke ababhaliswayo ngokweentsapho zabo, babeyi-3 200.+ 45  Ngabo aba ababhaliswayo kwiintsapho zoonyana bakaMerari, awababhalisayo uMoses noAron ngokomyalelo uYehova awawunika uMoses.+ 46  UMoses noAron neenkosi zakwaSirayeli bababhalisa aba baLevi ngokweentsapho zabo nangokwezindlu zootata babo, 47  babeneminyaka eyi-30 ukuya kweyi-50, yaye bonke banikwa imisebenzi yokuthwala imithwalo yentente yokuhlangana.+ 48  Ababhaliswayo kubo babeyi-8 580.+ 49  Babhaliswa ngokomyalelo uYehova awawunika uMoses, ngamnye ngokomsebenzi wakhe nangokomthwalo wakhe; babhaliswa kanye njengokuba uYehova wayemyalele uMoses.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “eliblu.”
Okanye “eliblu.”
Okanye “eliblu.”
Okanye “eliblu.”
Okanye “eliblu.”
Okanye “uthuthu olunamafutha,” oko kukuthi, uthuthu oludibene namafutha emibingelelo.
Okanye “obupepuli.”
Ngokoqobo, “ngumthwalo.”
Okanye “ikhethini.”
Okanye “ikhethini.”