Yiya kwinkcazelo

 Fundisa Abantwana Bakho

UDavide—Isizathu Sokuba Angoyiki

UDavide—Isizathu Sokuba Angoyiki

NGABA ukhe woyike?— * Maxa wambi inkoliso yethu ikhe yoyike. Xa usoyika, yintoni onokuyenza?— Unokuya kumntu omkhulu nowomeleleyo kunawe. Mhlawumbi umama okanye utata wakho angakunceda. Sinokufunda okuninzi kuDavide ngomntu esinokulufuna kuye uncedo. Wavumela uThixo ingoma esithi: “Mna ndiya kukholosa ngawe. . . . Ndikholose ngoThixo; andiyi koyika.”—INdumiso 56:3, 4.

Ucinga ukuba wakufunda kubani uDavide ukungoyiki? Kubazali bakhe?— Ngokuqinisekileyo kunjalo. Uyise uYese wayengukhokho othembekileyo kaYesu Kristu, “iNkosana yoXolo” eyayithenjiswe nguThixo. (Isaya 9:6; 11:1-3, 10) Uyise kaYese—uyisemkhulu kaDavide—yayinguObhedi. Kukho incwadi yeBhayibhile ethiywe ngegama likamama kaObhedi. Ngaba uyalazi igama lakhe?— NguRute, ibhinqa elinyanisekileyo elalitshate noBhohazi.—Rute 4:21, 22.

Kakade ke, uRute noBhohazi bafa kudala ngaphambi kokuba uDavide azalwe. Umele ukuba uyalazi igama likanina kaBhohazi, ukhokhokazi kaDavide. Wayehlala eYeriko yaye wanceda iintlola zakwaSirayeli. Xa kwakusiwa iindonga zeYeriko, wakhuseleka yena nentsapho yakhe ngokujingisa intambo efestileni. Ngubani igama lakhe?— NguRahabhi, owaba ngumnquli kaYehova, yaye ngumzekelo womntu owaba nenkalipho nomele axeliswe ngamaKristu.—Yoshuwa 2:1-21; 6:22-25; Hebhere 11:30, 31.

Sinokuqiniseka ukuba uyise nonina kaDavide bamfundisa ngaba bakhonzi bathembekileyo bakaYehova kuba abazali babeyalelwe ukuba bafundise abantwana babo. (Duteronomi 6:4-9) Lafika ixesha laxa umprofeti kaThixo uSamuweli wayalelwa ukuba anyule uDavide, oyena wayemncinane kubafana bakaYese, owayeza kuba ngukumkani wakwaSirayeli.—1 Samuweli 16:4-13.

Ngenye imini, uYese wathuma uDavide ukuba ase ukutya kubakhuluwa bakhe abathathu ababesilwa neentshaba zikaThixo ezingamaFilisti. Xa efika uDavide, waya edabini waza weva uGoliyati engcikiva “izintlu zedabi zoThixo  ophilayo.” Bonke babemoyika uGoliyati. UKumkani uSawule weva ukuba uDavide ukulungele ukuya kulwa noGoliyati, waza wambiza. Kodwa akumbona uDavide uSawule wathi: “Wena useyinkwenkwe.”

UDavide wamchazela uSawule ukuba wabulala ingonyama nebhere elalifuna ukuqwenga umhlambi wakowabo. Wathi: “UGoliyati umele abe njengenye yazo.” USawule wathi: “Hamba, yaye ngamana uYehova angaba nawe.” UDavide wachola amatye amahlanu agudileyo wawafaka engxoweni yakhe, wathatha isilingi sakhe, waza waya kulwa nesi sigebenga. Xa uGoliyati wabona le nkwenkwe isiza kuye wathi: “Yiza kum apha, yaye ndiza kunika iintaka inyama yakho.” UDavide uphendula athi: ‘Ndiza kuwe ngegama likaYehova, ngokuqinisekileyo ndiya kukubulala.’

Emva koko uDavide waya kuGoliyati, wathabatha ilitye engxoweni yakhe walifaka kwisilingi sakhe, waza wambetha ebunzi. Athi akubona ukuba ufile, amaFilisti oyika kakhulu aza abaleka. AmaSirayeli awasukela aza awoyisa kwelo dabi. Nceda ulifunde nentsapho yakho eli bali kweyoku-1 kaSamuweli 17:12-54.

Njengomntu oselula, maxa wambi usenokoyika ukuthobela imiyalelo kaThixo. UYeremiya wayeselula yaye ekuqaleni wayesoyika, kodwa uThixo wathi kuye: ‘Musa ukoyika ngenxa yokuba mna ndinawe.’ UYeremiya waba nesibindi waza washumayela, njengoko wayeyalelwe nguThixo. NjengoDavide noYeremiya, nawe unokukholosa ngoYehova, uze ungoyiki.—Yeremiya 1:6-8.

^ isiqe. 3 Ukuba ufunda nabantwana, umgca uthetha ukuba umele unqumame ukuze ubanike ithuba lokuphendula.