Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Incwadi Yakudala Esincedayo Nanamhlanje

Incwadi Yakudala Esincedayo Nanamhlanje

Abantu abaninzi bathi iBhayibhile yincwadi engcwele, esifundisa indlela esimele simkhonze ngayo uThixo. Kodwa akuphelelanga apho, inamacebiso aluncedo endlela esimele siphile ngayo.

Khawujonge indlela abanye abantu ekubancede ngayo ukufunda iBhayibhile nokusebenzisa amacebiso ayo ebomini babo.

“Ubomi bam bubhetele kakhulu ngoku. Indlela endicinga ngayo nendiziva ngayo itshintshile. Ndonwabile.”—UFiona.

“Ukufunda iBhayibhile kundincede ndayazi into endiyiphilelayo.”—UGnitko.

“Zange ndonwaba ngale ndlela ebomini bam bonke. Andisebenzi kakhulu ibe ixesha elininzi ndilichitha nentsapho yam.”—UAndrew.

Baninzi abantu abancedwe yiBhayibhile. Emhlabeni wonke, abantu abaninzi baye bawasebenzisa amacebiso endlela yokuphila aseBhayibhileni.

Masijonge indlela iBhayibhile ebancede ngayo abantu baphucula . . .

  • Impilo yabo

  • Indlela abaziva ngayo

  • Indlela abaziphatha ngayo iintsapho zabo nabahlobo

  • Indlela abayisebenzisa ngayo imali

  • Ubuhlobo abanabo noThixo

Kulo Vukani uza kufunda ukuba iBhayibhile yincwadi evela kuThixo ibe inokukunceda kakhulu ebomini bakho.