Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ungavumeli Nantoni Na Ikwahlukanise NoYehova

Ungavumeli Nantoni Na Ikwahlukanise NoYehova

“Zikhetheleni namhlanje ukuba ngubani na eniya kumkhonza.”—YOSH. 24:15.

1-3. (a) Kutheni uYoshuwa engumzekelo omhle womntu owenza ukhetho olufanelekileyo? (b) Yintoni esimele siyikhumbule xa sisenza ukhetho?

KUBALULEKE gqitha ukwenza ‘ukhetho.’ Kaloku ukhetho lusinceda sigqibe ngekhondo esifuna ukulithabatha ebomini. Umzekelo woku: Ngumntu othi ehamba endleleni suke zahlukane zibe mbini. Umele akhethe ukuba uza kuthatha yiphi. Ukuba uyazazi apho aya khona, umele akhethe leyo iza kumsa kuloo ndawo.

2 IBhayibhile isichazela ngabantu abaninzi ekwafuneka benze ukhetho olufanayo. Ngokomzekelo, uKayin kwafuneka akhethe ukuwulawula okanye anikezele kumsindo wakhe. (Gen. 4:6, 7) UYoshuwa kwafuneka akhethe phakathi koThixo oyinyaniso noothixo bobuxoki. (Yosh. 24:15) UYoshuwa wayekufuna ngamandla ukukhetha ikhondo elifanelekileyo neliza kumsondeza kuYehova. Kodwa yena uKayin, wakhetha ukuphambuka kuYehova.

3 Nathi, kukhe kufuneke senze izigqibo ezibalulekileyo ukuze sihlale kwikhondo elifanelekileyo. Xa kunjalo, simele sikhumbule ukuba ukhetho esilwenzayo lunokumzukisa uYehova luze lusincede sisondele kuye okanye lusahlukanise naye. (Funda amaHebhere 3:12.) Kweli nqaku, nelilandelayo siza kuhlolisisa iinkalo ezisixhenxe zobomi esingamele sizivumele zisahlukanise noYehova.

UMSEBENZI NENGQESHO

4. Kutheni kubalulekile nje ukuphangela?

4 AmaKristu amele aphangele ukuze azondle kunye neentsapho zawo. IBhayibhile ibonisa ukuba, xa kukho nabani na ongafuni kuyondla intsapho yakhe, lo mntu mbi ngaphezu kongakholwayo. (2 Tes. 3:10;  1 Tim. 5:8.) Kuyacaca ukuba kubalulekile ukuphangela, kodwa ukuba asilumkanga ukhetho esilwenzayo lunokusahlukanisa noYehova. Njani?

5. Ziziphi izinto omele ucinge ngazo ngaphambi kokwamkela umsebenzi?

5 Kuthekani xa ufuna umsebenzi? Ukuba kunzima ukufumana umsebenzi kwindawo ohlala kuyo, usenokulingelwa ekubeni wamkele nawuphi na umsebenzi ovelayo. Kodwa kuthekani ukuba loo msebenzi uyangqubana nemigaqo ethile yeBhayibhile? Kuthekani ukuba lo msebenzi uza kufuna uhlale usendleleni ungakwazi ukuba nexesha elaneleyo lokuba kunye nebandla okanye intsapho yakho? Ngaba umele uwamkele, kuba nje usithi ubhetele nokuba unjani kunokungasebenzi? Khumbula ukuba, ukukhetha ikhondo elingafanelekanga kunokukwahlukanisa noYehova. (Heb. 2:1) Enoba ufuna umsebenzi okanye ucinga ngokutshintsha lo ukuwo, yintoni enokukunceda wenze isigqibo sobulumko?

6, 7. (a) Ziziphi iinjongo onokuwufunela zona umsebenzi? (b) Yiyiphi injongo eya kukunceda usondele kuYehova, yaye ngoba?

6 Njengokuba kuye kwaboniswa ngaphambili, ukhetho olwenzayo luya kuxhomekeka kwikhondo ofuna ukuluthabatha ebomini. Khawuzibuze, ‘Ndiwufunela ntoni lo msebenzi?’ Ukuba injongo kukuzondla wena nentsapho yakho ngoxa nikhonza uYehova, uya kufumana iintsikelelo. (Mat. 6:33) UYehova angakunceda xa uphelelwe ngumsebenzi okanye xa iimeko zoqoqosho zingahambi kakuhle. (Isa. 59:1) Kaloku “uyakwazi ukubahlangula esilingweni abantu abanozinikelo lobuthixo.”—2 Pet. 2:9

7 Kuthekani ukuba uwufuna ngenjongo yokuba sisityebi? Usenokuwufumana uze ube siso. Kodwa ke, khumbula, uya kuthi uba siso ube uvile yaye uthe shu! (Funda eyoku-1 kuTimoti 6:9, 10.) Ukuba umsebenzi, ingqesho nobutyebi zezona zinto zibalulekileyo kubomi bakho, ziya kukwahlukanisa noYehova.

