Numeri 9:1-23

  • Xa iSabatha ingenziwanga ngexesha layo (1-14)

  • Ilifu nomlilo phezu kwentente engcwele (15-23)

9  Ngonyaka wesibini wokuphuma kwabo kwilizwe laseYiputa, ngenyanga yokuqala,+ uYehova wathetha noMoses apho kwintlango yaseSinayi esithi:  “AmaSirayeli afanele alungise umbingelelo wePasika+ ngexesha lawo elibekiweyo.+  Nifanele niwulungise ngomhla we-14 kule nyanga, ngorhatya,* ngexesha lawo elibekiweyo. Nifanele niwulungise nilandela yonke imithetho yawo neendlela zawo.”+  Ngoko uMoses wawaxelela amaSirayeli ukuba alungise umbingelelo wePasika.  Awulungisa ke umbingelelo wePasika ngenyanga yokuqala, ngomhla we-14 waloo nyanga, ngorhatya,* entlango yaseSinayi. Enza kanye ngendlela uMoses awayeyalelwe ngayo nguYehova.  Kwakukho amadoda awayengacocekanga ngenxa yokuphatha isidumbu somntu,+ kangangokuba awazange akwazi ukulungisa umbingelelo wePasika ngaloo mini. Ngoko aya kuMoses noAron kwangaloo mini+  aza athi kuye: “Asicocekanga ngenxa yokuphatha isidumbu somntu. Kodwa kutheni singavunyelwa sisondeze umnikelo kuYehova ngexesha alibekelweyo amaSirayeli ngenxa yaloo nto?”+  Ngoko ke uMoses wathi kuwo: “Khanilinde apho, khe ndive ukuba uYehova uza kuyalela athini ngani.”+  UYehova wathi kuMoses: 10  “Yithi kumaSirayeli, ‘Ukuba umntu kuni okanye kwizizukulwana zenu ezizayo uye akacoceka ngenxa yokuphatha isidumbu somntu,+ okanye angabikho kuba eye kwindawo ekude, usamele amlungiselele uYehova umbingelelo wePasika. 11  Loo mntu uza kuwulungisa ngenyanga yesibini,+ ngomhla we-14, ngorhatya.* Ufanele awutye nesonka esingenagwele nemifuno ekrakra.+ 12  Makuthi kusisa abe ewugqibile,+ kungabikho thambo alophulayo.+ Loo mbingelelo uza kuwulungisa ngokwemithetho yePasika. 13  Kodwa ukuba umntu ucocekile okanye akayanga ndawo, kodwa angakukhathaleli ukulungisa umbingelelo wePasika, loo mntu umele abulawe,+ kuba ­akawuzisanga umnikelo kaYehova ngexesha lawo elibekiweyo. Uza kuphendula ngesono sakhe. 14  “‘Ukuba nihlala nomntu wasemzini, naye ufanele amlungiselele uYehova umbingelelo wePasika.+ Ufanele enze njalo ngokomthetho wePasika nangokwendlela yawo ebekiweyo.+ Makusebenze umthetho omnye kumntu wasemzini nakumhlali walapho.’”+ 15  Ngemini eyamiswa ngayo intente engcwele,+ ilifu layogquma loo ntente, intente yoBungqina, kodwa ngokuhlwa laba njengomlilo phezu kwaloo ntente ingcwele kwada kwasa.+ 16  Kwaqhubeka kusenzeka loo nto: Ilifu laliyogquma emini, lize ebusuku libe njengomlilo.+ 17  Nanini na lisuka phezu kwentente, ngokukhawuleza amaSirayeli ayehamba,+ kodwa kuloo ndawo liye lamisa kuyo, nawo ayemisa inkampu kuyo.+ 18  AmaSirayeli ayehamba xa uYehova ewayalele njalo, aze amise inkampu xa uYehova etshilo.+ Lonke ixesha ilifu lihleli phezu kwentente engcwele, namaSirayeli ayeqhubeka emise inkampu. 19  Xa ilifu lihleli ithuba elide phezu kwentente engcwele, amaSirayeli ayemthobela uYehova, angahambi.+ 20  Ngamanye amaxesha elo lifu lalihlala iintsuku ezimbalwa phezu kwentente engcwele. UYehova wayewayalela ukuba amise inkampu, yaye ayehamba xa uYehova etshilo. 21  Ngamanye amaxesha ilifu lalihlala ukususela ngokuhlwa kude kuse, yaye laliphakama kwakusa, aze ahambe. Nokuba ilifu laliphakama emini okanye ngokuhlwa, nawo ayehamba.+ 22  Kungakhathaliseki ukuba ilifu lihlala iintsuku ezimbini, inyanga, okanye ixesha elide phezu kwentente engcwele, amaSirayeli ayehlala enkampini. Kodwa xa liye laphakama ayehamba. 23  Ayemisa inkampu ngokuyalelwa nguYehova aze ahambe xa uYehova ethe mawahambe. Azenza zonke izinto ezazifunwa nguYehova ngokomyalelo uYehova awawunika uMoses.

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “phakathi kweengokuhlwa ezimbini.”
Ngokoqobo, “phakathi kweengokuhlwa ezimbini.”
Ngokoqobo, “ phakathi kweengokuhlwa ezimbini.”