Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Dumisani UYa!”​—Ngoba?

“Dumisani UYa!”​—Ngoba?

“Dumisani uYa! . . . Kuba kuyathandeka​—indumiso ifanelekile.”​—INDU. 147:1.

IINGOMA: 104, 152

1-3. (a) Kubonakala ngathi yabhalwa nini iNdumiso 147? (b) Sinokufunda ntoni kwiNdumiso 147?

XA UMNTU ewenze kakuhle umsebenzi wakhe okanye eneempawu ezintle zobuKristu, kufanelekile ukumncoma. Ukuba kunjalo ebantwini, kubekela phi ke ngoYehova uThixo? Sinokumzukisa ngamandla akhe angenakuthelekiswa nanto, esiwabona kwindalo yakhe emangalisayo, okanye ngendlela abathanda ngayo abantu, njengoko siyibona loo nto kwintlawulelo asenzele yona ngoNyana wakhe.

2 Umbhali weNdumiso 147 waziva enyanzelekile ukuba adumise uYehova. Wabongoza nabanye abantu ukuba badumise uThixo.​—Funda iNdumiso 147:1, 7, 12.

3 Asazi ukuba ngubani lo wabhala le ndumiso, kodwa kubonakala ngathi wayephila ngexesha uYehova awakhulula ngalo amaSirayeli ekuthinjweni eBhabhiloni ewabuyisela eYerusalem. (INdu. 147:2) Ukubuyela kwabantu bakaThixo endaweni ababenqula kuyo kwamenza wadumisa uYehova. Kodwa uphinda asichazele ezinye izizathu zokumdumisa. Zeziphi ezo zizathu? Zeziphi izizathu onazo ezikwenza uthi, “Dumisani uYa”?​—INdu. 147:1.

UYEHOVA UYABAPHILISA ABO BAPHUKE INTLIZIYO

4. Xa uKumkani uKoreshi wakhulula amaSirayeli ekuthinjweni, amele ukuba aziva njani, ibe ngoba?

4 Khawuthelekelele indlela amaSirayeli awayeziva ngayo eBhabhiloni. Abathimbi bawo babewagezela besithi: “Sivumeleni enye yeengoma zaseZiyon.” Ngelo xesha iYerusalem, eyayisisizathu esikhulu kuwo sokuba nemihlali ngoYehova, yayingamabhodlo. (INdu. 137:1-3, 6) Ngoko amaYuda ayengenamdla wokucula. Iintliziyo zawo zazaphukile, ibe ayefuna ukuthuthuzelwa nesiqabu. Kodwa ke sazaliseka isiprofeto sikaThixo, ahlangulwa nguKoreshi, ukumkani wasePersi. Wayoyisa iBhabhiloni esithi: “UYehova . . . undimisele ukuba ndimakhele indlu eYerusalem . . . Nabani na ophakathi kwenu ebantwini bakhe bonke, uYehova uThixo wakhe makabe naye. Ngoko makanyuke.” (2 Kron. 36:23) Kumele ukuba kwathi qabu unoqolomba efile nje kumaSirayeli awayehlala eBhabhiloni!

5. Uthini umdumisi ngamandla okuphilisa kaYehova?

5 UYehova akazange athuthuzele amaSirayeli njengohlanga kuphela kodwa wathuthuzela umntu ngamnye. Kusenjalo nanamhlanje. Lo mdumisi wabhala wathi ngoThixo: “Uyabaphilisa abo baphuke intliziyo, uyazibopha iindawo zabo ezibuhlungu.” (INdu. 147:3) Ngokwenene uYehova ubakhathalele abo basezingxakini​—enoba bayagula okanye bakhathazekile. Namhlanje, uYehova uzimisele nyhani ukusithuthuzela nokuthomalalisa iintlungu esizivayo. (INdu. 34:​18; Isa. 57:15) Usinika ubulumko namandla okunyamezela naziphi na iingxaki esinazo.​—Yak. 1:5.

