Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | XA ISIHLOBO SAKHO SISWELEKA

Ukumelana Nentlungu Yokufelwa

Ukumelana Nentlungu Yokufelwa

Maninzi amacebiso onokuwafumana ngalo mba. Sekunjalo, awaloncedo onke. Ngokomzekelo, abanye basenokukucebisa ukuba ungakhali, okanye ubonise indlela ovakalelwa ngayo. Ukanti abanye basenokukunyanzela ukuba wenze okuchasene noku, uyiveze elubala indlela ovakalelwa ngayo. IBhayibhile isinika imbono elungeleleneyo kulo mba, nexhaswa ngabaphandi bale mihla.

Kwezinye iindawo ijongwa njengethambileyo indoda elilayo. Kodwa ngaba sikho isizathu sokuba neentloni ngokulila enokuba kusekuhleni? Oogqirha bengqondo bayavuma ukuba ukulila kuyinto eqhelekileyo xa ubuhlungu. Kwaye exesheni ukulila kungakunceda uqhubeke nobomi phezu kwabo nje ubunzima obukhulu bokufelwa. Kodwa ukuzibamba kona kunokukwenzakalisa nangakumbi. IBhayibhile ayiyixhasi imbono yokuba indoda ayikhali xa isentlungwini. Ngokomzekelo, cinga ngoYesu. Nangona wayenamandla okovusa abafileyo, walila xa umhlobo wakhe uLazaro wafayo!—Yohane 11:33-35.

Kuqhelekile ukuziva unomsindo xa usentlungwini ngokukodwa xa ukufa kufike ngesiquphe, okanye ungakulindelanga. Zininzi izizathu ezenza umntu ofelweyo abe nomsindo, isenokuba ngamazwi angacingisiswanga nangeyonyaniso athethwa ngumntu ohloniphekileyo. UMike waseMzantsi Afrika uthi: “Ndandineminyaka eyi-14 xa utata wam waswelekayo. Emngcwabeni omnye umfundisi waseTshetshi wathi uThixo ubabizela kuye abantu abalungileyo. * Oku kwandicaphukisa kakhulu kuba sasimdinga utata wethu. Ngoku, sekudlule iminyaka eyi-63 kodwa ndisebuhlungu.”

Kuthekani ngokuzibeka ityala? Ngokukodwa xa umntu efe ngesiquphe, umntu ofelweyo usenokuthi, ‘Ngeyingakhange yenzeke le nto ukuba bendenze le okanye leya.’ Okanye ukugqibelana kwakho nomfi benixabana. Oku kusenokukwenza uzive unetyala nangakumbi.

Ukuba uziva unomsindo okanye uzibeka ityala, kubalulekile ukuba ungayifihli indlela ovakalelwa ngayo. Kunoko, thetha nomhlobo oza kukuphulaphula aze akuqinisekise ukuba iimvakalelo ezinje ziqhelekile kumntu ofelweyo. IBhayibhile isikhumbuza oku: “Iqabane lokwenyaniso lithanda ngamaxesha onke, yaye lingumzalwana ozalelwe ixesha lokubandezeleka.”—IMizekeliso 17:17.

Oyena Mhlobo anokuba naye umntu ofelweyo nguMdali wethu, uYehova uThixo. Thandaza uphalaze imbilini yakho kuye kuba ‘ukukhathalele.’ (1 Petros 5:7) Ngaphezu koko, uthembisa bonke abakwenzayo oku ukuba iingcinga neemvakalelo zabo ziya kuthomalaliswa ‘luxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda.’ (Filipi 4:6, 7) Okunye, mvumele uThixo akuncede ngeLizwi lakhe elithuthuzelayo, iBhayibhile. Bhala uludwe lwezibhalo ezithuthuzelayo. (Jonga  ibhokisi ehamba neli nqaku.) Mhlawumbi usenokunkqaya ezimbalwa kuzo. Ukucinga nzulu ngezi zibhalo kunokusinceda ngokukodwa ebusuku xa sisodwa yaye bungehli ubuthongo.—Isaya 57:15.

Kutshanje, indoda eneminyaka eyi-40 ubudala, esiza kuyibiza ngokuba nguJack, iswelekelwe ngumfazi wayo obenomhlaza. UJack uthi ngamanye amaxesha uziva elilolo kakhulu. Kodwa uye wancedwa ngumthandazo. Uthi: “Xa ndithandaza kuYehova, andiziva ndililolo. Ndidla ngokuphuthelwa ebusuku bungaphindi buhle ubuthongo bam. Emva kokufunda nokucingisisa ngeZibhalo ezithuthuzelayo nokuthandaza ndiphalaza imbilini yam, ndiye ndizive ndizolile yaye ndinoxolo, kwaye ingqondo nentliziyo yam ziyazola ndize ndikwazi ukulala.”

Intwazana egama linguVanessa yaswelekelwa ngunina owayegula. Naye uye waweva amandla omthandazo. Uthi: “Xa kunzima nyhani, ndiye ndibize nje igama likaThixo ndize ndilile. UYehova ebeyimamela imithandazo yam aze andinike amandla endiwadingayo.”

Abanye abacebisi babantu abaswelekelweyo bacebisa nabani na ofelweyo ukuba azibandakanye nemisebenzi yokunceda abanye abantu. Ukwenza ngaloo ndlela kunokuzisa uvuyo kwaye kudambise intlungu. (IZenzo 20:35) AmaKristu amaninzi afelweyo aye akufumanisa kuluncedo ukunceda abanye abantu kwaye kuthuthuzela.—2 Korinte 1:3, 4.

^ isiqe. 5 Le asiyomfundiso yeBhayibhile. IBhayibhile ichaza izizathu ezithathu zokuba abantu bafe.—INtshumayeli 9:11; Yohane 8:44; Roma 5:12.