Zefaniya 1:1-18

  • Imini kaYehova yomgwebo isondele (1-18)

    • Imini kaYehova ikhawuleza kakhulu (14)

    • Isilivere negolide azikwazi kuhlangula (18)

1  Eli lilizwi likaYehova elafika kuZefaniya unyana kaKushi unyana kaGedaliya unyana ka-Amariya unyana kaHezekiya ngemihla kaYosiya*+ unyana ka-Amon+ ukumkani wakwaYuda:   “Ndiza kuphelisa yonke into phezu komhlaba,” utsho uYehova.+   “Ndiza kutshabalalisa umntu nerhamncwa. Ndiza kutshabalalisa iintaka zezulu neentlanzi zolwandle,+Isikhubekiso*+ kunye nabantu abenza ububi,Kwaye ndiza kulushenxisa uluntu phezu komhlaba,” utsho uYehova.   “Ndiza kolulela isandla sam kuYudaNakubo bonke abantu baseYerusalem,Ibe ndiza kuyincothula neengcambu inkonzo kaBhahali kule ndawo,+Negama lababingeleli balo thixo wasemzini kunye nabanye ababingeleli,+   Nabo baqubuda eluphahleni kumkhosi wamazulu,+Nabaqubudayo, befunga ukuba bangakuYehova+Ngoxa bekwafunga ukuba bangakuMalekam,+   Nabo bajikayo ekulandeleni uYehova+Nabangamfunanga uYehova okanye babuze kuye.”+   Yithi cwaka phambi kweNkosi enguMongami uYehova, kuba imini kaYehova isondele.+ UYehova ulungiselele umbingelelo; ubangcwalisile abo abamemileyo.   “Ngemini yombingelelo kaYehova ndiza kuziphendulisa iinkosana,Oonyana bakakumkani,+ nabo bonke abo banxiba isinxibo sasemzini.   Ndiza kubaphendulisa bonke abo bakhwela eqongeni* ngaloo mini,Abo bagcwalisa indlu yenkosi yabo ngobundlobongela nenkohliso. 10  Ngaloo mini,” utsho uYehova,“Kuza kuvakala isikhalo esivela kwiGeyithi Yeentlanzi,+Isijwili esivela kwisiXeko Esitsha,+Nesithonga esikhulu sokuwa ezindulini. 11  Yenzani isijwili, nina bemi baseMaketeshe,*Kuba bonke oosomashishini baphelisiwe.Batshatyalalisiwe bonke abo babeka isilivere esikalini. 12  Ngelo xesha ndiza kuyigocagoca iYerusalem ngezibane,Ndibaphendulise abo bangakhathaliyo,* abathi ezintliziyweni zabo,‘UYehova akazukwenza okulungileyo, engazukwenza nokubi.’+ 13  Ubutyebi babo buza kuphangwa nezindlu zabo zitshatyalaliswe.+ Baza kwakha izindlu, kodwa abazukuhlala kuzo.Baza kutyala imithi yeediliya, kodwa abazukusela wayini yazo.+ 14  Imini enkulu kaYehova isondele!+ Isondele yaye ikhawuleza kakhulu!+ Isandi semini kaYehova sikrakra.+ Ngaloo mini kuza kukhala nekroti.+ 15  Loo mini yimini yomsindo,+Imini yentlungu nokungcungcutheka,+Imini yesaqhwithi nosizi,Imini yobumnyama nesithokothoko,+Imini yamafu nentsunguzi yobumnyama,+ 16  Imini yokukhaliswa kophondo neyokuhlaba umkhosi,+Nxamnye nezixeko ezikhuselekileyo neenqaba eziphakamileyo ezikoneni.+ 17  Ndiza kubenza babe sentlungwini abantu,Bafathule njengabantu abangaboniyo,+Ngenxa yokuba bamonile uYehova.+ Igazi labo liza kuchithwa njengothuli,Nenyama yabo* njengobulongwe.+ 18  Isilivere yabo negolide yabo azizukukwazi ukubasindisa ngemini yomsindo kaYehova,+Kuba wonke umhlaba uza kuqwengwa ngumlilo wokuzimisela kwakhe,+Ngenxa yokuba uza kubatshabalalisa ngendlela eyoyikekayo bonke abantu abasemhlabeni.”+

Umbhalo osemazantsi

Othetha ukuthi “UYehova Usithelisile (Ukhusele).”
Kubonakala ukuba ezi zizinto okanye izenzo ezinento yokwenza nokukhonzwa kwezithixo.
Kusenokwenzeka ukuba yayiliqonga letrone kakumkani.
Kusenokwenzeka ukuba yinxalenye yeYerusalem engakwiGeyithi Yeentlanzi.
Ngokoqobo, “bazinzileyo ezintsipheni zabo,” njengaxa besela iwayini.
Ngokoqobo, “Namathumbu abo.”