6. Inokusinceda njani into ethethwa ngumdumisi kwiNdumiso 147:4? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

6 Ngoku lo mdumisi uthetha ngezinto ezisesibhakabhakeni, esichazela ukuba uYehova “ubala inani leenkwenkwezi” ibe “zonke uzibiza ngamagama azo.” (INdu. 147:4) Kutheni ngoku ingathi uyayitshintsha into ebethetha ngayo aze athethe ngeenkwenkwezi? Khawucinge ngale nto: Nangona umdumisi wayezibona ngamehlo akhe ezi nkwenkwezi, wayengaqondi ukuba zininzi kangakanani. Kule minyaka idlulileyo, inani leenkwenkwezi esikwaziyo ukuzibona linyuke kakhulu. Abanye baqikelela ukuba kukho iibhiliyoni zeenkwenkwezi kulo mnyele sikuwo nje kuphela. Ibe kusenokwenzeka xa iyonke iminyele iziitriliyoni! Thina bantu asinakuzibala iinkwenkwezi! Kodwa yena uMdali zonke uzithiye amagama nezibizo. Oku kuthetha ukuba inkwenkwezi nganye uYehova uyakwazi ukuyahlula kwenye. (1 Kor. 15:41) Kuthekani ngabantu abadalileyo emhlabeni? Lo Thixo osoloko esazi inkwenkwezi nganye ukuba iphi nangawuphi na umzuzu, ukwazi ukusuka nokuhlala nawe​—⁠wazi ngqo apho ukhoyo, wazi eyona ndlela uziva ngayo, wazi nezona zinto uzidingayo nangawuphi na mzuzu!

7, 8. (a) Xa uYehova enceda abantu bakhe kwiimvavanyo, yintoni aye ayikhumbule? (b) Yenza umzekelo wendlela uYehova anovelwano ngayo xa enceda abantu abangafezekanga.

7 UYehova akaneli nje ukuba nomdla kuwe, kodwa unawo namandla novelwano olufunekayo ukuze akuncede kwiingxaki zobomi onazo. (Funda iNdumiso 147:5.) Usenokucinga ukuba ingxaki okuyo inzima kakhulu ukuba uyithwale. UThixo uyazazi izinto ongakwaziyo ukuzenza, kuba ‘ukhumbula ukuba uluthuli.’ (INdu. 103:14) Kuba singafezekanga, sisoloko sisenza iimpazamo ezinye. Siye sizisole xa siye sathetha izinto esingazicinganga, xa kuman’ ukuphutshuluka ubuntu esingabuthandiyo, okanye xa simonela abantu ngezinto zabo! UYehova akazenzi ezi mpazamo; kodwa indlela asiqonda ngayo iyamangalisa kwaye ingaphaya kweengqondo zethu!​—Isa. 40:28.

8 Mhlawumbi sele usivile isandla sikaYehova esinamandla sikunceda kwinto ebikuvavanya. (Isa. 41:10, 13) Ngokomzekelo, udade onguvulindlela, uKyoko, wadimazeka kakhulu emva kokutshintsha isabelo sakhe. UYehova wabonisa njani ukuba uyayiqonda ingxaki yakhe? UKyoko wazibona engqongwe ngabantu abayiqondayo indlela aziva ngayo. Kwakungathi uYehova uthi kuye: “Ndiyakuthanda, andikuthandi kuba unguvulindlela, kodwa ngenxa yokuba uyintombi yam ezahlulele kum. Ndifuna ube liNgqina lam elonwabileyo!” Wena, ungathi uSomandla ukubonise njani ukuba “akugocagocwa ukuqonda kwakhe”?

UYEHOVA UYASINIKA IZINTO EZIYIMFUNEKO

9, 10. Yintoni eyokuqala uYehova asinika yona ukuze asincede? Zekelisa.

9 Ngamanye amaxesha, usenokudinga izinto zokuphila. Ngokomzekelo, usenokuxhalatyiswa kukungabi nakutya kwaneleyo. Noko ke, nguYehova owadala imijikelo yendalo evelisa ukutya, nkqu noko kukhalelwa ngamantshontsho amahlungulu! (Funda iNdumiso 147:8, 9.) Ukuba uYehova uqhubeka esondla amahlungulu, nawe mthembe ukuba uza kukunika izinto eziyimfuneko.​—INdu. 37:25.

