Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Lilani Kunye Nabantu Abalilayo”

“Lilani Kunye Nabantu Abalilayo”

“Hlalani nithuthuzelana yaye nisakhana.”​—1 TES. 5:11.

IINGOMA: 121, 75

1, 2. Kutheni kufuneka sithethe ngendlela yokuthuthuzela abafelweyo? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

ELINYE ibhinqa eligama linguSusi lathi: “Kwaphantse kwaphela unyaka sixhelekile emphefumlweni emva kokusweleka konyana wethu.” Kanti omnye umzalwana yena wathi xa inkosikazi yakhe yasweleka ngesiquphe, weva “intlungu engachazekiyo.” Okubuhlungu kukuba ayingabo bodwa abahlelwa yile nto. Kusenokwenzeka ukuba abaninzi kwibandla lamaKristu bebengalindelanga ukuba izalamane nabahlobo babo baza kusweleka ingekapheli le nkqubo. Ukuba ukhe wafelwa sisihlobo sakho okanye wazi umntu okhe wafelwa, mhlawumbi uzibuza lo mbuzo, ‘Banokuncedwa njani abantu abafelweyo bathwale le ntlungu?’

2 Mhlawumbi ukhe weva umntu esithi izinto ziba bhetelana kwakudlula ixesha. Kodwa ke ngaba lixesha lodwa elinyanga umphefumlo owaphukileyo? Omnye udade oswelekelwe ngumyeni wathi, “Kum ingathi eyona nto ichanileyo kukuba zizinto umntu azenzayo ngexesha lakhe ezimenza abe bhetelana.” Kunjalo kanye, njengenxeba, intlungu yomphefumlo inokuya idamba ngokuhamba kwexesha ukuba yongiwa ngononophelo. Yintoni enokubanceda ngokukhethekileyo abantu abaswelekelweyo ukuze aphole amanxeba abanawo emphefumlweni?

UYEHOVA ‘NGUTHIXO WENTUTHUZELO YONKE’

3, 4. Kutheni siqinisekile ukuba uYehova uyaqonda ukuba umntu ofelweyo udinga ukuthuthuzelwa?

3 Asiyithandabuzi nakancinane into yokuba nguBawo wethu osezulwini onovelwano, uYehova, oyena ukwaziyo ukuthuthuzela. (Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 1:3, 4.) UYehova ungoyena simele sifunde kuye ukulila nabalilayo, ibe wathi kubantu bakhe: “Mna—mna ndinguLowo unithuthuzelayo.”​—Isa. 51:12; INdu. 119:​50, 52, 76.

4 UBawo wethu onenceba nothantamisayo uyazi ukuba kunjani ukuswelekelwa zizihlobo, kuba naye waswelekelwa nguAbraham, uIsake, uYakobi, uMoses noKumkani uDavide nabanye. (Num. 12:6-8; Mat. 22:31, 32; IZe. 13:22) ILizwi lakhe liyasiqinisekisa ukuba kuye ingathi alisafiki ixesha lokuba abenze baphile kwakhona. (Yobhi 14:14, 15) Baza kube beyimiqaba-qaba engabikwa hlaba. Kanti ke noNyana kaThixo amthanda kunene​—“awayemthanda ngokukhethekileyo”​—wabulawa kabuhlungu. (IMize. 8:22, 30) Awakho amazwi anokuchaza intlungu amele ukuba wayeyithwele uYehova xa kwakusenzeka loo nto.​—Yoh. 5:20; 10:17.

5, 6. UYehova unokusithuthuzela njani?

5 Asimele siyithandabuze into yokuba uYehova uza kusinceda. Masingalibazisi ke ukuthandaza kuye, simchazele yonke intlungu yethu. Ngokwenene kusenza sixole ukwazi ukuba uYehova uyayazi intlungu esikuyo kwaye usithuthuzela kanye ngendlela esiyidingayo! Kodwa ke usithuthuzela njani?

6 Enye indlela uThixo asinceda ngayo ‘yintuthuzelo yomoya oyingcwele.’ (IZe. 9:31) Amandla kaThixo asebenzayo ayathuthuzela. UYesu wathembisa ukuba uBawo osezulwini wayeza kukuvuyela “ukubanika umoya oyingcwele abo bamcelayo!” (Luka 11:13) USusi, esikhe samcaphula, uthi: “Kukaninzi apho sasivele siguqe ngamadolo, simcele uYehova ukuba asithuthuzele. Qho sisenza loo nto, uxolo lukaThixo lwaluzikhusela iintliziyo neengqondo zethu.”​—Funda eyabaseFilipi 4:6, 7.