8, 9. Yintoni abamele bacinge ngayo abazali ngokuphathelele indlela abawujonga ngawo umsebenzi? Cacisa.

8 Ukuba ungumzali, khumbula ukuba abantwana bakho bayafunda kumzekelo wakho. Yintoni abayibona ibalulekile kuwe—ngaba ngumsebenzi okanye bubuhlobo onabo noYehova? Xa bebona ukuba eyona nto iphambili kuwe, liwonga, udumo nobutyebi, basenokwenza olo khetho lubi nabo. Basenokude bayeke nokukuhlonela njengomzali wabo. Omnye umKristu oselula uthi: “Ekuphela kwento endiyikhumbulayo kukuba uTata ebesoloko exakeke ngumsebenzi wakhe. Ekuqaleni, kwakubonakala ngathi uzibhokoxa kuba efuna ukondla intsapho yakhe. Wayefuna sikhule singadingi nto. Kodwa kutshanje uye wakho undonakele. Ubila esoma, ukuze asithengele izinto zobunewunewu ezingeyomfuneko kangako. Ngenxa yoku, sesijongwa njengezityebi kunokwaziwa ngokukhuthaza abanye bakhonze uThixo. Eyona nto ndiyinqwenelayo kukubona uTata ezibhokoxa ukuze asincede sisondele kuYehova kunokuzixakekisa ngemali.”

9 Bazali, musani ukuvumela imisebenzi yenu inahlukanise noYehova. Miselani umzekelo omhle ukuze abantwana benu babone ukuba eyona nto niyikholelwayo kukuba, ulwalamano oluhle noYehova lubaluleke ngaphezu kwemali.—Mat. 5:3.

10. Yintoni amele acinge ngayo umntu oselula xa eza kukhetha umsebenzi?

10 Ukuba uselula yaye ucinga ngokusebenza, yintoni onokuyenza ukuze wenze ukhetho olufanelekileyo? Njengokuba sesifundile umele ulazi ikhondo olifunayo ebomini. Ngaba uqeqesho nomsebenzi ocinga ngawo uya kukunceda ukwazi ukukhonza uYehova kangangoko okanye uya kukwahlukanisa naye? (2 Tim.  4:10) Ngaba unqwenela ukufana nabantu abaxhomekeke kubuninzi bemali yabo ukuze bonwabe? Ngaba nawe uthembela kuYehova njengoDavide owathi: “Ndakha ndangumfana, kungokunje ndimdala, kodwa andikaboni nabani na olilungisa eshiywe ngokupheleleyo, nenzala yakhe ifuna isonka.” (INdu. 37:25) Oku kufana nokukhetha ikhondo oza kuhamba ngalo. Khumbula ukuba elinye ikhondo liya kukwahlukanisa noYehova, ngoxa elinye liya kukukhokelela kobona bomi bubhetele. (Funda iMizekeliso 10:22; Malaki 3:10.) Liliphi ikhondo oya kulikhetha? *

UKUZIHLAZIYA NOKUZONWABISA

11. Ithini iBhayibhile ngokuzihlaziya nokuzonwabisa, ibe yintoni esimele siyilumkele?

11 IBhayibhile ayithi kuphosakele ukuzihlaziya nokuzonwabisa, ingatsho nokuba kuyinkcitha xesha. UPawulos wabhalela uTimoti esithi: “Ingqeqesho yomzimba iyingenelo kancinane.” (1 Tim. 4:8) IBhayibhile iphinda ithi, ‘kukho ixesha lokuhleka nexesha lokudloba’ ngoxa ikhuthaza ukuba siphumle. (INtshu. 3:4; 4:6) Noko ke, ukuba akulumkanga, ukuzihlaziya nokuzonwabisa kunokukwahlukanisa noYehova. Njani? Zimbini izinto omele uzilumkele kule nkalo—luhlobo olukhethayo nexesha olichitha ekuzihlaziyeni nasekuzonwabiseni.