10 Okubaluleke ngakumbi kukuba, uYehova uyasondla elukholweni, sitsho sifumane “uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda.” (Fil. 4:6, 7) Cinga ngomzekelo kaMutsuo nomkakhe, abasivayo isandla esinamandla sikaYehova emva kwetsunami eyantlitha iJapan ngo-2011. Basinda ngokulambisa kuloo tsunami ngokukhwela phezu kwendlu. Kodwa ke, balahlekelwa phantse yiyo yonke into ababenayo. Ngobo busuku balala kwigumbi eliphezulu lendlu yabo elibhodlo kubanda, bengenazibane. Ngentsasa elandelayo, bakhangela into eza kubomeleza neza kuqinisa ukholo lwabo. Bafumana iNcwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2006. Zisuka nje uMutsuo watsalwa ngumxholo othi “Eyona Tsunami Yabulala Abantu Abaninzi.” Wawuthetha ngenyikima eyenzeka eSumatra ngo-2004, eyadala ezona tsunami zakha zenza umonakalo omkhulu kwimbali yabantu. UMutsuo nenkosikazi yakhe balila xa befunda loo mava. Basiva isandla sikaThixo xa wabaqinisa elukholweni kanye ngendlela ababeyidinga nangexesha elililo. UYehova wabanika nezinto ababezidinga zokuphila. Wasebenzisa abazalwana ukuze abancede bafumane ezo zinto. Kodwa eyona nto yabomeleza kakhulu kukutyelelwa ngabameli bentlangano kaThixo. UMutsuo uthi: “Ndeva ukuba uYehova usecaleni kwethu nokuba usikhathalele. Ndathuthuzeleka nyhani!” UThixo usinika izinto eziqinisa ukholo kuqala, emva koko asinike izinto esizidingayo ukuze siphile.

XHAMLA KUMANDLA KAYEHOVA OKUKHUSELA

11. Yintoni efunekayo kwabo bafuna ukuxhamla kumandla kaThixo okukhusela?

11 UYehova usoloko ekulungele ukungenelela aze akhulule abalulamileyo. (INdu. 147:6a) Kodwa sinokuxhamla njani kwinto yokuba ekulungele ukusinceda? Simele simkholise. Ukuze sibe njalo, kufuneka silulame. (Zef. 2:3) Abalulamileyo bayamlinda uThixo alungise izinto ezimbi ezenziwe kubo aze apholise amanxeba abo. UYehova uyavuyiswa ngabo.

12, 13. (a) Yintoni esimele siyiphephe ukuze sixhamle kuncedo lukaThixo? (b) Ngoobani uYehova avuyiswayo ngabo?

12 Kanti kwelinye icala, uThixo “ubakhahlela phantsi” abangendawo. (INdu. 147:6b, iBhayibhile yesiXhosa ka-1996) Ngamazwi abukhali la! Ukuze sixhamle kuthando lukaYehova olungagugqiyo kwaye sibaleke ingqumbo yakhe, kufuneka sikuthiye oko akuthiyileyo. (INdu. 97:10) Ngokomzekelo, kufuneka sikuthiye ukuziphatha okubi. Loo nto ithetha ukuba simele sihambele kude kwizinto ezinokusikhokelela ekubeni senjenjalo, kuquka ukubukela iphonografi okanye amanyala. (INdu. 119:37; Mat. 5:28) Isenokuba ngumlo onzima lo, kodwa intsikelelo kaYehova sifanele siyilwele nangayiphi na indlela.

13 Ukuze sikwazi ukulwa lo mlo, simele sithembele ngoYehova, singazithembi. Ngaba unokuvuya ukuba besinokuzama ukuzisindisa “ngamandla ehashe,” oku kukuthi, siye kwiindawo ezijongwa njengezincedayo? Hayi! Asifanele kananjalo sithembele ‘kwimilenze yomntu,’ senze ngathi thina okanye abanye abantu banokukwazi ukusindisa abantu. (INdu. 147:10) Kunoko, kufuneka simcenge uYehova asincede. Akafani nabacebisi abangabantu, akadikwa kukumamela izicelo zethu, nokuba sisoloko sicela asincede. “UYehova uyoliswa ngabo bamoyikayo, ngabo balindela ububele bakhe bothando.” (INdu. 147:11) Sinokumthemba ukuba ngenxa yothando lwakhe olungagungqiyo, akayi kusilahla kwaye uya kusinceda siyoyise yonke iminqweno ephosakeleyo.