UYESU NGUMBINGELELI OMKHULU ONOVELWANO

7, 8. Kutheni le nto sinokuqiniseka ukuba uYesu unako ukusithuthuzela?

7 Uvelwano lukaYehova silubona kakuhle kwizinto ezathethwa nezenziwa nguNyana wakhe onovelwano, uYesu, xa wayelapha emhlabeni. (Yoh. 5:19) UYesu wayethunywe ukuba eze kuthuthuzela “abantliziyo zaphukileyo” kunye nabo “bonke abazilileyo.” (Isa. 61:1, 2; Luka 4:17-21) Ngenxa yoko, wayesoloko enovelwano​—nto leyo ethetha ukuba wayesithi akubona umntu esentlungwini, akufune nyhani ukumnceda adambise loo ntlungu.​—Heb. 2:17.

8 Asiyithandabuzi nakancinane into yokuba xa uYesu wayemncinane wayekhe agutyungelwe lilifu elimnyama naye ngenxa yokufelwa zizihlobo nokufelwa ngabantu abaziyo. Kusenokwenzeka ukuba uYosefu owamkhulisayo, wasweleka xa wayesemncinane. * Khawuthelekelele indlela ekwafuneka anyamezele intlungu ngayo xa weva loo mphanga, mhlawumbi eseneminyaka engaphantsi kwe-20 ukuya kwengaphezulu, kwabe kukho unina, nabantakwabo noodadewabo ababefuna ukuthuthuzelwa nabo.

9. UYesu waba novelwano njani xa kwasweleka uLazaro?

9 Xa uYesu waqalisa umsebenzi wakhe, wayesele ekwazi ukubona ngaphaya kwezinto azijongileyo kwaye enovelwano. Masenze umzekelo ngento eyenzekayo xa kwafika umphanga womhlobo wakhe uLazaro. Nangona uYesu wayesazi ukuba wayeza kumvusa, naye waba buhlungu njengoMariya noMarta. Kwasika kuye entliziyweni kangangokuba zade zathi waxa iinyembezi.​—Yoh. 11:33-36.

10. Kutheni siqinisekile ukuba uYesu usenovelwano?

10 Kusinceda njani namhlanje ukubonisa kukaYesu ukuba unovelwano kwaye uyamthuthuzela umntu osentlungwini? IZibhalo ziyasiqinisekisa ukuba “uYesu Kristu ukwanguye izolo nanamhlanje, nangonaphakade.” (Heb. 13:8) Ekubeni ke “uMmeli Oyintloko wobomi” esazi ukuba kunjani ukufelwa, “unako ukubanceda abo bavavanywayo.” (IZe. 3:15; Heb. 2:10, 18) Ngoko ke, masingayithandabuzi into yokuba uKristu uba buhlungu nangoku xa abantu besentlungwini, uyayazi intlungu abayivayo, kwaye ubanika isiqabu “ngexesha elifanelekileyo.”​—Funda eyamaHebhere 4:15, 16.

‘INTUTHUZELO YEZIBHALO’

11. Ziziphi izibhalo eziye zikuthuthuzele?

11 Ibali elithetha ngentlungu awayekuyo uYesu xa kwasweleka uLazaro liyinxalenye yezibhalo ezininzi ezithuthuzelayo ezifumaneka kwiLizwi LikaThixo. Phofu ke ayisimangalisi loo nto, “kuba zonke izinto ezabhalwa kwixesha langaphambili zabhalelwa ukuyalela thina, ukuze ngonyamezelo lwethu nangentuthuzelo yeZibhalo sibe nethemba.” (Roma 15:4) Ukuba uxhelekile emphefumlweni, zinokukuthuthuzela nawe izibhalo ezifana nezi:

  • “UYehova usondele kwabo baphuke intliziyo; yaye abo bamoya utyumkileyo uyabasindisa.”​—INdu. 34:18, 19.

  • “Xa iingcamango zam eziphazamisayo zaba ninzi ngaphakathi kwam, intuthuzelo yakho [Yehova] yaqalisa ukuthuthuzela umphefumlo wam.”​—INdu. 94:19.