Sisala sihlaziyekile xa sizihlaziya ngendlela nangomlinganiselo wexesha elifanelekileyo

12. Ziziphi izinto omele ucinge ngazo xa uza kukhetha uhlobo lokuzihlaziya nelokuzonwabisa?

12 Makhe sihlolisise eyokuqala, uhlobo. Singakwazi ukufumana iindlela zokuzihlaziya nezokuzonwabisa ezifanelekileyo. Noko ke, inyaniso kukuba iindlela ezininzi ezikhoyo zikhuthaza izinto ezingafunwayo nguThixo, njengogonyamelo, ukusebenzelana nemimoya nokuziphatha kakubi ngokwesini. Ngoko, simele siluhlolisise kakuhle uhlobo esilukhethayo lokuzihlaziya nelokuzonwabisa. Khawuzibuze, ‘Lundichaphazela njani? Ngaba lundenza ndithande ugonyamelo, ukhuphiswano okanye ubuzwe? (IMize. 3:31) Ngaba lundityela imali? Ngaba lunokubakhubekisa abanye? (Roma 14:21) Ngabantu abanjani olundinxulumanisa nabo? (IMize. 13:20) Ngaba lundenza ndinqwenele izinto ezimbi?’—Yak. 1:14, 15.

13, 14. Kutheni simele sicingisise ngexesha esilichitha ekuzonwabiseni?

13 Enye into omele ucinge ngayo, lixesha  olichitha ekuzihlaziyeni nasekuzonwabiseni. Khawuzibuze, ‘Ngaba ndichitha ixesha elininzi kwezi zinto de ndingabi nalo ixesha leentlanganiso nokushumayela?’ Ukuba ukhetha ukuchitha ixesha elininzi kwezi zinto, aziyi kukuhlaziya ngendlela obulindele ngayo. Enyanisweni, abo bachitha ixesha nje elifanelekileyo kuzo, ngabona basala behlaziyeke ngakumbi. Kubangelwa yintoni oko? Kaloku bona, bayazi ukuba baqale ‘ngezinto ezibaluleke ngakumbi,’ ngoko abasali benomvandedwa emva kokuzihlaziya.—Funda eyabaseFilipi 1:10, 11.

14 Nakuba kubonakala kumnandi ukuchitha ixesha elininzi ekuzonwabiseni, kodwa kunokusahlukanisa noYehova. Udade oneminyaka engama-20 uKim, ukwazi kuye oko. Uthi: “Kwakungekho siyolo sindiphosayo ngempela-veki ngoLwesihlanu, uMgqibelo, nangeCawa. Kodwa ngoku, ndiyabona ukuba zininzi gqitha izinto ezibaluleke ngakumbi endinokuzenza. Ngokomzekelo, ekubeni ndinguvulindlela, ndivuka ngentsimbi yesi-6:00 kusasa ndiye kushumayela, ngoko andinakukwazi ukuba seziyolweni de kubethe eyokuqala neyesibini ekuseni. Ndiyazi ukuba aziphosakelanga zonke iziyolo, kodwa zinokuba ngumqobo. Njengezinye izinto, nazo umntu umele azibeke kwindawo yazo.”

15. Abazali banokubanceda njani abantwana babo bazihlaziye ngendlela ehlaziyayo?

15 Abazali bamele banyamekele iintswelo zokwenyama zentsapho yabo. Banembopheleleko yokuyinceda isondelelane noYehova, izive ithandwa yaye yonwabile. Oku kuquka ukuyilungiselela amaxesha okuzihlaziya. Ukuba ungumzali akumele ujonge konke ukuzihlaziya njengento engafanelekanga. Kakade, zikho iindlela zokuzihlaziya nezokuzonwabisa ezingafanelekanga. (1 Kor. 5:6) Kufuneka nje uziphe ixesha ucingisise ngendlela efanelekileyo eza kushiya ihlaziyeke ngokwenene intsapho yakho. * Oko kuya kuthetha ukuba nina nabantwana benu nikhetha ikhondo eliya kunisondeza ngakumbi kuYehova.

ULWALAMANO LWENTSAPHO

16, 17. Yiyiphi intlungu abaye bajamelana nayo abazali abaninzi, ibe sazi njani ukuba uYehova uyayiqonda intlungu abakuyo?

16 Yinto yemvelo ukuba umzali nomntwana bathandane gqitha kangangokuba noYehova ude azekelise ngolo lwalamano xa echaza indlela abathanda ngayo abantu bakhe. (Isa. 49:15) Ngoko ke, kuba buhlungu gqitha xa ilungu lentsapho limshiya uYehova. Omnye udade onentombi eyasuswa kubudlelane wathi: “Ndandikwengathethekiyo intlungu, ndizibuza, isizathu sokuba ishiye uYehova. Ndade ndaziva ndinetyala.”

17 Ukuba kunjalo nakuwe, uYehova uyiqonda kakuhle indlela ovakalelwa ngayo. Naye “yaba buhlungu intliziyo yakhe” xa wavukelwa ngumntu wokuqala, kwaba sele kulandela nabanye ngaphambi koMkhukula. (Gen. 6:5, 6) Kusenokuba nzima ukuyiqonda le ntlungu xa ingazange ikwehlele. Kodwa, ibingayi kuba bubulumko ukuvumela ihambo embi yelungu lentsapho elisusiweyo isahlukanise noYehova. Ngoko ke, singakwazi njani ukujamelana nale ntlungu ingathethekiyo xa ilungu lentsapho lishiya uYehova?

