Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ubusazi?

Ngaba Ubusazi?

Yayiwanceda ngantoni amaSirayeli into yokuba uYehova awavumele anikele ngeentlobo ezimbini zeentaka?

KUMTHETHO owabhalwa nguMoses, uYehova wayewamkela umnikelo wamahobe asendle nomnikelo wamahobe afuywayo. Kwakusoloko kuthethwa ngazo zombini ezi ntaka kwimithetho yeminikelo. Xa umntu engenayo enye wayenokunikela ngenye. (Lev. 1:14; 12:8; 14:30) Yayinceda ngantoni le nto? Kaloku amahobe asendle ayengafumaneki qho. Kwakutheni?

Ihobe lasendle

Amahobe asendle afumaneka kwaSirayeli ngeenyanga ekufudumeleyo ngazo. Qho ngo-Oktobha, afudukela kumazwe ekufudumeleyo kuwo aze abuyele kwaSirayeli entwasahlobo. (INgoma 2:11, 12; Yer. 8:7) Le nto ithetha ukuba kwakuzoba nzima ukuba amaSirayeli anikele ngamahobe asendle ebusika.

Ihobe elifuywayo

Kanti wona amahobe afuywayo awafuduki, ngoko wawuwafumana nanini na uwafuna kwaSirayeli. Abantu babenokuba nawo emakhaya. (Thelekisa uYohane 2:14, 16.) Enye incwadi ithi, “amahobe afuywayo ayekho kuzo zonke iilali needolophu zasePalestina. Kumzi ngamnye kwakukho indlwane yawo okanye umngxuma awayenokuhlala kuwo eludongeni.”—Thelekisa uIsaya 60:8.

Ihobe elifuywayo kwindlwane yalo

UYehova wayebonisa ukuba uyawathanda futhi uyawacingela amaSirayeli ngokuwavumela anikele ngeentaka ezazifumaneka nanini na kwaSirayeli.