  • “INkosi yethu uYesu Kristu ngokwayo noThixo uBawo wethu, owasithandayo waza wasinika intuthuzelo engunaphakade nethemba elilungileyo ngobubele obungasifanelanga, wanga angazithuthuzela iintliziyo zenu aze aniqinise.”​—2 Tes. 2:16, 17. *

IBANDLA LIYATHUTHUZELA

12. Yiyiphi enye indlela ebalulekileyo esinokubathuthuzela ngayo abantu?

12 Enye into edla ngokuthuthuzela abantu abasentlungwini libandla. (Funda eyoku-1 kwabaseTesalonika 5:11.) Unokubaqinisa uze ubathuthuzele njani abantu ‘abamoya uxhwalekileyo’? (IMize. 17:22) Khumbula ukuba kukho “ixesha lokuthi cwaka nexesha lokuthetha.” (INtshu. 3:7) UDalene owaswelekelwa ngumyeni uthi: “Abantu abafelweyo bayafuna ukuphalaza izinto abazicingayo nabazivayo. Ngoko, eyona nto ibalulekileyo onokuyenza kukubamamela, ungabaphazamisi.” UJunia, owaswelekelwa ngumnakwabo emva kokuba ezibulele, naye uthi: “Nangona ungenakuyiqonda yonke intlungu abakuyo, undoqo kukuba ufune ukwazi indlela abavakalelwa ngayo.”

13. Yintoni ekufuneka siyikhumbule ngentlungu yokuswelekelwa?

13 Ukhumbule ke nokuba abantu ababi buhlungu ngendlela efanayo. Ngamany’ amaxesha iba yintliziyo yaloo mntu kuphela eyiqonda yonke intlungu akuyo, ibe kusenokuba nzima kuye ukuyiphalaza imbilini yakhe. ILizwi LikaThixo lithi: “Intliziyo iyabuqonda ubukrakra bomphefumlo kabani, yaye ngemihlali yayo akakho owasemzini oya kuzibandakanya.” (IMize. 14:10) Kwanaxa umntu eyichaza indlela avakalelwa ngayo, akusoloko kulula ukuba abanye abantu bayifumane eyona nto azama ukuyithetha.

14. Sinokubathuthuzela njani abantu abaswelekelweyo?

14 Kuyacaca ke ngoku ukuba kunokuba nzima ukwazi into omawuyithethe kumntu owonganyelwe yintlungu. Ngoko ke, iBhayibhile ithi “ulwimi lwezilumko luyaphilisa.” (IMize. 12:18) Abantu abaninzi baye bancedwa yincwadana ethi Xa Umntu Omthandayo Esifa ukuze bafumane into amabayithethe. * Kodwa ke, eyona nto idla ngokunceda onokuyenza ‘kukulila nabantu abalilayo.’ (Roma 12:​15) UGaby owaswelekelwa ngumyeni uthi: “Mna olona lwimi ndiluvayo ziinyembezi. Yiloo nto ndisitsho ndibe bhetele xa abazalwana belila kunye nam. Xa besenjenjalo, ndiziva ndingendedwa kule ntlungu.”

15. Sinokwenza ntoni ukuze sithuthuzele abantu xa sinzinyelwa kukuthetha nabo ngomlomo? (Jonga nebhokisi ethi “ Amazwi Athomalalisa Intlungu.”)

15 Ukuba uvakalelwa kukuba uza kuyiloza xa uthetha ngomlomo, mhlawumbi kungalula ukuwathumela ngekhadi, ngeimeyili, ngefowuni, okanye ngeleta amazwi akho okuthuthuzela. Ungacaphula nje isibhalo esithuthuzelayo, ubalise iimpawu omkhumbula ngazo umfi, okanye ubalise iinkumbulo ezimnandi ngaye. UJunia uthi: “Mna ndincedwa kakhulu kukufumana umyalezo omfutshane okhuthazayo okanye kukumenywa ngamanye amaKristu. Ndiye ndizive ndithandwa kwaye ndihoyiwe.”

16. Yiyiphi indlela yokuthuthuzela esebenza kakhulu?

16 Ungaze uwakhe kancinci amandla okuthandaza nomKristu ofelweyo nokumthandazela. Nangona kusenokuba nzima ukukhupha iingcinga zakho kwimeko entununtunu ngolo hlobo, xa uthetha okusentliziyweni yakho, kwanokuba iinyembezi ziyehla kwalapha kuwe kwaye nelizwi liyangcangcazela, inokudamba intlungu yakhe. UDalene ukhumbula oku: “Oodade babekhe bafike beze kundithuthuzela, ibe ndandibabuza ukuba bangandithandazela na. Babeye baqalise ukuthandaza, kube nzima nokuthetha ekuqaleni, kodwa qho, emva kwamazwana ambalwa nje, amazwi abo ayeqina baze batsho ngowona mthandazo usuka kumazantsi eentliziyo. Ukholo nothando lwabo olomeleleyo, kunye nokundixhalabela kwabo, ziluqinisile ukholo lwam.”

