Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukukhonza Ngaphandle Kokuzisola

Ukukhonza Ngaphandle Kokuzisola

“Ndiyazilibala izinto ezingasemva ndize ndolulele kwizinto ezingaphambili.”—FIL. 3:13.

1-3. (a) Kutheth’ ukuthini ukuzisola, yaye kunokusichaphazela njani? (b) Yintoni esinokuyifunda kuPawulos ngokukhonza uThixo ngaphandle kokuzisola?

ENYE imbongi yakha yathi: “Kuwo onke amazwi akhe athethwa okanye abhalwa, alikho elibuhlungu njengelithi: ‘Akwaba!’”[1] Le mbongi nguJ. G. Whittier, ibe wayebhekisela kwezo zinto sidla ngokuzisola ngazo sisithi, akwaba sasizenze ngenye indlela. “Ukuzisola” yintlungu eba sengqondweni, ukukhathazwa yinto oyenzileyo okanye oye wayiyeka akwayenza, ize imane “ikulilisa.” Sonke sinezinto esithi ukuba besinokubuyisela izinto emva, besiya kuzenza ngenye indlela. Ziziphi wena ozisolayo ngazo?

2 Bakho abantu abaye benza iimpazamo ezinzulu, de benza nezono ezinzulu. Bambi akukhonto imbi bayenzileyo, nto nje bayazibuza enoba izinto abaye bazikhetha ebomini zezona zibhetele kusini na. Abanye baye balibala ngezinto zexesha elidlulileyo baza baqhubeka nobomi. Kukho nabo bathi behleli nje babe besithi, “akwaba” ngenxa yezinto ezadlulayo. (INdu. 51:3) Kuthekani ngawe? Ngaba unqwenela kuthi kanti ubunokumkhonza uThixo ngaphandle kokuzisola—enoba uqala namhlanje ukusa phambili? Ngaba ukho umzekelo esinokufunda kuwo? Ingangokabani omnye, ngaphandle kwalowo wompostile uPawulos.

3 Ngexesha lakhe, uPawulos wenza iimpazamo ezinkulu kunye nezigqibo zobulumko. Wayezisola gqitha ngezinto awazenzayo, kodwa wafunda ukutsolisa amehlo akhe ekwenzeni ukuthanda kukaThixo kangangoko. Makhe sibone ukuba umzekelo wakhe uza kusifundisa ntoni ngokukhonza uThixo ngaphandle kokuzisola.

IKHONDO AWAYEZISOLA NGALO UPAWULOS

4. Liliphi ikhondo eliphosakeleyo awazisola ngalo uPawulos?

4 EsengumFarisi oselula, uPawulos wenza izinto awazisolayo ngazo kamva. Ngokomzekelo, wayephambili  kwiphulo lenkohlakalo yokutshutshiswa kwabafundi bakaKristu. Ingxelo yeBhayibhile isixelela ukuba ngokukhawuleza emva kokubulawa kukaStefano ngenxa yokholo, “uSawule [owaba nguPawulos kamva] . . . waqhubana ngokuneengcwangu nebandla. Wayengenela izindlu ngezindlu, erhuqela phandle amadoda nabafazi, abanikele entolongweni.” (IZe. 8:3) Umphengululi uAlbert Barnes wathi igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “waqhubana ngokuneengcwangu” “libinzana elinamandla elibonisa inzondelelo nokuqatsela kwendlela [uSawule] awayeyenza ngayo loo ntshutshiso.” UBarnes uthi, “ngobundlobongela uSawule wahlasela ibandla lamaKristu kanye njengerhwamncwa.” NjengomYuda ozinikeleyo, uSawule wayekholelwa ukuba uThixo wayefuna atshabalalise amaKristu. Ngoko watshutshisa amaKristu ngenkohlakalo, ‘ewafuthela ngesisongelo nokuwabulala kokubini amadoda nabafazi,’ ezama ukuwatshabalalisa.—IZe. 9:1, 2; 22:4. *

5. Chaza indlela awaguqulwa ngayo uSawule ekutshutshiseni abalandeli bakaYesu waza washumayela ngoKristu.

5 USawule wayezimisele ukuya eDamasko, ukuze abakhuphele ngaphandle kwemizi yabo abafundi bakaYesu, abarhuqele eYerusalem baye kujamelana nengqumbo yeSanhedrin. Kodwa watsho phantsi, kuba wayesilwa neNtloko yebandla lamaKristu. (Efe. 5:23) Ngoxa esendleni eya apho, wagagana noYesu waza wabethwa kukukhanya watyhaphaka amehlo. Emva koko, wathunyelwa eDamasko ukuze alindele imiyalelo engakumbi. Siyayazi into eyenzekayo emva koko.—IZe. 9:3-22.

