Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ulwazi Olusenza Sisondele kuThixo

Ulwazi Olusenza Sisondele kuThixo

UMdali wethu, akasosidalwa njee esinamandla, unazo neempawu ezithandekayo. Ufuna sifunde ngaye, size sibe ngabahlobo bakhe. (Yohane 17:3; Yakobi 4:8) Yiloo nto esixelela izinto ezininzi ngaye.

UMdali Wethu Unegama Lakhe

“Kwanga abantu bangazi ukuba wena, ogama linguYehova, nguwe wedwa Oyena Uphakamileyo phezu komhlaba wonke.”​—INDUMISO 83:18.

IBhayibhile isifundisa ukuba, oyena Thixo wokwenene nguYehova. Nguye owadala zonke izinto eziphilayo, kwaye nguye kuphela ekufuneka simkhonze.​—ISityhilelo 4:11.

UYehova NguThixo Onothando

“UThixo uluthando.”​—1 YOHANE 4:8.

UYehova usebenzisa iBhayibhile nezinto azidalileyo ukuze asifundise ngohlobo lomntu alulo. Uthando lolona phawu lwakhe luphambili. Uqhutywa luthando kuyo yonke into ayenzayo. Qho xa sifunda ngoYehova siye simthande kakhulu kunakuqala.

UYehova NguThixo Oxolelayo

“Wena unguThixo oxolelayo.”​—NEHEMIYA 9:17.

UYehova uyayazi ukuba asifezekanga. Yiyo loo nto ekulungele ‘ukusixolela’. Xa sicela uxolo kuye size sizame ukuba singaphindi sizenze ezo zinto zimbi besisenza, uza kusixolela, ibe akasoze aphinde asohlwaye ngenxa yezinto ebesizenze kudala.​—INdumiso 103:12, 13.

UYehova Ufuna Sithandaze Kuye

“UYehova usondele kubo bonke abo bakhalela kuye . . . Uyabeva xa bekhalela uncedo.”​—INDUMISO 145:18, 19.

UYehova akalindelanga ukuba senze imicimbi nemisebenzi ethile, okanye kubekho imifanekiso esiyisebenzisayo xa siza kumkhonza. Uyayimamela imithandazo yethu, kanye ngendlela abazali abanothando ababamamela ngayo abantwana babo ababathandayo xa bethetha.