UNGAYEKI UKUTHUTHUZELA ABANTU

17-19. Kutheni kufuneka sibathuthuzele abantu abaswelekelweyo?

17 Abantu ababi buhlungu ngendlela efanayo. Ngoko, fumaneka nje wena, ungafumaneki kwiintsuku zokuqala xa kusekho abahlobo nezizalwana kuphela, kodwa fumaneka nasemva kweenyanga abantu bebuyele kwizinto zabo. “Iqabane lokwenyaniso lithanda ngamaxesha onke, yaye lingumzalwana ozalelwe ixesha lokubandezeleka.” (IMize. 17:17) AmaKristu amele amthuthuzele umzalwana okanye udade logama nje esadinga ukuthuthuzelwa kwintlungu yakhe.​—Funda eyoku-1 kwabaseTesalonika 3:7.

18 Ukhumbule ukuba abantu xa befelwe, amanxeba abo anokuthunukwa kukufika komhla awasweleka ngawo okanye abatshata ngawo, luhlobo oluthile lomculo, ziifoto, kukwenza izinto ezithile, nkqu nevumba, isandi okanye ixesha elithile lonyaka. Izinto ezininzi ezenziwa ngumzalwana okanye ngudade obetshatile​—ezinjengokuya endibanweni okanye eSikhumbuzweni​—zinokuwavusa amanxeba xa ezenza okokuqala eyedwa. Omnye umzalwana uthi: “Ndandilindele ukuba kube nzima kakhulu xa kufika umhla esatshata ngawo okokuqala engekho, ibe kwakungelula. Kodwa abazalwana noodade abambalwa benza into baza bamema abahlobo bam abasondeleyo ukuze ndingabi ndedwa.”

19 Kodwa ke abantu abafelweyo abadingi kuthuthuzelwa ngezihlandlo ezikhethekileyo zodwa. UJunia uthi: “Uncedo kunye nobudlelane obufumana xa ingengomhla ukhethekileyo budla ngokunceda kakhulu. Loo mathuba angacetywanga abaluleke kakhulu kwaye ayathuthuzela.” Nyhani ke, asinakukwazi ukuyisusa yonke intlungu okanye ukuvala isikhewu esishiywe kukusweleka kwesihlobo somzalwana okanye udadewethu, kodwa sinako ukumthuthuzela ngokuzama ukumnceda. (1 Yoh. 3:18) UGaby ukhumbula oku: “Ndiyambulela uYehova ngabadala abanothando abebesoloko besecaleni kwam ngeli xesha limnyama. Ngokwenene bandenze ndaziva iingalo zikaYehova ezinothando emagxeni am.”

20. Kutheni izithembiso zikaYehova zisithuthuzela nje?

20 Kusiqinisa ngokwenene ukwazi ukuba uYehova, uThixo wentuthuzelo yonke, uza kuyitshayela ithi tu intlungu aze azise isiqabu ngonaphakade xa ‘bonke abo bakumangcwaba enkumbulo beliva ilizwi lakhe uKristu baze baphume’! (Yoh. 5:28, 29) UThixo uthembisa ukuba “uya kuginya ukufa ngonaphakade, yaye iNkosi enguMongami uYehova ngokuqinisekileyo iya kosula iinyembezi ebusweni bonke.” (Isa. 25:8) Ngelo xesha, endaweni yokuba abemi bomhlaba ‘balile kunye nabantu abalilayo,’ bonke baya kuba “nemihlali kunye nabantu abanemihlali.”​—Roma 12:15.

^ isiqe. 8 IBhayibhile igqibela ukuthetha ngoYosefu xa uYesu wayeneminyaka eyi-12 ubudala. Xa uYesu wayesenza ummangaliso wakhe wokuqala, wokujika amanzi abe yiwayini, akuthethwa nto ngoYosefu ukususela ngoko ukuya phambili. Xa wayekwisibonda sentuthumbo, uYesu wayaleza uMariya kumpostile uYohane, nto leyo uYesu awayengenakufane ayenze ukuba uYosefu wayesaphila.​—Yoh. 19:26, 27.

^ isiqe. 14 Jonga nenqaku elithi “Thuthuzela Abantu Abasentlungwini, NjengoYesukwiMboniselo kaNovemba 1, 2010.