6, 7. Yintoni ebonisa ukuba uPawulos wayeziqonda kakuhle iimpazamo ezibuhlungu zangaphambili?

6 UPawulos waguquka ngokupheleleyo esakuba ngumKristu. Wayeka ukuba lutshaba lobuKristu, waza wangumququzeleli wabo. Sekunjalo, kamva wabhala oku ngaye: “Kambe ke, nivile ngehambo yam yangaphambili ebuYudeni, ukuba ndalitshutshisa ngokugqithiseleyo ibandla likaThixo, ndiliphanzisa.” (Gal. 1:13) Kamva waphinda wakhankanya ukuzisola kwakhe ngekhondo langaphambili xa wayebhalela abaseKorinte, abaseFilipi noTimoti. (Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 15:9; Fil. 3:6; 1 Tim. 1:13) UPawulos zazimphatha iintloni xa ebhala ngezo zinto, kodwa akazange azigalele amanzi ngathi zange zenzeke. Wayeqonda kakuhle ukuba wayenze iimpazamo ezingathethekiyo.—IZe. 26:9-11.

7 Umphengululi weBhayibhile uFrederic W. Farrar wathi xa sicinga ngendlela ebuhlungu ngayo indima kaPawulos yokutshutshisa amaKristu, simele siluqonde kakuhle udano awayenalo nendlela amele ukuba wayegxekwa ngayo ngabanye. Kusenokwenzeka ukuba xa etyelele kwamanye amabandla, wayekhe adibane nabazalwana abaqalayo ukumbona baze bathi, ‘Oo, kanti nguwe uPawulos—nguwe lo wawusitshutshisa!’—IZe. 9:21.

8. Wavakalelwa njani uPawulos ngothando nenceba awayenzelwa nguThixo noYesu, ibe sifunda ntoni thina koku?

8 UPawulos wayeqonda ukuba ekuphela kwento enokumnceda akwazi ukuphumeza ubulungiseleli bakhe, bububele bukaThixo obungasifanelanga. Kwiincwadi zakhe ezili-14 ukhankanya inceba kaThixo izihlandlo ezimalunga nama-90, ngaphezu kwabanye ababhali beBhayibhile. (Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 15:10.) UPawulos wayixabisa gqitha inceba ayenzelwe nguThixo, kangangokuba wenza konke okusemandleni ukuze ambulele. Ngenxa yoko ‘wasebenza ukubagqitha bonke’  abanye abapostile. Lo mzekelo kaPawulos ubonisa phandle ukuba xa sizivuma izono zethu size siguquke, ngedini lentlawulelo likaYesu, uYehova ukulungele ukuxolela nezona zono zinzulu sinazo. Ukuba ucinga ukuba izono zakho zinzulu gqitha kangangokuba nedini lentlawulelo likaKristu alizilingenanga, umele ukhumbule lo mzekelo kaPawulos! (Funda eyoku-1 kuTimoti 1:15, 16.) Nangona uPawulos wamtshutshisa ngokuqatha uKristu, wabhala wathi: ‘UNyana kaThixo wandithanda de wazinikela ngenxa yam.’ (IZe. 9:5; Gal. 2:20) UPawulos wafunda ukukhonza uThixo ngamandla akhe onke ukuze kungabikho nto anokuphinda azisole ngayo. Ngaba yiloo nto oyifundileyo nawe?

UPawulos wafunda ukukhonza uThixo ngaphandle kokuzisola

NGABA UNEZINTO OZISOLA NGAZO?

9, 10. (a) Ziziphi izinto ezinokuxhalabisa abakhonzi bakaYehova? (b) Kutheni kungancedi nganto ukuhlala sizixhalabise ngeempazamo ezidlulileyo?

9 Ngaba kukho izinto owazenzayo nozisolayo ngazo? Ngaba unqwenela kuthi kanti wasebenzisa ixesha namandla akho kwizinto ezibaluleke ngakumbi? Ngaba ukhe wenza into ebuhlungu kwabanye? Kusenokwenzeka ukuba kukho nto ithile ozisolayo ngayo ngenxa yezizathu ezithile. Yintoni ke onokuyenza ngayo?

