Zefaniya 1:1-18
1 Eli lilizwi likaYehova elafika kuZefaniya unyana kaKushi unyana kaGedaliya unyana ka-Amariya unyana kaHezekiya ngemihla kaYosiya*+ unyana ka-Amon+ ukumkani wakwaYuda:
2 “Ndiza kuphelisa yonke into phezu komhlaba,” utsho uYehova.+
3 “Ndiza kutshabalalisa umntu nerhamncwa.
Ndiza kutshabalalisa iintaka zezulu neentlanzi zolwandle,+Isikhubekiso*+ kunye nabantu abenza ububi,Kwaye ndiza kulushenxisa uluntu phezu komhlaba,” utsho uYehova.
4 “Ndiza kolulela isandla sam kuYudaNakubo bonke abantu baseYerusalem,Ibe ndiza kuyincothula neengcambu inkonzo kaBhahali kule ndawo,+Negama lababingeleli balo thixo wasemzini kunye nabanye ababingeleli,+
5 Nabo baqubuda eluphahleni kumkhosi wamazulu,+Nabaqubudayo, befunga ukuba bangakuYehova+Ngoxa bekwafunga ukuba bangakuMalekam,+
6 Nabo bajikayo ekulandeleni uYehova+Nabangamfunanga uYehova okanye babuze kuye.”+
7 Yithi cwaka phambi kweNkosi enguMongami uYehova, kuba imini kaYehova isondele.+
UYehova ulungiselele umbingelelo; ubangcwalisile abo abamemileyo.
8 “Ngemini yombingelelo kaYehova ndiza kuziphendulisa iinkosana,Oonyana bakakumkani,+ nabo bonke abo banxiba isinxibo sasemzini.
9 Ndiza kubaphendulisa bonke abo bakhwela eqongeni* ngaloo mini,Abo bagcwalisa indlu yenkosi yabo ngobundlobongela nenkohliso.
10 Ngaloo mini,” utsho uYehova,“Kuza kuvakala isikhalo esivela kwiGeyithi Yeentlanzi,+Isijwili esivela kwisiXeko Esitsha,+Nesithonga esikhulu sokuwa ezindulini.
11 Yenzani isijwili, nina bemi baseMaketeshe,*Kuba bonke oosomashishini baphelisiwe.Batshatyalalisiwe bonke abo babeka isilivere esikalini.
12 Ngelo xesha ndiza kuyigocagoca iYerusalem ngezibane,Ndibaphendulise abo bangakhathaliyo,* abathi ezintliziyweni zabo,‘UYehova akazukwenza okulungileyo, engazukwenza nokubi.’+
13 Ubutyebi babo buza kuphangwa nezindlu zabo zitshatyalaliswe.+
Baza kwakha izindlu, kodwa abazukuhlala kuzo.Baza kutyala imithi yeediliya, kodwa abazukusela wayini yazo.+
14 Imini enkulu kaYehova isondele!+
Isondele yaye ikhawuleza kakhulu!+
Isandi semini kaYehova sikrakra.+
Ngaloo mini kuza kukhala nekroti.+
15 Loo mini yimini yomsindo,+Imini yentlungu nokungcungcutheka,+Imini yesaqhwithi nosizi,Imini yobumnyama nesithokothoko,+Imini yamafu nentsunguzi yobumnyama,+
16 Imini yokukhaliswa kophondo neyokuhlaba umkhosi,+Nxamnye nezixeko ezikhuselekileyo neenqaba eziphakamileyo ezikoneni.+
17 Ndiza kubenza babe sentlungwini abantu,Bafathule njengabantu abangaboniyo,+Ngenxa yokuba bamonile uYehova.+
Igazi labo liza kuchithwa njengothuli,Nenyama yabo* njengobulongwe.+
18 Isilivere yabo negolide yabo azizukukwazi ukubasindisa ngemini yomsindo kaYehova,+Kuba wonke umhlaba uza kuqwengwa ngumlilo wokuzimisela kwakhe,+Ngenxa yokuba uza kubatshabalalisa ngendlela eyoyikekayo bonke abantu abasemhlabeni.”+
Umbhalo osemazantsi
^ Othetha ukuthi “UYehova Usithelisile (Ukhusele).”
^ Kubonakala ukuba ezi zizinto okanye izenzo ezinento yokwenza nokukhonzwa kwezithixo.
^ Kusenokwenzeka ukuba yayiliqonga letrone kakumkani.
^ Kusenokwenzeka ukuba yinxalenye yeYerusalem engakwiGeyithi Yeentlanzi.
^ Ngokoqobo, “bazinzileyo ezintsipheni zabo,” njengaxa besela iwayini.
^ Ngokoqobo, “Namathumbu abo.”