Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ubusazi?

Ngaba Ubusazi?

Wawuyintoni umsebenzi wegosa ngexesha lokubhalwa kweBhayibhile?

NGEXESHA lokubhalwa kweBhayibhile, igosa lalihoya indlu okanye izinto zomnye umntu. Amagama esiHebhere nawesiGrike aguqulelwe ngokuthi “igosa” asenokuthetha umveleli okanye umphathi wendlu.

Xa uYosefu, unyana kaYakobi, wayelikhoboka eYiputa waba ligosa kwindlu yenkosi yakhe. Inkosi yakhe yade ‘yazishiyela esandleni sakhe [uYosefu] zonke izinto eyayinazo.’ (Gen. 39:2-6) Ekuhambeni kwexesha, xa naye waba yinkosi eYiputa, wakhetha umntu owayeza kuba ligosa kwindlu yakhe.​—Gen. 44:4.

Ngexesha likaYesu, amafama ayehlala kwizixeko ezikude neefama zawo. Ngoko ayekhetha amagosa aza kuhoya umsebenzi owenziwa kwiifama zawo.

Ngumntu onjani owayesiba ligosa? UColumella, umbhali waseRoma owayephila ngexesha labapostile wathi, ikhoboka elikhethwa ukuba libe ligosa limele libe “ngumntu osele ewazi umsebenzi, umntu okwaziyo ukusebenza kakuhle nabantu, angabakhohlakaleli.” Waphinda wathi: “Eyona nto yayibalulekile ngalo yile: Lalingamele licinge ukuba lazi yonke into, kodwa lalimele lihlale lifuna ukufunda.”

ILizwi LikaThixo lisebenzisa umzekelo wegosa xa licacisa indlela izinto ezenziwa ngayo ebandleni. Ngokomzekelo, umpostile uPetros ukhuthaza amaKristu ukuba asebenzise iziphiwo zawo ukuze ‘alungiselele njengamagosa amahle obubele obungasifanelanga bukaThixo.’​—1 Pet. 4:10.

KuLuka 16:1-8 noYesu wenza umzekelo ngegosa. Kanti kwisiprofeto esithetha ngokuza kwakhe enguKumkani, waqinisekisa abalandeli bakhe ukuba wayeza kukhetha ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi,’ okanye ‘igosa elithembekileyo.’ Owona msebenzi weli gosa yayiza kuba kukulungiselela abalandeli bakaKristu izinto eziza kubasondeza kuThixo ngexesha lesiphelo. (Mat. 24:45-47; Luka 12:42) Sikuvuyela nyhani ukufumana iincwadi, iincwadana, iividiyo nezinye izinto ezenziwa leli khoboka lithembekileyo.