Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Okwenzeka Ehlabathini

Okwenzeka Ehlabathini

KwaSirayeli, EYordan NasePalestina

ULwandle Olufileyo lutsha ngemitha enye nyaka ngamnye. Abanye baxhalabile ukuba liya kube sele lome khonkqo ngo-2050. Abasemagunyeni bazama ukulungisa le ngxaki. Enye yezinto ezinokwenziwa kukukhupha ityuwa kumanzi oLwandle Olubomvu ukuze asetyenziswe ngabantu aze ashiyekileyo anetyuwa agalelwe kuLwandle Olufileyo. Iingcali zixhalabile ukuba oku kunokubulala izinto eziphila kuLwandle Olufileyo.

EJamani

Ngokutsho kohlolisiso olwenziwe yenye inkampani yeinshorensi, ngeKrismesi, abantu abahlaselwa yintliziyo abasiwa esibhedlele bayanda ngaphezu kwalo naliphi na elinye ixesha enyakeni. Le nkampani ithi ezinye zezizathu eziphambili zoku, sistres esandayo xa kufuneka kuthengwe izipho zeKrismesi nolindelo lwentsapho kunye nabahlobo.

EBritani

Oososayensi baseBritani benze isaziso sokuba inkumba yaseIceland ekwakucingwa ukuba ineminyaka eyi-405 yayineminyaka eyi-507 ukufa kwayo ngo-2006. Oku kuthetha ukuba isesona silwanyana esiye saphila ixesha elide * esaziwayo. Le nkumba yafa xa abaphandi bayifaka emkhenkceni ukuze bayise kwindawo abasebenzela kuyo.

Kumbindi NoMzantsi Merika NakwiCaribbean

Kwinkomfa ebiseHavana, eCuba, amazwe ayi-33 kuMbindi noMzantsi Merika aye athi amazwe awo ‘yindawo yoxolo,’ ibe aye avumelana ukuba ukungavisisani phakathi kwawo kuza kulungiswa ngaphandle kokulwa. Omnye wabantu ebebekho ibinguNobhala-Jikelele weZizwe Ezimanyeneyo uBan Ki-moon.

^ isiqe. 7 Ibinzana elithi ‘esona silwanyana siye saphila ixesha elide’ aliquki izinto eziphila kunye ezifana neekorale, ekucingelwa ukuba zinamawaka eminyaka.