14. Yintoni eyakhuthaza umdumisi?

14 UYehova uyabaqinisekisa abantu bakhe ukuba uza kubanceda xa bemdinga. Xa umdumisi wayecinga ngokwakhiwa kwakhona kweYerusalem wacula wathi ngoYehova: “Uyenze yomelela imivalo yamasango akho; ubasikelele oonyana bakho phakathi kwakho. Ubeka uxolo kummandla wakho.” (INdu. 147:13, 14) Wakhuthazeka nyhani umdumisi akuqonda ukuba uThixo wayeza kuwaqinisa amasango esixeko ukuze akhusele abanquli bakhe!

ILizwi LikaThixo linokusinceda njani xa sisonganyelwa ziimvavanyo? (Jonga isiqendu 15-17)

15-17. Ngamanye amaxesha sinokuziva njani ngeengxaki esinazo, ibe uYehova usinceda njani ngeLizwi lakhe? (b) Zekelisa indlela ‘ilizwi likaThixo elibaleka ngayo ngokukhawuleza.’

15 Mhlawumbi uneengxaki ezikwenza ube nexhala. UYehova unokukunceda usebenzise ubulumko uze ukwazi ukuzithwala ezo ngxaki. Umdumisi wathi uThixo wakhe “uthumela intetho yakhe emhlabeni; ilizwi lakhe libaleka ngokukhawuleza.” Emva koko, wathi uYehova uthumela ‘ikhephu, achithachithe iqabaka, aze aphose umkhenkce’ okanye isichotho, akugqiba wabuza lo mbuzo: “Ngubani na onokuma phambi kwengqele yakhe?” Wongeza athi uYehova “uthumela ilizwi lakhe lize linyibilikise.” (INdu. 147:15-18) UThixo wethu onabo bonke ubulumko, nawo onke amandla, olawula isichotho nekhephu, angakunceda ukwazi ukoyisa yonke imiqobo exabe phambi kwakho.

16 Namhlanje uYehova usikhokela ngeLizwi lakhe, iBhayibhile. Kwaye “ilizwi lakhe libaleka ngokukhawuleza” ngokuthi akhawuleze ukusinika ulwalathiso xa siludinga. Cinga ngendlela oncedakala ngayo xa ufunda iBhayibhile, uphanda kwiincwadi nakwiimagazini ezilungiselelwe “likhoboka elithembekileyo neliyingqondi,” ubukela iJelo Losasazo LamaNgqina KaYehova, ungena ku-jw.org, uthetha nabadala naxa ukunye namanye amaKristu. (Mat. 24:45) Ngaba awukaboni ukuba uYehova usinika ukhokelo ngokukhawuleza?

17 USimone uyazi kuye indlela elinamandla ngayo iLizwi LikaThixo. Wayeziva engento, ethandabuza nokuba uThixo angakholiswa nguye. Kodwa ke, xa edimazekile, wayethandaza angayeki, ecela uYehova ukuba amncede. Wayekukhuthalele nokufunda iBhayibhile. Uthi, “Kuzo zonke iimeko ndisoloko ndiweva amandla kaYehova nokhokelo lwakhe.” Le nto imncedile wahlala ezijonga ngendlela efanelekileyo izinto.

18. Kutheni uvakalelwa kukuba uThixo uyakholiswa nguwe, ibe zeziphi izizathu zokuba ukhwaze uthi “Dumisani uYa!”?

18 Lo mdumisi wayeyazi indlela uThixo awayekholiswa ngayo ngabantu bakhe bamandulo. Yayingabo bodwa uhlanga olwalunikwe “ilizwi” likaThixo ‘nemimiselo yakhe nezigwebo zakhe.’ (Funda iNdumiso 147:19, 20.) Namhlanje, nathi sisikeleleke nyhani kuba isithi sedwa ababizwa ngegama likaThixo. Sinenyhweba yokusondela kuYehova kuba simazi kwaye iLizwi lakhe lisebenza ebomini bethu. Njengombhali weNdumiso 147, ngaba awunazizathu zininzi zokukhwaza uthi, “Dumisani uYa!” uze ukhuthaze nabanye abantu benze okufanayo?