10 Kukho abantu abahlala bexhalabile! Ukuhlala uxhalabile kuthetha ukuzisola, ukuzingcungcuthekisa, nokuzitshutshisa. Kubangela ubani ahlale exhalabile. Ngaba zikho iingxaki ezilungiswa kukuxhalaba? Nakanye! Nqwa nokungqisha ndawonye de uphelelwe ngamandla kungekho ndawo ufika kuyo! Kunokuhlala uxhalabile, kubhetele uzame ukuyilungisa loo ngxaki. Usenokucela uxolo kumntu omonileyo ukuze nibe seluxolweni. Cinga ngento ebangele ukuba wenze loo mpazamo ukuze ungayiphindi. Maxa wambi kusenokufuneka unyamezele imiphumo ebangelwe ziimpazamo ozenzileyo. Kodwa kona ukuzixhalabisa ngeempazamo ezidluleyo akuyi kukunceda nganto ngaphandle kokukutheza amandla ungakwazi ukukhonza uThixo.

11. (a) Yintoni esimele siyenze ukuze uYehova asenzele inceba nobubele bothando? (b) IBhayibhile ithi simele senze ntoni ukuze sibe noxolo lwengqondo xa sixhalatyiswa ziimpazamo ezidlulileyo?

 11 Abanye baye bacinge ukuba abasaxabisekanga kuThixo ngenxa yeempazamo zexesha elidluleyo. Bavakalelwa ukuba uThixo akanakuze abenzele inceba, ngenxa yobunzulu beempazamo zabo okanye ngenxa yokuziphindaphinda. Kodwa, inyaniso kukuba, enoba yintoni abayenzileyo banokuguquka, bashiye ikhondo labo baze bacele uThixo abaxolele. (IZe. 3:19) Nabo uYehova unokubenzela inceba nothando kanye njengokuba esoloko esenza kwabaninzi. Uya kuxolela nabani na ozithobayo, aze aguquke ngokunyaniseka. UYehova wamxolela uYobhi, owathi: “Ndiyaguquka ndiseluthulini naseluthuthwini.” (Yobhi 42:6) Ngamana sonke singathobela oko kuthethwa yiBhayibhile ukuze sibe noxolo lwengqondo: “Okugubungelayo ukunxaxha kwakhe akayi kuphumelela, kodwa okuvumayo aze akushiye uya kwenzelwa inceba.” (IMize. 28:13; Yak. 5:14-16) Simele sizivume izono zethu kuThixo, sithandazele ukuba asixolele emva koko silungise izenzo zethu. (2 Kor. 7:10, 11) Emva kokuba senze konke oku, siya kufumana inceba kaYehova ‘oxolela ngokukhulu.’—Isa. 55:7.

12. (a) Yintoni esiyifundayo kuDavide ngendlela yokuhlangabezana nokutyiwa sisazela? (b) Kutshiwo ngayiphi ingqiqo ukuba uYehova uyazisola, ibe kusinceda njani ukwazi oko? (Funda ibhokisi.)

12 Umthandazo yeyona ndlela uThixo anokusinceda ngayo. Kwenye yeendumiso zakhe ezichukumisayo, uDavide wavakalisa ukholo awayenalo lokuba uYehova wayewuphendule umthandazo wakhe. (Funda iNdumiso 32:1-5.) Njengokuba uDavide evuma, ukucinezela isazela esimtyayo kwamngcungcuthekisa kanobom! Kuyabonakala ukuba oku kwamphazamisa engqondweni nasemzimbeni watsho waphelelwa luvuyo ngenxa yokufihla isono sakhe. Wancedwa yintoni ukuze axolelwe yaye akhululeke? Wavuma isono sakhe kuThixo. UYehova wayiphendula imithandazo kaDavide waza wamomeleza ukuba atyhalele phambili nobomi ukuze aqhubeke esenza okulungileyo. Ngokufanayo, ukuba uthandaza ngokusuka entliziyweni umele uqiniseke ukuba uYehova uya kukuxolela. Ukuba usazisola ngeempazamo ezidlulileyo, yenza oko unako ukuze uzilungise emva koko ube nokholo lokuba uYehova ukuxolele!—INdu. 86:5.

CINGA NGEKAMVA

13, 14. (a) Yiyiphi eyona nto simele sizixhalabise ngayo? (b) Yiyiphi imibuzo enokusinceda sicingisise ngeyona nto siyenzayo ngoku?

13 Yinyaniso ukuba sinokufunda kwizinto ezidluleyo, kodwa asinakuhlala sizixhalabisa ngazo. Simele sizixhalabise ngobomi bangoku nobexesha elizayo. Yintoni esiyenzayo ngoku, okanye esingayenziyo, esiya kuthi akwaba sasingayenzanga okanye akwaba sasiyenze ngolunye uhlobo? Ngaba uThixo simkhonza ngendlela eya kwenza singazisoli ngomso?

