Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO

Xa Isihlobo Sakho Sisweleka

Xa Isihlobo Sakho Sisweleka

“UThixo uthandile mntanam. . . . Sukulila.”

Lasetyezelwa loo mazwi ibhinqa elinguBebe. Lalisemngcwabeni katata walo, owasweleka kwingozi yemoto.

UBebe wayesondele kakhulu kutata wakhe. La mazwi akwintshayelelo athethwa sisihlobo sentsapho esisondeleyo, kodwa amkhathaza ngakumbi uBebe kunokuba amthuthuzele. Wayesoloko esithi: “Bekungafanelekanga ukuba asweleke.” Kwiminyaka kamva, xa wabhala incwadi echaza ngoko kwenzekayo, kwacaca ukuba wayesebuhlungu.

Njengoko noBebe wabonayo, kusenokuthatha ixesha ukuchacha kwintlungu, ingakumbi ukuba lo mntu ufelweyo ebesondele kakhulu kumfi. EBhayibhileni ukufa kuchazwa ngokuba ‘lutshaba lokugqibela.’ (1 Korinte 15:26) Xa ukufa kufika akukho nto sinokuyenza ukukunqanda, ibe amaxesha amaninzi kufika singalindelanga, kuze kusithathele abantu bethu esibathandayo. Asinakuyiphepha imiphumo ebuhlungu ebangelwa kukufa. Ngoko kuqhelekile ukungayazi indlela yokumelana nokufa, nemiphumo yako.

Mhlawumbi uyazibuza: ‘Ithatha ixesha elingakanani intlungu yokufelwa? Umntu angamelana njani nale ntlungu? Ndinokubathuthuzela njani abo bafelweyo? Ngaba likho ithemba ngabantu esibathandayo abaswelekileyo?’