18. Kutheni abazali bengamele bazibeke ityala xa umntwana wabo eshiya uYehova?

18 Musa ukuzibeka ityala xa umntwana eshiya uYehova. Mntu ngamnye umele akhethe enoba uza kumkhonza na uYehova, ibe lungu ngalinye lentsapho elizahluleleyo nelibhaptiziweyo limele ‘lizithwalele owalo umthwalo.’ (Gal. 6:5) Yena uYehova ulibeka kumoni ityala ngokhetho  alwenzayo kungekhona kuwe. (Hez. 18:20) Enye into omele uyiphephe kukugxeka abanye. Yihlonele indlela uYehova aqeqesha ngayo abantu bakhe. Yilwa noMtyholi —kungekhona abalusi abaye bamsusa ukuze bakhusele ibandla.—1 Pet. 5:8, 9.

Akukho nto iphosakeleyo ngokuhlala unethemba lokuba isihlobo sakho siya kuze sibuyele kuYehova ngenye imini

19, 20. (a) Yintoni abanokuyenza abazali bomntwana osusiweyo kubudlelane ukuze banyamezele loo ntlungu? (b) Liliphi ithemba abanokuhlala benalo?

19 Kwelinye icala, ukuba ukhetha ukuqumbela uYehova, uya kuba uzahlukanisa naye. Enyanisweni, eyona nto limele liyazi elo lungu lentsapho kukuba wena uthanda uYehova ngaphezu kwento yonke—kuquka intsapho yakho. Ngoko ukuze unyamezele le ntlungu, umele uzabalazele ukuhlala unolwalamano olomeleleyo noThixo. Sukuzahlula kubazalwana noodadewenu abangamaKristu athembekileyo. (IMize. 18:1) Thandaza uphalaze imbilini yakho kuYehova. (INdu. 62:7, 8) Ungazami ukufumana izizathu zokuthethelela ukunxulumana kwakho nalowo ususiweyo, njengokuncokola naye nge-e-mail. (1 Kor. 5:11) Xakeka kukwenza ukuthanda kukaYehova. (1 Kor. 15:58) Udade ocatshulwe ngasentla uthi: “Ndiyazi ukuba ndimele ndixakeke kukwenza ukuthanda kukaYehova ukuze ndihlale ndinolwalamano olomeleleyo noluhle naye, oko kuya kwenza ndikwazi ukunceda intombi yam xa ibuyela kuYehova.”

20 IBhayibhile ithi uthando “luthemba izinto zonke.” (1 Kor. 13:4, 7) Akukho nto iphosakeleyo ngokuhlala unethemba lokuba uya kuze abuyele kuYehova ngenye imini. Minyaka le, abenzi bubi abaninzi bayaguquka baze babuyele kwintlangano kaYehova. UYehova akahlali ecaphukile kubo xa beguquka, kunoko “ukulungele ukuxolela.”—INdu. 86:5.

KHETHA NGOBULUMKO

21, 22. Yintoni ozimisele ukuyenza ngendlela oza kuyisebenzisa ngayo inkululeko yokuzikhethela?

21 UYehova ujizeke abantu ngelungelo lokuzikhethela. (Funda iDuteronomi 30:19, 20.) Eli lungelo lithetha ukuba sinembopheleleko enkulu yokwenza ukhetho lobulumko. MKristu ngamnye umele azibuze oku: ‘Ngaba ndenza ukhetho olundigcina kwikhondo elifanelekileyo? Ngaba ndivumela umsebenzi nengqesho, ukuzihlaziya nolonwabo, okanye ulwalamano lwentsapho lundahlukanise noYehova?’

22 UYehova zange khe ayeke ukubathanda abantu bakhe. Ekuphela kwento enokusahlukanisa noYehova kuxa thina siye sakhetha ikhondo eliphosakeleyo. (Roma 8:38, 39) Noko ke, akunyanzelekanga ukuba yenzeke loo nto! Ngamana singazabalazela ukuba kungaze kubekho nto isahlukanisa noYehova. Inqaku elilandelayo liza kuxubusha iinkalo ezine esimele sizilumkele xa sisenza ukhetho ebomini.

^ isiqe. 10 Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngokuphathelele ukukhetha umsebenzi, funda isahluko 38 kwincwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2.

^ isiqe. 15 Ukuze ufumane amacebiso ngeendlela ezifanelekileyo, funda iphepha 17-19 lenkupho kaVukani! kaNovemba 2011.