 14 Njengokuba imbandezelo enkulu ikufuphi, kuya kuba bubulumko ukuzibuza oku: ‘Ngaba andinakwenza okungakumbi enkonzweni kaThixo? Kutheni ndingengovulindlela nje? Ndibanjwe yintoni ndingabi sisicaka solungiselelo nje? Ngaba ndizama kangangoko ukwambatha ubuntu obutsha? Ngaba ndiyakufanelekela ukuphila kwihlabathi elitsha likaYehova?’ Kunokube sizisola ngezinto esingakhange sikwazi ukuzenza, simele sicinge ngezinto esizenzayo ngoku size siqinisekise ukuba senza konke esinako ekukhonzeni uYehova. Simele senze izigqibo esingayi kuzisola ngazo ngomso.—2 Tim. 2:15.

UNGAZE UZISOLE NGENKONZO ENGCWELE

15, 16. (a) Ziziphi iintlobo zenkonzo yokuzincama eziye zenziwa ngabaninzi ukuze inkonzo kaThixo ibe kwindawo yokuqala kubomi babo? (b) Kutheni singamele sizisole ngayo nayiphi na inkonzo yokuzincama esiyenzileyo ukuze senze inkonzo kaThixo?

15 Kuthekani ngabo baye bazincama ngokukhonza uYehova ixesha elizeleyo? Mhlawumbi wancama umsebenzi ohlawulayo okanye ishishini eliqhuba kakuhle waza waphila ubomi obulula ukuze ube nexesha elingakumbi lokukhonza uYehova. Mhlawumbi uye wahlala ungatshatanga okanye ukuba utshatile, wagqiba ekubeni ungabi nabantwana ukuze ukwazi ukuphumeza ezinye iintlobo zenkonzo yexesha elizeleyo obungayi kuzifumana ukuba ubunabo—inkonzo yaseBheteli, ukwakha kumazwe ngamazwe, umsebenzi wesiphaluka, okanye ukuba ngumthunywa wevangeli. Ekubeni ngoku usaluphala kule nkonzo, ngaba umele uzisole ngokukhetha yona? Ngaba umele uvakalelwe kukuba waphazama yayingekabi lixesha lokungena kuyo? Nakanye!

16 Wakhetha le nkonzo ngenxa yokuba umthanda gqitha uYehova yaye unomnqweno ongazenzisiyo wokunceda abanye ababefuna ukumkhonza. Akumele ucinge ukuba ubomi bakho ngebubhetele ukuba wawungangenelelanga le nkonzo. Umele uvuyiswe kukwazi ukuba wenza ukhetho olufanelekileyo olwalulungele imeko yakho. Umele ube nemihlali ngokuba uYehova wamnika okona kulungileyo. Akanakuze ayilibale inkonzo yakho yokuzincama. Kubomi bokwenene obuzayo, uya kukuvuza ngeentsikelelo ezingenakuthelekiswa nayo nantoni na onokuyicinga!—INdu. 145:16; 1 Tim. 6:19.[15]

OKO UNOKUKWENZA UKUZE UNGAZISOLI

17, 18. (a) Yintoni eyanceda uPawulos wakhonza uThixo ngendlela awayengenakuphinde azisole ngayo? (b) Yiyiphi indlela onokumxelisa ngayo ekukhonzeni uYehova?

17 Yintoni eyanceda uPawulos wakhonza uThixo ngendlela awayengenakuphinde azisole ngayo? Inguqulelo yeBhayibhile kaJ. B. Phillips, iwabeka ngolu hlobo amazwi kaPawulos: “Ndizishiya ngasemva izinto ezidlulileyo ndize izandla zam ndizixakekise ngezinto ezingaphambili njengoko ndikhangele emvuzweni.” (Funda eyabaseFilipi 3:13, 14.) UPawulos akazange azilibazise ngokucingana nekhondo eliphosakeleyo lobuYuda awayengasekho kulo. Into awayenzayo, wabhokoxa onke amandla akhe ukuze afumane umvuzo wobomi obungunaphakade.

18 Sonke sinokufunda nto kula mazwi kaPawulos. Kunokuhlala sizixhalabisa ngezinto ezidlulileyo esingenakuzitshintsha, simele sikhangele phambili kwizinto esinokuzenza ukuze sifumane umvuzo. Sisenokungakwazi ukuzilibala iimpazamo ezidlulileyo, kodwa asimele sihlale sizihlab’ amadlala ngenxa yazo. Simele siziphose ngasemva, sikhonze uThixo ngamandla ethu onke size sikhangele kwikamva elimangalisayo asilungiselele lona!

^ isiqe. 4 IBhayibhile ibonisa kaninzi ukuba abafazi babephakathi kwabantu abatshutshiswa nguPawulos, nto leyo ebonisa ukuba babenegalelo ekushunyayelweni kweendaba ezilungileyo ngenkulungwane yokuqala, kanye njengokuba kunjalo nanamhlanje.—INdu. 68:11.